Dumisani UYehova Phakathi Kwebandla Elikhulu
1, 2. Indibano yesithili isivulela liphi ithuba, kwaye sinokulisebenzisa njani?
1 Iindibano zethu zesithili zaminyaka le zisinika ithuba lokuzukisa uYehova. Sivakalelwa ngendlela efanayo noDavide, owavuma ingoma esithi: “Ndiya kukubonga ebandleni elikhulu; ndiya kukudumisa phakathi kwesizwana esikhulu.” (INdu. 35:18) Sinokuqiniseka njani ukuba siyamanyana ekudumiseni uYehova kwiNdibano YeSithili ‘Yokuthobela UThixo’ esiya kuyo?
2 Enye indlela esinokumdumisa ngayo yindlela esiziphatha ngayo. Abaphathi besinye isakhiwo ekwakuqhutywa kuso indibano bathi: “Ngenxa yeendibano zenu, side sacela ezinye iinkonzo eziqesha ezi zakhiwo ukuba zize kubona indlela amaNgqina kaYehova azilungiselela ngayo iindibano, kuba niziqhuba ngendlela esemagqabini.” Inkangeleko, ukusebenzisana, kunye nendlela esiziphatha ngayo zisenza simdumise ngendlela emfaneleyo uThixo wethu.—1 Pet. 2:12.
3, 4. Ukuthozama kunokusinceda njani sinxibe ngendlela efanele abalungiseleli abangamaKristu xa sisendibanweni nasemva kocwangciso losuku ngalunye?
3 Inkangeleko: Kufuneka sithozame ukuze sinxibe yaye sizilungise ngendlela edumisa uYehova. (1 Tim. 2:9) Incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, kwiphepha 132, ithi: “Umntu othozamileyo ukuxhalabele ukungabakhubekisi ngokungeyomfuneko abanye nokunganikeli ingqalelo engafanelekanga kwisiqu sakhe.” Kumazwe amaninzi kuyinto eqhelekileyo ukunxiba ngendlela engandilisekanga. Noko ke, uYehova uyawuxabisa umgudu esiwenzayo wokummela kakuhle. (IZe. 15:14) Nangona indibano isenokuba iqhutyelwa kwibala lemidlalo okanye kwisakhiwo sokuzihlaziya, iba ‘libandla elikhulu’ ebudeni bezo ntsuku zintathu. Ngenxa yoko, njengoko sihlanganisana phambi koYehova, sifanele sinxibe ngendlela endilisekileyo efanele Oyena Mntu Mkhulu kwindalo iphela.—1 Kron. 29:11.
4 Sifanele siqwalasele inkangeleko yethu kwanasemva kocwangciso losuku ngalunye. Kwanokuba sifuna ukunxiba iimpahla ezipholileyo ngexesha esiphumle ngalo okanye xa siye kwivenkile yokutyela, kubalulekile ukuba indlela esinxiba nesizilungisa ngayo ifanele abo “bazibanga behlonela uThixo.” (1 Tim. 2:10) Xa sithetha ngesinxibo esamkelekileyo asithethi ngezinto ezithandwa leli hlabathi. (1 Yoh. 2:16, 17) Iimpapasho zethu zinemifanekiso enokusinceda sibone indlela yokunxiba endilisekileyo nefanelekileyo kumadoda namabhinqa akwiimeko ezahlukahlukeneyo. Ukunxiba iibheji zethu kummandla eqhutyelwa kuwo indibano kuya kusikhumbuza ngalo lonke ixesha ukuba singabalungiseleli abangamaKristu.—2 Kor. 6:3, 4.
5, 6. Sinokuyihlonela njani itafile yokomoya kaYehova?
5 Yihlonele Itafile KaYehova: INkosi enguMongami wendalo iphela isilungiselele isihikahika sesidlo. (Isa. 25:6; 1 Kor. 10:21) Ukuba siyixabisa ngokwenene indawo yethu kwitafile kaYehova, usukelo lwethu iya kuba kukubakho ngazo zontathu iintsuku zendibano. Ngaba sele uyilungiselele indawo oza kufikela kuyo nento yokuhamba, waza wacela nasemsebenzini? Ngaba sele uzibekele ixesha elaneleyo lokulungiselela nelokuhamba ukuze ukwazi ukufika ngexesha endibanweni, ufumane izihlalo, uncokole nabazalwana yaye ube negalelo ekudumiseni uYehova ngengoma yokuvula nomthandazo?—INdu. 147:1.
6 Ukuhlonela itafile kaYehova kuya kusenza siphulaphule ucwangciso kunokuba sincokole, sitye okanye sihle sinyuka kwindawo eqhutywa kuyo indibano. UYehova usilungiselele ukutya kokomoya esikufunayo esebenzisa ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi. (Mat. 24:45) Akukho namnye kuthi ofanele aphoswe. Abazali bafanele bahlale nabantwana babo baze babancede bangenelwe ngokupheleleyo.—Dut. 31:12.
7. Yintoni esicelwa ukuba siyenze ngesidlo sasemini, yaye kutheni?
7 Niyacelwa ukuba nize nokutya eniza kukutya ngexesha lekhefu lasemini kunokuba niphume kwindawo eqhutywa kuyo indibano niye kufuna ukutya. Siyincoma kakhulu into yokuba uninzi lwabantu abebeze endibanweni kunyaka ophelileyo luye lwalulandela olu lwalathiso. Kuya kuba kuhle kakhulu ukuba sinokwenjenjalo sonke kulo nyaka! (Heb. 13:17) Eli lungiselelo lisinceda sibe nethuba elihle lokuncokola ngezinto ezakhayo nabazalwana bethu kwaye lenza kubekho umanyano noxolo oluzukisa uYehova.—INdu. 133:1.
8, 9. Liliphi elinye ithuba lokudumisa uYehova esilivulelwa yindibano?
8 Ukushumayela Okungacwangciswanga: Xa sisendleleni eya nebuya endibanweni, siba namathuba amaninzi okudumisa uYehova ngemilomo yethu. (Heb. 13:15) Enoba sikwivenkile yokutyela okanye sincokola nabasebenzi basehotele, masikhangele amathuba okushumayela. Iingqondo neentliziyo zethu ziya kube zithwele ubuncwane bokomoya esibufumene endibanweni. Masincokole nabanye esidibana nabo ngezi zinto zilungileyo.—1 Pet. 3:15.
9 Ingathi alisafiki eli thuba lokudumisa uYehova “phakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo.” (INdu. 26:12) Ngamana singamanyana ekudumiseni uYehova kwiNdibano YeSithili ‘Yokuthobela UThixo.’
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
Izinto Esifanele Sizikhumbule Ngendibano
◼ Ixesha Locwangciso: Ucwangciso luza kuqalisa ngeye-9:00 kusasa ngazo zontathu iintsuku. Indawo yendibano iza kuvulwa ngeyesi-7:00 kusasa. Kwimizuzu embalwa ngaphambi kokuba kuqalise ucwangciso, usihlalo uza kuhlala eqongeni ngoxa kudlalwa umculo. Wonk’ umntu ufanele aye kwisihlalo sakhe ngelo xesha ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. Ucwangciso luya kuqukunjelwa nge-4:15 emva kwemini ngoLwesihlanu nangoMgqibelo, luze luqukunjelwe nge-3:20 emva kwemini ngeCawa.
◼ Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano ezinendawo zokupaka iimoto ezikhuselekileyo ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Abazalwana abafuna indawo yokupaka mabancede banxibe iibheji zabo kuba baya kubonwa ngazo. Ekubeni idla ngokunqongophala indawo yokupaka, zamani ukusebenzisa iimoto ezimbalwa kangangoko kunokwenzeka kunokuba kubekho iimoto ezikhwele umntu omnye okanye ababini kuphela.
◼ Ukubeka Izihlalo: Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo endlwini kuphela.
◼ Iminikelo: Kuziindleko ezinkulu ukulungiselela indibano yesithili. Sinokubonisa uxabiso esinalo ngokunikela ngokuzithandela kumsebenzi owenziwa ehlabathini kwiHolo yethu yoBukumkani okanye endibanweni. Naziphi na iitsheke ekunikelwa ngazo endibanweni zifanele zibhalwe “Watch Tower.”
◼ Isidlo Sasemini: Ncedani nize nesidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ebudeni bekhefu lasemini. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki, izitya zeglasi kunye neziselo ezinxilisayo azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
◼ Ukurekhoda: Akufanele kuxokonyezelwe izinto zokurekhoda nokuba zezinjani na kumbane okanye kwizixhobo zesandisi-lizwi, kwaye zinokusetyenziswa kuphela ukuba azibaphazamisi abanye.
◼ Ukufota: Ukuba uyafota, ungayisebenzisi iflash ebudeni bocwangciso.
◼ Iipager Noonomyayi: Zifanele zenziwe zingaphazamisi.
◼ Iingozi Neengxaki Zesiquphe: Xa umntu egula ngesiquphe endibanweni, nceda uchazele umlindi okufutshane, ibe yena uya kwazisa iSebe Loncedo Lokuqala ukuze ibe ngabantu abaqeqeshiweyo abahlola imeko baze bancede.
◼ Iivenkile Zokutyela: Kwiindawo ezininzi kuyinto eqhelekileyo ukushiya imadlana esisipho kubasebenzi bevenkile yokutyela emalunga ne-10 ukuya kwi-15 ekhulwini lexabiso laloo nto uyenzelweyo.
◼ Iingoma: Amabandla aya kukuvuyela ukuqhelisela ezi ngoma ziza kuculwa endibanweni kusengaphambili.
NgoLwesihlanu kuza kuculwa ezi ngoma: 139, 38, 205, 174, 170, 4
NgoMgqibelo kuculwe ezi zilandelayo: 158, 40, 13, 69, 8, 192
Nazi eziza kuculwa ngeCawa: 162, 123, 221, 207, 181, 34