“Hlalani Nisenza Oku”—ISikhumbuzo Siza Kuba NgoAprili 5
1. Kutheni lubaluleke kangaka nje usuku lweSikhumbuzo?
1 “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngalo mazwi, uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe okulidini. Ngenxa yoko kufezwa yintlawulelo, kumaKristu alukho usuku olubaluleke njengosuku lweSikhumbuzo saminyaka le. Njengokuba usuku lweSikhumbuzo ngoAprili 5 lusondela, sinokuwubonisa njani umbulelo esinawo kuYehova?—Kol. 3:15.
2. Sinokubonisa njani ukuba siyasixabisa iSikhumbuzo xa sifunda naxa sicamngca?
2 Zilungiselele: Sidla ngokuzilungiselela izinto ezibalulekileyo kuthi. Ukuze iintliziyo zethu zilungele iSikhumbuzo, njengentsapho sinokufunda size sicamngce ngeziganeko zemihla yokugqibela uYesu esemhlabeni. (Ezra 7:10) Izibhalo ezimbalwa ezithetha ngobomi bukaYesu unokuzifumana kwikhalenda nakwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla, kodwa ke iZibhalo ezingakumbi kunye nezahluko ezithathwe kwincwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo unokuzifumana kwiphepha 23-24 leMboniselo kaFebruwari 1, 2011.
3. Ukuchitha ixesha elingakumbi entsimini kunokubonisa njani ukuba siyasixabisa iSikhumbuzo?
3 Shumayela: Kwakhona, sinokubonakalisa uxabiso esinalo ngokuzibhokoxa entsimini. (Luka 6:45) NgoMgqibelo Matshi 10, iya kube ilusuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi yaye ukususela ngoMgqibelo Matshi 17, siza kube simema abantu ehlabathini lonke ukuba babekho eSikhumbuzweni. Ngaba unokwenza uhlengahlengiso ukuze uchithe ixesha elingakumbi entsimini, mhlawumbi ude ube nguye novulindlela ongumncedani? Kutheni ningancokoli ngalo mba kuNqulo Lwentsapho yenu olulandelayo?
4. Singenelwa njani ngokubakho eSikhumbuzweni?
4 Singenelwa ngokwenene ngokubakho kwiSikhumbuzo saminyaka le! Uvuyo nothando lwethu ngoThixo luyaphuphuma xa sicinga ngobubele asenzele bona uYehova ngokusithumelela okuphela koNyana amzeleyo ukuze abe yintlawulelo. (Yoh. 3:16; 1 Yoh. 4:9, 10) Oku kuyasinyanzela ukuba singabi saziphilela kodwa siphilele yena. (2 Kor. 5:14, 15) Kwakhona, kusenza sizimisele nangakumbi ukumdumisa esidlangalaleni uYehova. (INdu. 102:19-21) Ngokwenene, abakhonzi bakaYehova abanoxabiso bakhangele phambili kwithuba esiya kube sinalo ‘lokubhengeza ukufa kweNkosi’ kwiSikhumbuzo esiya kuba ngoAprili 5.—1 Kor. 11:26.