Landela UKristu Ngokubonakalisa Isidima
1. Umxholo wendibano yesithili yalo nyaka udibana njani nokubonakalisa isidima?
1 IBhayibhile ichaza uMongami Wendalo Iphela, uYehova, njengowambethe isidima. (INdu. 104:1) UYesu wayesoloko ethetha aze enze izinto ngendlela ezukisa uYise namalungiselelo akhe. (Yoh. 17:4) Ngamnye kuthi uza kufumana ithuba lokuxelisa uYesu nokuzukisa uYehova njengoko sisiya kwiiNdibano ZeSithili ‘Zokulandela UKristu!’
2. UYehova uzukiswa njani kukulungiselela kwethu ukubakho kulo lonke ucwangciso?
2 Unqulo Olunesidima: UYehova sinokumzukisa ngokulungiselela ukubakho kwisidlo sokomoya asenzele sona. Ngaba sele uthethile nomqeshi wakho wenza amalungiselelo okubakho kule ndibano usuku ngalunye, kuquka uLwesihlanu? Ngaba ulungiselele ukufika kwangethuba uzifumanele indawo yokuhlala uze ubekho kumthandazo nengoma yokuvula? Kuthekani ngesidlo sasemva kwemini oza kusidla apho endibanweni kunye nabazalwana bakho? Ekuqaliseni kocwangciso ngalunye xa usihlalo ecela ukuba sihlale phantsi ngaphambi komculo wokuqala, simele siyiqhawule kwangoko incoko sihlale phantsi silungele ukuqalisa kocwangciso.
3. Ukunikela ingqalelo kucwangciso kulwenza njani lube nesidima unqulo lwethu?
3 Nokunikela kwethu ingqalelo kucwangciso kuyamzukisa uBawo wethu wasezulwini. Ukubuya kwayo kwindibano yesithili, enye intatheli yabhala ichaza ukuba abantu babeya kuchukumiseka gqitha xa bebona “indlela engumzekelo ababeziphethe ngayo abo babelapho, njengoko bephulaphule ngentlonelo nenzolo, kucaca ukuba iingqondo bazimilisele kwizinto zokomoya.” Yaphawula “nangeqela labantwana . . . , ababeziphethe kakuhle gqitha bexakekile bejonga iindinyana kwiBhayibhile Engcwele.” Xa ucwangciso luqhubeka, asimele sibe sincokola, sibhalelana ngecell phone, sisitya, okanye sisihla sinyuka. Abantwana bamele bahlale phantsi nabazali babo ukuze abazali bakwazi ukubanceda bazuze kulo. (Dut. 31:12; IMize. 29:15) Xa sisenza konke oku sibonisa intlonelo kwabanye nombulelo ngokutya kokomoya okuxabisekileyo esikufumanayo.
4. Kutheni simele sikhangeleke sinesidima xa sisendibanweni?
4 Inkangeleko Enesidima: Baninzi abantu abaye babulela ngezikhumbuzo zentetho yendibano yonyaka ophelileyo eyayinomxholo othi “Bonakalisa Isidima SamaKristu Ngalo Lonke Ixesha,” eyayibethelela into yokuba abakhonzi bakaThixo bamele bazabalazele ukubonakalisa isidima sobuKristu kwindlela abanxiba nabazilungisa ngayo. Nakulo unyaka simele sinikele ingqalelo ngamandla kule nkalo. Inkangeleko yethu ichaza indlela esivakalelwa ngayo ngoYehova nangelungelo lokuba ngamaNgqina akhe. Lonk’ ixesha simele sinxibe njengabantu “abazibanga behlonela uThixo.”—1 Tim. 2:9, 10.
5. Yintoni esinokuyenza ukuze inkangeleko yethu ihlale ibonakalisa isidima xa sibethwa ngumoya kwisixeko esinendibano?
5 Ngaba simele sibonakale sinesidima xa sisendibanweni kuphela? Khumbula ukuba abaninzi baza kube besakhele umkhanya njengoko sinxibe iibheji zendibano kweso sixeko sinendibano. Inkangeleko yethu imele yahluke kuleyo kawonke wonke. Ngoko, naxa sibethwa ngumoya, njengaxa sisiya kutya emva kocwangciso, simele sinxibe ngendlela efanele abalungiseleli abaze kwindibano yamaKristu kweso sixeko, ngoko asimele sinxibe iijini, ooshoti, okanye izikipa. Oku kuya kunikela ubungqina obuhle gqitha kubantu besixeko. UYehova uvuya gqitha xa inkangeleko yethu ibonisa ukuba singabalungiseleli.
6. Yiyiphi imiphumo emihle yokubonakalisa isidima sobuKristu?
6 Imiphumo Emihle: Ukubonakalisa isidima sobuKristu kwiindibano zethu kusinika amathuba okunikela ubungqina obungacwangcwiswanga, baze nabantu abasibonayo basale bechukumisekile. Ekupheleni kwendibano, elinye igosa lathi: “Zange khe sibabone abantu abaziphethe kakuhle ngolu hlobo. Niziphethe kanye ngale ndlela uThixo alindele ukuba siziphathe ngayo.” Ukubonakalisa isidima kubonisa ukuhlonelana nokuthandana kuze kuzukise uYehova. (1 Pet. 2:12) Kubonisa ukuba siyamoyika uThixo yaye siyalixabisa ilungelo lokufundiswa nguBawo wethu. (Heb. 12:28) Kwanga singazabalazela ukubonisa isidima njengoko sisiya kwiNdibano YeSithili ‘Yokulandela UKristu!’ yalo nyaka.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Izinto Esifanele Sizikhumbule Ngendibano
◼ Ixesha Locwangciso: Ucwangciso luza kuqalisa ngeye-9:00 kusasa ngazo zontathu iintsuku. Kwimizuzu embalwa ngaphambi kokuba kuqalise ucwangciso, usihlalo uya kuhlala eqongeni ngoxa kudlalwa iingoma zoBukumkani. Sonke sifanele siye kuhlala phantsi ngelo xesha ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. Ucwangciso luya kuqukunjelwa nge-4:15 emva kwemini ngoLwesihlanu, nangoMgqibelo, luze luqukunjelwe nge-3:20 emva kwemini ngeCawa.
◼ Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano ezineendawo zokupaka eziza kwalathiswa sithi, iindawo zokupaka ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Abazalwana abafuna indawo yokupaka mabancede banxibe iibheji zabo kuba baya kubonwa ngazo. Ekubeni idla ngokunqongophala indawo yokupaka, zamani ukusebenzisa iimoto ezimbalwa kangangoko kunokwenzeka kunokuba kubekho iimoto ezikhwele umntu omnye okanye ababini kuphela.
◼ Ukubeka Izihlalo: Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo endlwini kuphela.
◼ Isidlo Sasemini: Sicela niziphathele isidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ebudeni bekhefu lasemini. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki zinokubekwa kwindawo abalindi abacela ukuba nizibeke kuyo. Izitya zeglasi kunye notywala azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
◼ Iminikelo: Kuziindleko ezinkulu ukulungiselela indibano yesithili. Sinokubonisa uxabiso esinalo ngokunikela ngokuzithandela kumsebenzi owenziwa ehlabathini kwiHolo yethu yoBukumkani okanye endibanweni. Ukuba ungathanda ukunikela ngetsheke, cela igama leakhawunti kwiKomiti Yendibano.
◼ Iingozi Neengxaki Zesiquphe: Xa umntu egula ngesiquphe endibanweni, nceda uchazele umlindi okufutshane, ibe yena uya kwazisa iSebe Loncedo Lokuqala ukuze ibe ngabantu abaqeqeshiweyo abahlola imeko baze bancede.
◼ Ukurekhoda: Akufanele kuxokonyezelwe izinto zokurekhoda nokuba zezinjani na kumbane okanye kwizixhobo zesandisi-lizwi, kwaye zinokusetyenziswa kuphela ukuba azibaphazamisi abanye.
◼ Ukufota: Ukuba uyafota ebudeni bocwangciso, sicela ungayisebenzisi iflash.
◼ Iipager Noonomyayi: Zifanele zenziwe zingaphazamisi.
◼ Iifomu Zokubuyela Kwabanomdla: Ifomu ethi Nceda Ubuyele (S-43) ifanele isetyenziswe xa kubhalwa inkcazelo ephathelele abo banomdla ngoxa sishumayela ngokungacwangciswanga ebudeni bendibano. Abavakalisi bafanele baphathe ifomu ibe nye okanye zibe mbini endibanweni. Ezi fomu ziya kubakho kwiSebe Leencwadi endibanweni. Iifomu ezizalisiweyo zinokusiwa kwiSebe Leencwadi okanye xa ubuyela ebandleni uzinike unobhala webandla lakho—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 2005, iphe. 5.
◼ Iivenkile Zokutyela: Kwiindawo ezininzi kuyinto eqhelekileyo ukushiya imadlana esisipho kubasebenzi bevenkile yokutyela emalunga ne-10 ukuya kwi-15 ekhulwini lexabiso laloo nto uyenzelweyo.
◼ Iingoma: Amabandla aya kukuvuyela ukuqhelisela ezi ngoma ziza kuculwa endibanweni kusengaphambili.
NgoLwesihlanu: 105, 91, 168, 205, 150, 11.
NgoMgqibelo: 181, 31, 42, 191, 38, 34.
NgeCawa: 160, 207, 200, 224, 209, 4.