Ividiyo Ecacisa Indlela Ebalulekileyo Yokunyanga
Iingcali zomthetho nezonyango ziya zinikel’ ingqalelo ngakumbi kwiimbono nakumalungelo abaguli. Loo nto iye yabangela ukuba kubekho iindlela ezintsha zokunyanga anokungenelwa kakhulu kuzo amaNgqina kaYehova. (IZe. 15:28, 29) Ixubusha ngaloo nto ividiyo ethi Transfusion-Alternative Health Care—Meeting Patient Needs and Rights. Yibukeleni nize nixubushe oko nikufundileyo.—Phawulani: Ekubeni le vidiyo ineendawo apho kuboniswa abantu abatyandwayo, abazali bafanele balumke xa beyibukela nabantwana abancinane.
(1) Kutheni abezonyango bekuhlola ngokutsha ukutofelwa kwegazi? (2) Chaza imizekelo ibe mithathu yotyando olunzima olunokwenziwa ngaphandle kokutofelwa igazi. (3) Bangaphi oogqirha nabatyandi ehlabathini abaye bavuma ukunyanga abantu ngaphandle kokubatofela igazi? Kutheni bevuma nje? (4) Yintoni etyhilwe luhlolisiso olwenziwe kwizibhedlele kutshanje ngokusetyenziswa kwegazi? (5) Ziziphi iingozi ezinxulunyaniswa nokutofelwa igazi? (6) Ziziphi izigqibo eziye zafikelela kuzo iingcali ngokuphathelele ezinye iindlela zonyango ezingasebenzisi utofelo-gazi? (7) Ubangelwa yintoni umlambo (anemia)? Abantu banokuwunyamezela ukusa kuwuphi umlinganiselo? Yintoni enokwenziwa ukuze kuhlangatyezwane nawo? (8) Yintoni enokwenziwa ukuze umzimba womguli uvelise iiseli ezibomvu ezingakumbi? (9) Ngawaphi amacebo asetyenziswayo ukuze kuthintelwe ukopha kakhulu ebudeni botyando? (10) Ngaba iindlela zonyango ezingasebenzisi utofelo-gazi zinokusebenza kubantwana abancinane okanye kubantu abagula kakhulu? (11) Nguwuphi omnye wemigaqo ephambili yonyango olusemagqabini? (12) Kutheni kubalulekile ukuba amaKristu azikhethe kusengaphambili iindlela zonyango aza kuzamkela? Sinokukwenza njani oko?
Ukwamkela iindlela zonyango eziboniswe kule vidiyo kuxhomekeke emntwini nakwisazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile. Ngaba sele ugqibile ngendlela yonyango engasebenzisi utofelo-gazi oya kuyamkela wena nabantwana bakho? Ufanele ucacisele amalungu entsapho yakho angengomaNgqina ngezigqibo zakho nangezizathu zokuba uzithabathe.—Bona umxholo othi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaJuni 15, 2004, nekaOktobha 15, 2000.