Xelela Abanye ‘Ngokhanyiselo Lwehlabathi’
1. Kukuphi ukukhanya okukhulu okwaprofetwa ngako kwiLizwi likaThixo, yaye sisiphi isihlandlo esitsalela ingqalelo ekhethekileyo koku kukhanya?
1 UYehova wasebenzisa uIsaya ukuba aprofete esithi: “Abantu ababehamba ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu. Ke bona abo bahlala elizweni elinethunzi elimnyama, ukukhanya kuye kwakhanyisa phezu kwabo.” (Isa. 9:2) Oko ‘kukhanya kukhulu’ kwabonakala kwizinto ezenziwa nguNyana kaThixo, uYesu Kristu. Umsebenzi awayewenza xa wayelapha emhlabeni kunye neentsikelelo ezabangelwa lidini lakhe zabanceda abo babesebumnyameni ngokomoya. Koko kukhanya ke okufunwa ngabantu kula maxesha obumnyama. ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa silithuba elikhethekileyo lokwazisa abantu ‘ngokhanyiselo lwehlabathi.’ (Yoh. 8:12) Kunyaka ophelileyo, izigidi zabantu ziye zabonakalisa umlinganiselo othile wokholo ngokuthobela umyalelo kaYesu othi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Njengoko sisondela iSikhumbuzo salo nyaka, yintoni esinokuyenza ukuze nathi sifak’ isandla ekwaziseni abantu ngokukhanya okukhulu okuvela kuYehova?—Fil. 2:15.
2. Sinokwenza njani ukuze silixabise ngakumbi idini lentlawulelo, yaye ukwenjenjalo kuya kuba nawuphi umphumo kuthi?
2 Yiba Noxabiso: Ixesha leSikhumbuzo lithuba elihle lokucamngca ngothando oluye lwaboniswa nguYehova noYesu kuluntu ngokululungiselela idini lentlawulelo. (Yoh. 3:16; 2 Kor. 5:14, 15) Ngokuqinisekileyo ukwenjenjalo kuya kusenza sisixabise nangakumbi esi sihlandlo singcwele. Bonke abantu bakaThixo baya kufuna ukuzibekela ixesha lokufunda nelokucamngca ngofundo lweBhayibhile olukhethekileyo lweSikhumbuzo oluboniswe kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Ukucinga ngeempawu ezigqwesileyo zikaYehova, ezenziwe zacaca lilungiselelo lakhe lentlawulelo, kusenza sizidle ngoThixo wethu. Ukucinga ngoko kuthethwa yintlawulelo kuthi kusenza simthande nangakumbi uThixo noNyana wakhe kwaye kusishukumisela ekubeni sizibhokoxe ngakumbi ekwenzeni ukuthanda kwakhe.—Gal. 2:20.
3. Sinokubonisa njani ukuba siyasixabisa iSikhumbuzo?
3 Ukuba silixabisa ngakumbi ilungiselelo likaYehova losindiso, ihlombe esinalo ngeSikhumbuzo liya kuphumela kubantu esibafundela iBhayibhile, kumabuyelo, kwizalamane, kubamelwane, kwabo sifunda nabo esikolweni, kwabo sisebenza nabo, nakwabanye esibamemela kwesi sihlandlo sikhethekileyo. (Luka 6:45) Ngoko ke, yenza umgudu okhethekileyo wokubamema bonke aba bantu, ubanike izimemo ezishicilelweyo zeSikhumbuzo ukuze bangalibali. Ukuze kungabikho mntu bamlibalayo, abaninzi baye bakufumanisa kuluncedo ukwenza uludwe lwabantu abafuna ukubamemela kwiSikhumbuzo, besongeza abantu abatsha nyaka ngamnye. Ukulungelelana nokuzibhokoxa ekumemeni abanomdla yindlela entle yokubulela uYehova uThixo “ngenxa yesipho sakhe sesisa esingathethekiyo.”—2 Kor. 9:15.
4. Yintoni enokusinceda sizibhokoxe ngakumbi entsimini ngoMatshi nangoAprili?
4 Ukuzibhokoxa Ngakumbi Entsimini: Ngaba unako ukuzibhokoxa ngakumbi entsimini ngoMatshi nangoAprili? Siya kulifumana elo thuba ngoSuku Olukhethekileyo Lwamaphephancwadi oluza kuba ngoAprili 1. Ngokuqinisekileyo uThixo uya kuwusikelela umzamo esiwenzayo wokuchazela abanye ‘ngeendaba ezilungileyo ezizukileyo ezingoKristu.’ NjengoMthombo wako konke ukukhanya kokomoya, uYehova ukhuphe lo myalelo: “Ukukhanya makukhanye ebumnyameni.” (2 Kor. 4:4-6) Xa kuyimfuneko, abadala baya kulungiselela ukuba kuqhutywe iintlanganiso zenkonzo yasentsimini ezongezelelekileyo, baze bakhokele ekuxhaseni abavakalisi abachitha ixesha elingakumbi entsimini. Loo nto isenokuquka ukushumayela esitratweni ngenj’ ixukuxa okanye ukwenza amalungiselelo okushumayela kwintsimi yamashishini nokushumayela ngomnxeba ngemva kwemini okanye ngorhatya. Ukuze uzibhokoxe ngakumbi entsimini, zibekele usukelo olusengqiqweni, uze uzame ukulufikelela. Kwabaninzi, ukunika uYehova okona kulungileyo kuquka ukuba ngoovulindlela abangabancedani.—Kol. 3:23, 24.
5. Abaninzi bangenelwa njani kwilungiselelo lesisikelo seeyure zobuvulindlela bobuncedani esinyenyisiweyo?
5 Ngaba Unokuba Nguvulindlela Ongumncedani? Sele kudlule iminyaka esixhenxe sinyenyisiwe isisikelo seeyure zoovulindlela abangabancedani. Olu hlengahlengiso luye lwavulela abaninzi ithuba lokuba bafumane iintsikelelo zobuvulindlela bobuncedani. Ngaba ukhe wabuzama? Abanye bakwenza umkhwa ukuba ngoovulindlela abangabancedani minyaka le. Kumabandla amaninzi baba liqela abavakalisi abangenela le nkonzo kunye, kwaye iba yeyona mbalasane yonyaka ebandleni. Ngaba akunakuzipha ithuba lokuziyolisa ngobuvulindlela bobuncedani ngeenyanga zeSikhumbuzo? Kwabanye, uAprili uya kuba yinyanga ebhetelana, kuba uneempelaveki ezipheleleyo ezintlanu.
6. Liliphi ilungiselelo elibangel’ imincili eliye laziswa?
6 Ngaba kuza kubakho utyelelo lomveleli wesiphaluka ngoMatshi okanye ngoAprili kwibandla enikulo? Nisikeleleke nangakumbi xa kunjalo. Njengoko kwazisiwe ngaphambili, ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2006, bonke abangoovulindlela abangabancedani ebudeni benyanga yotyelelo lomveleli wesiphaluka baya kumenyelwa kwinxalenye yokuqala yentlanganiso yoovulindlela yeveki yotyelelo. Alithandabuzeki elokuba inkcazelo eyomelezayo ngokomoya enikelwa kule ntlanganiso iya kunceda oovulindlela abangabancedani abaninzi ukuba bazabalazele ukuba ngoovulindlela abathe ngxi.
7, 8. (a) Yintoni enokusinceda senze ucwangciso lobuvulindlela bobuncedani? (b) Kunokunceda njani ukusebenzisana kwentsapho, yaye ingenelwa njani intsapho iphela?
7 Njengoko ucinga ngesisikelo soovulindlela abangabancedani esiziiyure ezingama-50, zama ukufumanisa ukuba luluphi ucwangciso oluya kukwenza ukwazi ukukhanyisa ukukhanya kwenyaniso kangangeeyure ezili-12 veki nganye. Thetha nabo baye baphumelela ekulusebenziseni, ufumane nezimvo zabanye. Loo nto isenokubakhuthaza nabo ukuba basebenze nawe. Xa beceba kakuhle, abavakalisi abaselula nabakhulileyo ababhaptiziweyo baye bafumanisa ukuba akunzima kakhulu ukufikelela olu sukelo luncomekayo. Yithandazele le nto, wandule ke, ukuba uyakwazi, wenze amalungiselelo okuba nguvulindlela ongumncedani!—Mal. 3:10.
8 Iintsapho ezininzi zifumanise ukuba xa zihlengahlengisa kakuhle, zinokukwazi ukunika ithuba ubuncinane ilungu libe linye lentsapho ukuze libe nguvulindlela ongumncedani. Enye intsapho yagqiba kwelokuba onke amalungu ayo abhaptiziweyo amahlanu abhalise njengoovulindlela abangabancedani. Nabanye abantwana ababini ababengekabhaptizwa benza umgudu okhethekileyo wokwandisa inkonzo yabo. Yangenelwa njani ke le ntsapho ngokwenza umgudu owongezelelekileyo? Yabhala: “Kwakumnandi gqitha ngaloo nyanga, kwaye sasivakalelwa kukuba nentsapho itsho yasondelelana. Siyambulela uYehova ngale ntsikelelo ingathethekiyo!”
9. Sinokwenza njani ukuze ukukhanya kwethu kukhanye kwezi nyanga zeSikhumbuzo?
9 Ngaba umsebenzi wethu ebudeni bukaMatshi noAprili uya kusivuselela, uze usisondeze nangakumbi kuBawo wethu osezulwini? Loo nto iya kuxhomekeka kumgudu esiwenzayo ekubonakaliseni uthando olungakumbi ngoThixo nangoNyana wakhe, nangokwandisa ubulungiseleli bethu. Ngamana singazimisela ngendlela awayezimisele ngayo umdumisi, owavuma ingoma esithi: “Ndiya kumbonga kakhulu uYehova ngomlomo wam, naphakathi kwabantu abaninzi ndiya kumdumisa.” (INdu. 109:30) UYehova uya kuwusikelela umsebenzi esiwenza ngenzondelelo ebudeni beenyanga zeSikhumbuzo. Ngoko ngamana singakhanyisa ukukhanya kwethu ukuze abantu abaninzi baphume ebumnyameni baze ‘babe nokukhanya kobomi.’—Yoh. 8:12.