IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/06 iphe. 1
  • Nceda Abanye Bangenelwe Kwintlawulelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nceda Abanye Bangenelwe Kwintlawulelo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuya Kwethu Kwiintlanganiso Kubonisa Ukuba Singabantu Abanjani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • “Hlalani Nisenza Oku”—ISikhumbuzo Siza Kuba NgoAprili 5
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Masibe Noxabiso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • UYehova Uyazisikelela Iinzame Esizenzayo Zokubakho ESikhumbuzweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 3/06 iphe. 1

Nceda Abanye Bangenelwe Kwintlawulelo

ISikhumbuzo Sokufa KukaKristu Esiza Kuqhutywa NgoAprili 12

1. Yiyiphi enye indlela abantu bakaThixo ababonisa ngayo ukuba bayayixabisa intlawulelo?

1 “Makubulelwe kuThixo ngenxa yesipho sakhe sesisa esingathethekiyo.” (2 Kor. 9:15) La mazwi ayichaza kakuhle indlela esivakalelwa ngayo ngokulunga nobubele bothando aye uThixo wabenzela abantu bakhe ngoNyana wakhe, uYesu Kristu. Olo xabiso luza kubonakala ngokukhethekileyo xa sihlanganisana ngoAprili 12 ukuze siqhube iSikhumbuzo sokufa kukaKristu.

2. Ngoobani abathelela abakhonzi bakaYehova eSikhumbuzweni, yaye yintoni ekufuneka bayenze ukuze bangenelwe kwintlawulelo?

2 Kukho malunga neshumi lezigidi zabantu ezithelela abakhonzi bakaYehova kwiSikhumbuzo esiqhutywa minyaka le. Oko kubonisa ukuba banawo umbulelo ngedini likaKristu. Noko ke, ukuze bangenelwe kwintlawulelo, kufuneka babe nokholo kuyo. (Yoh. 3:16, 36) Sinokubanceda njani ukuba balukhulise olo kholo? Ebudeni beenyanga zeSikhumbuzo, sinokubakhuthaza ukuba baqhutyelwe isifundo seBhayibhile yaye babekho nakwiintlanganiso zebandla eziqhutywa veki nganye. Nanga amanye amacebiso esinokuwasebenzisa.

3. Sinokusiqalisa njani isifundo seBhayibhile xa simema umntu ukuba eze eSikhumbuzweni?

3 Izifundo ZeBhayibhile: Xa uqalisa isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, zama ukucacisela lowo umfundelayo ngeSikhumbuzo ngokutyhila kwiphepha 206-8 uze uxubushe umxholo othi “ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa—Isikhumbuzo Esimzukisayo UThixo.” Unokukwazi ukuxubusha lo mbandela kwisihlandlo esinye okanye ezibini omtyelela ngazo, mhlawumbi xa umqhubela isifundo umi emnyango. Xa uwugqibile lo mbandela, loo mntu usenokukulungela ukuxubusha isahluko 5, esithi “Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo.” Nakuba niqalile ukusiqhuba rhoqo isifundo seBhayibhile, buyelani emva nize nixubushe izahluko ezine zokuqala kule ncwadi.

4. Ngoobani esinokucela ukubaqhubela isifundo seBhayibhile kwezi nyanga zeSikhumbuzo?

4 Ngoobani esinokucela ukubaqhubela isifundo ngale ndlela? Mhlawumbi abanye kwabo uphangela nabo, ofunda nabo, okanye kubamelwane bakho baya kuzivuyela ezi ngxubusho. Abazalwana banokuya nakubayeni abangakholwayo boodade abasebandleni. Ningazilibali nezalamane zenu ezingengomaNgqina. Ukongezelela apho, sifuna ukwenza umgudu okhethekileyo wokumema abo bapholileyo ukuba beze eSikhumbuzweni. (Luka 15:3-7) Ngamana singazabalazela ukubanceda abo banjalo ukuze bangenelwe kwintlawulelo.

5. Sinokuzikhuthaza njani izifundo nabanye abanomdla ukuba zibekho kwiintlanganiso zebandla?

5 Iintlanganiso Zebandla: Intlanganiso yokuqala eziya kuyo izifundo ezininzi nabanomdla siSikhumbuzo. Noko ke, sinokuzikhuthaza njani ukuba zingenelwe nakwezinye iintlanganiso zebandla? UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 2005, iphepha 8, bacebisa: “Chaza umxholo wentetho yesidlangalala. Zibonise inkcazelo eza kuxutyushwa kwiSifundo SeMboniselo nakwiSifundo Sencwadi Sebandla. Zicacisele ngeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nangeNtlanganiso Yenkonzo. Xa unesabelo esikolweni, mhlawumbi unokusiqhelisela kunye nazo. Zibalisele iingongoma eziye zaxutyushwa kwiintlanganiso. Sebenzisa iifoto ezikwiimpapasho zethu ukuze uzincede zibe nomfanekiso-ngqondweni woko kuqhubeka kwiintlanganiso. Zimemele kwiintlanganiso kwakutyelelo lwakho lokuqala.”

6. Ziziphi iindlela ezimbini esinokunceda ngazo abo banyanisekileyo ukuba bangenelwe kwintlawulelo?

6 Xa abantu abanyanisekileyo beqhutyelwa isifundo yaye besiza kwiintlanganiso rhoqo, badla ngokukhula msinya ngokomoya. Ngoko ke, ngamana singabakhuthaza abanye ukuba bawasebenzise la malungiselelo okomoya kwaye bangenelwe kwesona sipho sikhulu awakha wasipha sona uThixo—intlawulelo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share