Inzondelelo Evuselela Uninzi
Umpostile uPawulos wawancoma amaKorinte ngenxa yokuba inzondelelo yawo ngemisebenzi emihle “yavuselela uninzi” lwamanye amaKristu. (2 Kor. 9:2) Ngokufuthi, umntu, intsapho, iqela lesifundo sencwadi, okanye ibandla xa lilonke linokuba nomphumo ofanayo ngokuba nesabelo ngenzondelelo kumsebenzi wobuvangeli. Nazi ezinye zeendlela onokubonisa ngazo inzondelelo kubulungiseleli.
◼ IMigqibelo yakho yigcinele umsebenzi woSuku Lwamaphephancwadi.
◼ Yiba nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini ngeeCawa.
◼ Yiba nesabelo ekunikeleni ubungqina ngamarhatya.
◼ Yiba nesabelo kuzo naziphi na iintsuku ezicwangcisiweyo zokunikela ubungqina.
◼ Iholide yesikolo okanye yomsebenzi yisebenzisele ukuya enkonzweni.
◼ Xhasa ubulungiseleli ebudeni botyelelo lomveleli wesiphaluka.
◼ Yiba nguvulindlela ongumncedani inyanga enye okanye ezingaphezulu ngonyaka.
◼ Lungelelanisa iimeko zakho ukuze ube nguvulindlela othe ngxi ukuba kunokwenzeka.
Bona Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2000, iphepha 17-19.