IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/04 iphe. 4
  • Yiphaphele Indlela Olisebenzisa Ngayo Ixesha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiphaphele Indlela Olisebenzisa Ngayo Ixesha
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ndifanele Ndidlale Imidlalo Ye-Elektroniki?
    Vukani!—2008
  • Indlela Yokuzithengela Ixesha Elifanelekileyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Ngaba Ndifanele Ndidlale Imidlalo Yekhompyutha Okanye Yevidiyo?
    Vukani!—1996
  • Ngaba Ndifanele Ndiyidlale Imidlalo Ye-elektroniki?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
km 1/04 iphe. 4

Yiphaphele Indlela Olisebenzisa Ngayo Ixesha

1. Yiyiphi ingxaki abajamelana nayo abantu namhlanje kwiindawo ezininzi?

1 Kweli xesha lisebenza ngoomatshini, abantu abaninzi bazifumana benezinto ezininzi ekufuneka bazenze ngexesha elingephi. Ngaba ukufumanisa kunzima ukubambelela kucwangciso lokomoya? Ngaba unqwenela ukuba nexesha elininzi lobulungiseleli? Singalisebenzisa njani ixesha lethu ngendlela enempumelelo?—INdu. 90:12; Fil. 1:9-11.

2, 3. Ziziphi iingxaki ezibangelwa kukuhambela phambili kobugcisa, yaye ngamnye wethu unokuzihlolisisa njani?

2 Hlola Izinto Ezidla Ixesha Lakho: Sonke sifanele sihlolisise indlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu. IBhayibhile isibongoza isithi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.” (Efe. 5:15, 16) Qwalasela iingxaki ezibangelwe kukuhambela phambili kobugcisa. Ngoxa ikhomputha nezinye izinto ze-elektroniki ziluncedo, zinokuba ngumgibe ukuba asiyiphaphelanga indlela esilisebenzisa ngayo ixesha.—1 Kor. 7:29, 31.

3 Ngamnye wethu ufanele azibuze oku: ‘Ngaba ndichitha ixesha suku ngalunye ndifunda yaye ndiphendula imiyalezo ye-elektroniki engabalulekanga? Ngaba ndichitha ixesha elininzi emnxebeni okanye ndithumela imiyalezo nge-elektroniki? (1 Tim. 5:13) Ngaba ndikhe ndikhangele into endingayaziyo kwi-Internet okanye nditshintshatshintshe izitishi zikamabonwakude? Ngaba imidlalo ye-elektroniki iphazamisa ukufundisisa kwam iLizwi likaThixo?’ Izinto ezinjalo zinokuphazamisa ubumoya bethu singaqondanga.—IMize. 12:11.

4. Luluphi utshintsho olwenziwa ngomnye oselula, yaye kwakutheni?

4 Ukulisebenzisa Ngobulumko Ixesha: Izinto ze-elektroniki zifuna ixesha nengqalelo yethu. Omnye oselula owayeyithanda kakhulu imidlalo yekhompyutha wavuma wathi: “Maxa wambi xa ndiye ndadlala ngaphambi kokuba ndiye kubulungiseleli okanye kwiintlanganiso zamaKristu, kwakusiba nzima ukunikela ingqalelo. Ndandicinga ngendlela yokuphucula indlela endidlala ngayo xa ndifika ekhaya. Isifundo sam sobuqu nofundo lweBhayibhile ndazityeshela. Uvuyo lwam enkonzweni kaThixo lwancipha.” Ekubeni wayeqonda ukuba kufuneka enze iinguqu, wayitshabalalisa yonke loo midlalo. Uthi: “Kwakunzima kakhulu. Ndandiyithanda kakhulu le midlalo kunokuba ndandicinga. Kodwa kwangaxeshanye ndaziva ndoyisile kuba ndandisazi ukuba kwakuza kungenelwa mna.”—Mat. 5:29, 30.

5. Singalithenga njani ixesha lezinto zokomoya yaye singenelwa njani ngokwenza oko?

5 Kusenokuba yimfuneko ukuthabatha loo manyathelo ukuba kukho iinkalo ekufuneka uphucule kuzo. Akungekwazi na ukonga isiqingatha seyure suku ngalunye kwizinto ezingabalulekanga ozenzayo? Elo xesha lilingana nexesha obunokulisebenzisela ukufunda iBhayibhile uze uyigqibe ngonyaka. Hayi indlela oya kungenelwa ngayo ngokomoya! (INdu. 19:7-11; 119:97-100) Yiba nexesha lokufunda iBhayibhile, elokulungiselela iintlanganiso nelenkonzo yasentsimini. (1 Kor. 15:58) Ngokwenza oku uya kuncedakala uphephe izinto ezitya ixesha uze ‘uqhubeke ukuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.’—Efe. 5:17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share