IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/14 iphe. 2
  • Lonwabele Eli Xesha LeSikhumbuzo!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lonwabele Eli Xesha LeSikhumbuzo!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Ceba Kwangoku Ukuze Wandise Ubulungiseleli Bakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Ngaba Uza Kuba Nguvulindlela Ongumncedani?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Ixesha LeSikhumbuzo—Ithuba Lokwandisa Inkonzo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Vakalisani Ngokubanzi Iimbalasane ZikaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
km 2/14 iphe. 2

Lonwabele Eli Xesha LeSikhumbuzo!

1. Yintoni esinokuyenza ukuze sivuye nangakumbi ngexesha leSikhumbuzo?

1 Ngaba ungathanda ukwandisa uvuyo onalo ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi? Enye yeendlela zokuyenza loo nto kukusebenza ngakumbi entsimini, ukuba kunokwenzeka ube nguvulindlela ongumncedani. Oku kuza kulongeza njani uvuyo lwakho?

2. Ukusebenza ngakumbi entsimini kuza kulwandisa njani uvuyo esinalo?

2 Yandisa Uvuyo Lwakho: UYehova wasidala ngendlela yokuba sikwazi ukonwaba njengoko sisanelisa intswelo esinayo yokumkhonza. (Mat. 5:3) Enye yeendlela awasidala ngayo yeyokuba sifumane uvuyo xa sisipha abanye. (IZe. 20:35) Intsimi isinceda sizenze zombini ezi zinto, sikhonze uThixo size sincede nabanye. Ngoko lizicacele elokuba xa sisebenza ngakumbi entsimini, novuyo esinalo luyanda. Ukongezelela, okukhona sishumayela kokukhona sisiba nobuchule. Obu buchule buza kusinceda sizithembe size sithobe nexhala. Siza kuba namathuba angakumbi okushumayela size siqalise izifundo zeBhayibhile. Konke oku kwenza siyinandiphe intsimi.

3. Kutheni uMatshi noAprili beza kuba ziinyanga ezintle zokuba nguvulindlela ongumncedani?

3 UMatshi noAprili iza kuba ziinyanga ezintle zokuba ngoovulindlela abangabancedani kuba sisenokukhetha ukwenza iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50. Ukongezelela, ukususela ngoMgqibelo ngoMatshi 22, ukuya kutsho ngoMvulo, ngoAprili 14, siza kube sixakeke liphulo elivuyisayo lokumemela abanye eSikhumbuzweni. Amabandla aza kube exakekile, enemincili kwaye esebenza “ngaxhatha linye” ukuze agubungele intsimi yawo ngeli xesha leSikhumbuzo.—Zef. 3:9.

4. Yintoni ekufuneka siyenze ukuba sifuna ukuba ngoovulindlela abangabancedani?

4 Zilungiselele Kwangoku: Ukuba awukazilungiseleli, khawukhe uhlolisise iimeko zakho uze ubone ukuba ungalwenza phi utshintsho ukuze ukwazi ukusebenza ngakumbi entsimini inyanga enye okanye ezingakumbi. Wuthandazele lo mba. (Yak. 1:5) Ncokola ngawo nosapho lwakho kunye nabanye abasebandleni. (IMize. 15:22) Ungafumanisa ukuba, nakubeni uneengxaki zempilo okanye uphangela, nawe ungalufumana uvuyo olubangelwa kukuba nguvulindlela ongumncedani.

5. Uza kuba yintoni umphumo wokuzibhokoxa entsimini kwezi nyanga zeSikhumbuzo?

5 UYehova ufuna abakhonzi bakhe bavuye. (INdu. 32:11) Ngokuzibhokoxa entsimini kwezi nyanga zeSikhumbuzo, asaneli nje ukwandisa olwethu uvuyo, kodwa sivuyisa noBawo wethu wasezulwini.—IMize. 23:24; 27:11.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share