IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/97 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zenkonzo Ngo-Oktobha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zenkonzo Ngo-Oktobha
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 6
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 13
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 20
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 27
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 10/97 iphe. 2

Iintlanganiso Zenkonzo Ngo-Oktobha

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 6

Ingoma 39

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. UOktobha yinyanga yokugqibela kuhlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. Bakhuthaze bonke babe nesabelo ngokuzeleyo.

15 imiz: “Ngaba Bonke Abantu Baya Kuze Bathandane?” Imibuzo neempendulo. Hlolisisa iimbalasane zeKingdom News No. 35. Chaza izizathu zokuba abantu entsimini beya kungenelwa kule nkcazelo. Bethelela imfuneko yokuceba kwangoku ukuba nesabelo ekuyisasazeni size sikukhuthalele ukubuyela kubo bonke abanomdla esibafumanayo.

20 imiz: “Sasaza IKingdom News No. 35 Ngokubanzi.” Intetho yokuvula enikelwa ngumveleli wenkonzo. Gubungela isiqendu 5-8 ngemibuzo neempendulo. Hlolisisa amalungiselelo asekuhlaleni okusebenza ngokuthe chatha. Xubusha ngeendlela esinokuqiniseka ngazo ukuba wonke umhlaba siwugubungele. Abavakalisi banokuyisebenzisa iKingdom News No. 35 xa benikela ubungqina kubantu abalinde uduladula, kumashishini amancinane, kwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha nakwezinye iindawo. Nikela amacebiso ngendlela yokunceda abantu abasebatsha abafuna ukuqalisa kumsebenzi wokushumayela. Quka nenkcazelo ekwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 1995, isiqendu 11. Kweminye imimandla kusenokuba yingenelo ukusebenza uwedwa ungaphathanga bhrifkheyisi xa usasaza iphecana iKingdom News. Yiba nemiboniso emifutshane yeentshumayelo ezimbini okanye ezintathu.

Ingoma 126 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 13

Ingoma 41

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Hlolisisa iingongoma esinokuthetha ngazo kwiinkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani! Bakhumbuze bonke ukuba kumsebenzi wempela-veki, kuza kuhanjiswa amaphephancwadi kunye neKingdom News No. 35. Sifanele sibuyele kubo bonke abanomdla.

20 imiz: “INdibano YeSithili ‘Yokuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo’ Yowe-1997.” (Isiqendu 1-12) Imibuzo neempendulo. Funda isiqendu 7 nesesi- 9. Bethelela imbaluleka yeZibhalo yokuhlala siyiphaphele imbonakalo nehambo yethu yamaKristu neyokubabek’ esweni abantwana bethu.

15 imiz: “Usabela Njani Xa Abantu Bengakhathali?” Ingxubusho phakathi kwabadala ababini.

Ingoma 130 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 20

Ingoma 42

15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa amava athile kwi-1996 Yearbook, iphepha 6-8, kwindawo ethi “Ukusasazwa Kwephecana IKingdom News Emhlabeni Wonke.” Balaselisa umgudu owenziwa ngumvakalisi ngamnye ekusasazeni iphecana iKingdom News. Khuthaza bonke babe nesabelo ngokuzeleyo ekusasazeni iKingdom News No. 35.

15 imiz: “INdibano YeSithili ‘Yokuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo’ Yowe-1997.” (Isiqendu 13-19) Imibuzo neempendulo. Funda isiqendu 13 nezibhalo ezibonisiweyo. Bethelela imfuneko yokuba ngonocwangco nonolwazelelelo ngabanye, ingakumbi ngezihlalo. Qukumbela ngentetho emfutshane uhlolisisa “Emasikukhumbule NgeNdibano YeSithili.”

15 imiz: “Ngaba UliNgqina Lexesha Elizeleyo?” Intetho enikelwa ngumdala.

Ingoma 133 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 27

Ingoma 43

12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza ukuba kumaxa sindawoni ekusasazeni iKingdom News No. 35. Cela abaphulaphuli babalise amava akhuthazayo. Nikela ingxelo ngendlela umhlaba omkhulu osetyenzwe ngayo ukuza kuthi ga ngoku noko kuya kufuneka ukuze sibe sesiwugubungele ngoNovemba 16. Sakuba siwugqibile umhlaba, siya kuhambisa incwadi ethi Ulwazi kwixesha elisaseleyo kule nyanga. Bethelela usukelo lokuqalisa izifundo kumabuyelo aye asabela kakuhle kwiphecana iKingdom News. Khuthaza bonke bangenise iingxelo zenkonzo yasentsimini kaOktobha kule mpela-veki.

15 imiz: Indlela Onokulifumana Ngayo Ithemba Kwimeko Enganiki Themba. Intetho enikelwa ngumdala esekelwe kwiMboniselo kaMeyi 15, 1997, iphepha 22-5.

18 imiz: Makukhanye Ukukhanya Kwenu. Intetho nengxubusho esekelwe kwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 84-8. Lungiselela kwangaphambili ukuba nabavakalisi besenza amagqabaza athile ngale mibuzo ilandelayo: (1) Kutheni amaNgqina kaYehova eshumayela kwindlu ngendlu? (2) Le ndlela yayisetyenziswa kangakanani ngenkulungwane yokuqala? (3) Kutheni kufuneka ngokungxamisekileyo nje namhlanje ukuba sishumayele kwindlu ngendlu? (4) Ziziphi iimeko ezisenokwenza kube nzinyana ngathi ukuba nesabelo ngokuthe rhoqo? (5) Sinokulufumana njani uncedo ukuze sizingise? (6) Sisikelelwa njani ngokuvumela ukukhanya kwethu kukhanye? (7) Yintoni esinokuyenza ukuze sibe nempumelelo ngakumbi ekudibaneni nabantu? Yiba nabavakalisi abathathu okanye abane bebalisa amava akhuthazayo abawafumene ngoxa bebesebenza kwiivenkile ngeevenkile okanye kumsebenzi wokunikela ubungqina esitratweni.

Ingoma 136 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share