Indlela Yokuzithengela Ixesha Elifanelekileyo
1 Ukuba nento eninzi yokwenza enkonzweni kaYehova kusigcina sixakekile! (1 Kor. 15:58) Siyayiqonda imfuneko yokufundisisa ngokobuqu nanjengentsapho, ukufunda iBhayibhile yonke imihla, ukulungiselela nokuya kwiintlanganiso zebandla nokuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli basentsimini. Abaveleli baneembopheleleko zokwalusa, yaye banyamekela neminye imisebenzi yebandla. Abanye baneembopheleleko ezinzima zentsapho okanye izinto ezahlukahlukeneyo abafanele bazenzele abanye. Ukuze yonke into yenziwe kakuhle, wonk’ umntu kufuneka alungelelane aze abe nocwangco.
2 Beka Izinto Eziza Kuqala: Ukuze sibe nempumelelo ‘ekuzithengeleni ixesha elifanelekileyo’ kufuneka sibe nokuqonda kunye nengqiqo. (Efe. 5:15, 16) Simele sizazi “izinto ezibaluleke ngakumbi” size sizibeke kuqala kuludwe lwethu lwezinto eziza kuqala. (Fil. 1:10) Esinye isibini sayichaza ngolu hlobo intsapho yaso ehlonel’ uThixo: “Ubomi bethu sibuzalisa ngenyaniso . . . Inyaniso asiyonxalenye nje yobomi bethu, yona ngokwayo ibubomi bethu. Yonke enye into isekelwe kuyo.” Ukubeka unqulo nenkonzo kaYehova kuqala ebomini bakho kubalulekile.
3 Zazi Izinto Ezidla Ixesha: Iveki ineeyure ezili-168, yaye kufuneka silisebenzise ngobulumko ixesha esinalo. Ukuze sibe nexesha elaneleyo lokwenza izinto zobuthixo, kufuneka sizazi size sizicuthe izinto ezidla ixesha. Olunye uhlolisiso lwadiza ukuba umntu omkhulu eUnited States uchitha ngaphezu kweeyure ezingama-30 ngeveki ebukele umabonwakude! Abanye, bachitha ixesha elininzi befunda uncwadi lwehlabathi. Bambi basenokufumanisa ukuba bachitha ixesha elininzi gqitha kwiimbutho, ekuzonwabiseni, ekuzihlaziyeni, okanye kolunye uhlobo lomdlalo wekhompyutha. Kusenokufuneka sihlolisise ucwangciso lwethu lwemihla ngemihla ukuze sibone indlela esinokulisebenzisa kakuhle ngayo ixesha lethu. Ubulumko bufuna silicuthe ixesha esilichithela kwizinto ezingabalulekanga.
4 Zenzele Ucwangciso Oluhle: Enoba zinjani na iimeko zethu, ngamnye kuthi unokuzithengela ixesha lokwenza izinto zokomoya. Abanye baye bafumanisa ukuba ukuqalisa kwangethuba suku ngalunye kuyabanceda benze okungakumbi. Ukuba sichitha ixesha elininzi sisiya emsebenzini okanye silindele abanye, sisenokusebenzisa elinye lalo ekufundeni iBhayibhile, ekulungiseleleni iintlanganiso, okanye ekuphulaphuleni umbandela okwiikhasethi zoMbutho. Iintsapho zingenelwa kakhulu xa zisithi rhoqo zizibekele ixesha elithile lokufundisisa kunye. Ukuba ilungu ngalinye lentsapho liyalibamba ixesha lesifundo sentsapho, oko kwenza wonk’ ubani abe nexesha elithe chatha.
5 Kusuku ngalunye oludlulayo, sifanele siyiqonde ngakumbi into yokuba “ixesha eliseleyo lifinyele.” (1 Kor. 7:29) Ubomi bethu buxhomekeke kwindlela esilisebenzisa ngayo eli xesha lixabisekileyo lisaseleyo. Siya kusikelelwa ukuba sizithengela ixesha elifanelekileyo ukuze sikwazi ukugcina izilangazelelo zoBukumkani zikwindawo yokuqala!—Mat. 6:33.