IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/05 iphe. 1
  • Vakalisani Uzuko LukaYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Vakalisani Uzuko LukaYehova
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • “Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe.”—INdumiso 96:8.
    “Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe.”—INdumiso 96:8.
  • Masimzukise UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Ukwazisa Igama LikaThixo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Isizathu Sokuba Simele Silazi IGama LikaThixo
    Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Ngonaphakade
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 11/05 iphe. 1

Vakalisani Uzuko LukaYehova

1 Umdumisi wathi: “Mvumeleni uYehova, nonke nina bantu basemhlabeni. . . . Vakalisani uzuko lwakhe phakathi kweentlanga, phakathi kwezizwana zonke imisebenzi yakhe emangalisayo.” Njengoko sicamngca ngoko uYehova akwenzileyo, oko akwenzayo, noko aseza kusenzela kona, iintliziyo zethu zisibangela ukuba sivakalise uzuko lwakhe!—INdu. 96:1, 3.

2 Kumsebenzi Wethu Wokushumayela: AmaNgqina kaYehova ajizekwe ilungelo lokuthwala igama likaThixo aze alidumise esidlangalaleni emhlabeni wonke. (Mal. 1:11) Ahluke ngokwenene kubefundisi beNgqobhoko abathi ngekratshi balisuse igama likaThixo kwiinguqulelo zabo zeBhayibhile. Umsebenzi wokuvakaliswa kwegama likaThixo ungxamisekile, ekubeni abantu bemele babize kwelo gama benokholo ukuze basindiswe kwimbandezelo enkulu ezayo. (Roma 10:13-15) Ngaphezu koko, ukuze kubekho uxolo kuwo wonke umhlaba naphakathi kwabemi bawo, kufanele kungcwaliswe igama likaThixo. Eneneni, yonke imisebenzi kaThixo inxulumene negama lakhe.

3 “Mkhulu uYehova yaye ngowokudunyiswa kakhulu.” Kodwa ukuze abantu ‘banike uYehova uzuko lwegama lakhe,’ bamele bazi inyaniso ngaye. (INdu. 96:4, 8) Noko ke, abanye bayasikhanyela isibakala sokuba uThixo ukho. (INdu. 14:1) Abanye bayamnyelisa besithi akanamandla okanye bathi akanamdla kwimicimbi yabantu. Njengoko sinceda abo banyanisekileyo bafumane ulwazi oluchanileyo ngoMdali wethu, iinjongo zakhe nobuntu bakhe obuthandekayo, siyamzukisa uYehova.

4 Ngendlela Esiziphatha Ngayo: UYehova ufumana uzuko xa siphila ngemilinganiselo yakhe yobulungisa. Uyakubona ukuziphatha kwethu kakuhle. (1 Pet. 2:12) Ngokomzekelo, ukucoceka nokundiliseka kwethu kunokubangela ukuba abanye bathethe kakuhle ngathi, ngaloo ndlela besinika ithuba lokuthetha nabo ngeengenelo zokuphila ngokuvisisana nemilinganiselo efumaneka kwiLizwi likaThixo. (1 Tim. 2:9, 10) Sivuya ngokwenene xa abanye ‘bebona imisebenzi yethu emihle baze bazukise uBawo wethu osemazulwini’!—Mat. 5:16.

5 Masimzukise uThixo wethu omangalisayo suku ngalunye, ngendlela esithetha nesenza ngayo, ngaloo ndlela sisabela kwesi sibongozo: “Mvumeleni uYehova, nilibonge igama lakhe. Imihla ngemihla xelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.”—INdu. 96:2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share