Nceda Abo Bangenalukholo
1 Kule mihla nakwesi sizukulwana, kuye kwayinto ethandwayo ukujongwa njengomntu ofundileyo nonenkqubela ekucingeni. Iintandabulumko zabantu neengcamango zabo ezingaqhelekanga ziyeyona nto iphambili, ngoxa imilinganiselo yokomoya ityeshelwa. Abantu abanyanisekileyo abanomdla kuphela kwizibakala nakwinyaniso eziqondakalayo baya kukuvuyela ukuba nethuba lokuhlolisisa incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Le ncwadi inokubanceda abo bangenalukholo. (Roma 1:19, 20) Qiniseka ukuba uyabuyela kubo bonke ababonakalisa umdla.
2 Usenokuyiqalisa ingxubusho yakho ngale ndlela:
◼ “Kutyelelo lwam oludluleyo, ndibuze lo mbuzo, Liyintoni ikamva lomntu nelomhlaba? Phawula indlela incwadi endikushiyele yona ewuphendula ngayo loo mbuzo.” Tyhila kwiphepha 161 lencwadi ethi Ililizwi LikaThixo uze umkhuthaze afunde isiqendu 29 nesama-30. Ukuba ubonakalisa umdla ongakumbi, usenokumbuza: “Ukuba ikamva liza kuzisa oku, kutheni umhlaba uzaliswe lugonyamelo nezinye izenzo zenkohlakalo?” Ukuba kufanelekile, le ngongoma unokuyixubusha ngelo xesha okanye xa ubuyela ngokuxubusha isahluko 10 sencwadi ethi Ililizwi LikaThixo.
3 Okanye usenokuzama le ntshayelelo kwibuyelo:
◼ “Eyesibini kuTimoti 3:16, 17 inikela inkcazelo enamandla ngemvelaphi yeBhayibhile; ndingathanda ukwazi okucingayo ngayo. [Yifunde uze uvumele amagqabaza.] Ngaba akuvumelani nelokuba ukuba abantu abangakumbi bebeyijonga ngolu hlobo iBhayibhile, beziya kuba mbalwa iingxaki ezinzulu esinazo ekuhlaleni?” Vumela amagqabaza. Funda isiqendu 4 kwiphepha 176 lencwadi Ililizwi LikaThixo. Buza umninimzi enoba unokubuyela ngelinye ixesha elimfaneleyo ukuze niqhubeke nengxubusho.
4 IBhayibhile yakho uyiphethe ngesandla, usenokuqalisa incoko ngokuthi:
◼ “Sikutyelele ukuze sikuchazele isizathu sokuba ukufundisisa iBhayibhile kuluncedo kumaxesha ethu. Abantu abaninzi banayo iBhayibhile, kodwa bambalwa abachitha ixesha beyifunda. Abanye basixelela ngokuphandle ukuba abasayithembanga kangako iBhayibhile. Uvakalelwa njani wena? [Vumela impendulo.] Enye yezinto eziseyisayo ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo kukuzaliseka kweziprofeto zayo.” Tyhila kwiphepha 134 uze ufunde isiqendu esiyintshayelelo. Wakuba ngokufutshane uchaze iingongoma ezinika umdla kwesi sahluko, thembisa ukubuyela kwiintsuku ezimbalwa ukuze niqhubeke nengxubusho.
5 Enye indlela onokuliqalisa ngayo ibuyelo kungokuthi:
◼ “Uluntu luye lwabandezelwa ziintlungu nosizi ngenxa yobubi nobungendawo. IBhayibhile, iLizwi likaThixo, icacisa isizathu sokuba sibe nezi ngxaki. [Tyhila kwiphepha 134, uze ufunde isiqendu 1 sesahluko 10.] Abo bachitha ixesha behlolisisa iBhayibhile baya kusiqonda esi siprofeto seBhayibhile siphawulekayo ibe kwakhona baya kuba nethemba lokubona lo mhlaba uguqulelwa ekubeni yiparadisi entle.” Cacisela umninimzi ngelungiselelo lethu lesifundo seBhayibhile sekhaya sesisa, umthembise ukubuyela ngexesha eliya kumfanela.
6 Sinokuba yintsikelelo kwabanye ngokusebenzisa le ncwadi ekubancedeni bafumane isiseko sokholo kuMdali wabo.