Cela Uncedo
1 Igama eliphefumelweyo elithi “ekunzima ukujamelana nawo” liwachaza kakuhle amaxesha esiphila kuwo. (2 Tim. 3:1) Ngenxa yoko, unokwenza ntoni xa unokuqutyulwa lucelomngeni olunzima lokomoya osenokuvakalelwa kukuba akuluxhobelanga kwaphela?
2 Ngaba ukulungele ukuthetha nelungu lebandla eliqolileyo ngokomoya? Bambi basenokuba mathidala ngenxa yokuba neentloni, bengafuni ukuba ngumthwalo kwabanye, okanye bethandabuza enoba eneneni kukho umntu onokubanceda kusini na. Kuyavunywa ukuba sifanele sizabalazele ukuzithwalela ngokwethu iimbopheleleko zethu kangangoko sinako, kodwa ngalo lonke ixesha sifanele sizive sikhululekile ukuba sicele uncedo kwizinto ezibandakanya impilo-ntle yethu yokomoya.—Gal. 6:2, 5.
3 Apho Simele Siqale Khona: Usenokufuna ukuthetha nomqhubi wesifundo sencwadi senu uze umbuze enoba akungesebenzi na naye kwinkonzo yasentsimini. Oko kuya kukunika ithuba lokuba umxelele ngomnqweno onawo wokukhula ngokomoya. Ukuba usisicaka solungiselelo, mxelele ukuba ufuna uncedo lokomoya yaye yena uya kucela abadala ukuba bakuncede. Okanye ke usenokuya nakuwuphi na umdala umchazele izinto ezikuxhalabisayo.
4 Ufuna uncedo olunjani? Ngaba kukho nto eye yayithothisa inzondelelo yakho? Ngaba ungumzali ongenaqabane ozama ukugcina abantwana bakhe besondelelene nebandla? Ngaba ungumntu osele ekhulile ofuna ukuncedwa? Okanye ngaba kukho nto ithile ikudimazayo? Kusenokuba nzima ukuqhubana nala maxesha ethu—kodwa ke kunokwenzeka. Uncedo luyafumaneka.
5 Indlela Amadoda Amakhulu Anceda Ngayo: Abadala banenkxalabo ngokwenene. Baya kuziphulaphula izinto ezikuxhalabisayo. Ukuba abanye abavakalisi bajamelana nemiqobo efanayo, abadala baya kuyiqwalasela loo nto njengoko besalusa yaye befundisa ibandla. Ekubeni ‘beyimizekelo emhlambini,’ basoloko bekulungele yaye bekuvuyela ukusebenza nawe. (1 Pet. 5:3) Ukuphulaphula aba bazalwana banamava njengoko beqiqa ngemigaqo yeBhayibhile kunokubuphucula ubulungiseleli bakho kuze kukuncede ebomini bakho.—2 Tim. 3:16, 17.
6 UYesu usiphe “izipho ezingabantu” ezininzi. (Efe. 4:8, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Oku kuthetha ukuba abadala bakho ukuze kungenelwe wena. Bakho ukuze bakuncede. Ngokungathi kunjalo, ‘ngabakho.’ (1 Kor. 3:21-23) Ngoko ke, mus’ ukuba manyonywana, thetha. Cela uncedo kuloo nto ufuna ukuncedwa kuyo.