Usabela Njani Xa Abantu Bengakhathali?
1 Ukungakhathali kukungazidubi kwaphela ngento, ukungabi namdla. Kusesinye sezimo zengqondo ezixhaphake kakhulu nezinzima gqitha esidibana nazo kubulungiseleli. Usabela njani kuko? Ngaba kuye kwakwenza wayekelela kubulungiseleli bakho? Ungakoyisa njani ukuze ufikelele abantu ngesigidimi soBukumkani?
2 Okokuqala, fumana unobangela wokuba abantu kwintsimi yenu bangakhathali. Ngaba benziwa kukuba bephoxwe ziinkokeli zabo zobupolitika nezonqulo? Ngaba baziva bengenandlela yakuphuma kwiingxaki ezibaxinileyo? Ngaba bayawathandabuza amadinga okuthile okulunge ngakumbi? Ngaba abakulungelanga ukucinga ngemibandela yokomoya ngaphandle kokuba babone ingenelo yayo?
3 Balaselisa Ithemba LoBukumkani: Akukho ngxaki ingenakuconjululwa buBukumkani. Ngoko ukuba kuyenzeka, sifanele sithethe ngamadinga oBukumkani, sicaphule amazwi aseZibhalweni, kwanokuba akwenzeki okanye akuyi kumnceda nganto ukumbonisa isibhalo esiseBhayibhileni. (Heb. 4:12) Noko ke, singancokola njani ngolo hlobo?
4 Abantu kufuneka bayiqonde injongo yotyelelo lwethu. Bafanele baqonde ukuba apho sibekwa luthando ngommelwane nenkxalabo ngabantu basekuhlaleni. Sinokubabuza umbuzo ocingisisiweyo njengalo, “Ucinga ukuba siyintoni isicombululo [kwingxaki egquba ekuhlaleni]?” Ukuba enye indlela ayisebenzi, zama enye.
5 Kwenye indawo yezinhanha apho abaninimzi bebengenamdla kwisigidimi soBukumkani, abavakalisi bazabalazela ukufumana intshayelelo eya kuvusa umdla. Xa sasihambisa incwadi ethi Ulwazi, esinye isibini sazama le ntshayelelo: “Ngaba ucinga ukuba imfundo esemgangathweni ibalulekile ukuze ubani aphumelele ehlabathini namhlanje? Ngaba ucinga ukuba imfundo elungeleleneyo iquka ukuba nolwazi ngeBhayibhile?” Ngenjikalanga nje enye sahambisa iincwadi ezintathu, omnye wabantu abazamkelayo yayilibhinqa kamva elathi liye layifunda yonke incwadi ethi Ulwazi yaye lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.
6 Xa abantu bengakhathali, zama iindlela ezahlukeneyo, buza imibuzo eyenza umntu acinge, uze ke utsalele ingqalelo kumandla eLizwi likaThixo. Ngaloo ndlela usenokukwazi ukunceda abanye bamkele ithemba elihle loBukumkani.