Ukunikela Ubungqina Ngaphandle Kwelizwi
1 Indalo kaYehova ebonakalayo isichazela lukhulu ngeempawu zakhe ezingabonakaliyo ingakhange iwuvule umlomo. (INdu. 19:1-3; Roma 1:20) Ngendlela efanayo, ihambo yethu entle, iimpawu zethu zamaKristu, nenkangeleko yethu endilisekileyo zinikela ubungqina ngaphandle kwamazwi. (1 Pet. 2:12; 3:1-4) Ngamnye kuthi ufanele anqwenele ‘ukuhombisa imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo, kuzo zonke izinto’ ngezenzo zakhe.—Tito 2:10.
2 Kunokwenzeka njani ukuba abantu abangafezekanga bazenze zibe nomtsalane iimfundiso zeBhayibhile? Loo nto inokwenzeka kuphela ngolwalathiso lweLizwi likaThixo nangamandla omoya oyingcwele. (INdu. 119:105; 143:10) Ilizwi likaThixo “liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini.” (Heb. 4:12) Lingena nzulu kuthi lize lisenze sikwazi ukwambatha ubuntu obutsha. (Kol. 3:9, 10) Umoya oyingcwele usenza sibe neempawu ezinqwenelekayo, ezinjengobubele, ukulunga, ubulali nokuzeyisa. (Gal. 5:22, 23) Ngaba ngamnye kuthi uvumela ilizwi likaThixo nomoya wakhe uphembelele ubomi bakhe?—Efe. 4:30; 1 Tes. 2:13.
3 Abantu Bayabona: Xa siphila ngemilinganiselo kaYehova kwaye sizabalazela ukuba neempawu zakhe, abantu baye bayibone loo nto. Masenze umzekelo ngendoda eyayigculelwa ngabantu eyayisebenza nabo kuba imfutshane ngesithomo. Omnye udade owayesebenza kwakuloo ofisi wayesoloko eyiphatha ngesidima yaye eyihlonela. Loo nto yabangela ukuba imbuze isizathu sokuba ahluke. Wayichazela ukuba into eyayimenza abe nentlonelo kukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bakhe. Wayichazela nangethemba elimangalisayo loBukumkani. Le ndoda yaqalisa ukufunda iBhayibhile ibe ekugqibeleni yabhaptizwa. Xa yabuyela kwilizwe lakowayo, izalamane zayo zachukunyiswa yindlela entle eyayiziphethe ngayo yaye eziliqela kuzo zayamkela inyaniso.
4 Ngamana ihambo yethu kunye nokushumayela kwethu emsebenzini, esikolweni, kwizalamane nakubamelwane, zingabangela ukuba abantu bazukise uThixo.—Mat. 5:16.