“Hlalani Nisenza Oku Nindikhumbula” Kuza
Kubakho ISikhumbuzo Sokufa KukaYesu NgoAprili 2
1. Kutheni uAprili 2, 2007, elusuku olubalulekileyo nje?
1 NgoAprili 2, 2007, izigidi zabantu ehlabathini jikelele ziza kuhlanganisana ukuze kukhunjulwe ukufa okwaba lidini kukaYesu. UYesu wafa emele ulongamo lukaYise osemazulwini, eyenza icace into yokuba uSathana uMtyholi wayexoka xa wayesithi abantu bamkhonza kuba bencwase okuthile nje kuphela. (Yob. 2:1-5) ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa sikwasikhumbuza ukuba ukufa kukaYesu engumntu ogqibeleleyo nongenasono, kwabangela ukuba ‘umphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Mat. 20:28) Ngoko ke, uYesu wayalela abafundi bakhe esithi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngaba umbulelo onawo ngesi sipho sixabisekileyo sivela kuThixo ukwenze waqalisa ukulungiselela ukukhumbula esi senzo sothando sincamisileyo?—Yoh. 3:16.
2. Sinokwenza njani ukuze iintliziyo zethu zilungele iSikhumbuzo?
2 Lungisa Intliziyo Yakho: Xa sihlola okwenzeka kusuku ngalunye kwiintsuku zokugqibela zokuphila kukaYesu njengomntu, sinokwenza iintliziyo zethu zilungele iSikhumbuzo. (Ezra 7:10) Ukuze sikwazi ukwenza oku, kwenziwe ucwangciso olukhethekileyo lokufunda iBhayibhile olufumaneka kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo—2007 nakwiKhalenda Yowama-2007. Olu fundo lucwangcisiweyo luhambelana neentsuku ezenzeka ngazo iziganeko eziphathelele ukufa kukaYesu ngokwekhalenda esiyisebenzisa kule mihla. Iintsuku ezichazwe kwingxelo yeBhayibhile zisekelwe kwikhalenda yamaYuda, egqala usuku njengoluqala ekutshoneni kwelanga luye kuphela ekutshoneni kwelanga. Lo mahluko uye walungiselelwa xa bekusenziwa ucwangciso lofundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo. Ukuhlola loo nkcazelo nokucamngca nzulu ngothando lukaThixo kuya kusinceda sizuze ngokupheleleyo ngokubakho kwiSikhumbuzo.
3. Sinokubanceda njani abanomdla nabapholileyo ukuba bangenelwe kwiSikhumbuzo?
3 Mema Abantu: Isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari siye sachaza ukuba kuza kubakho iphulo lokumema abantu ukuba beze kwesi sihlandlo sibalulekileyo. Ngaba sele uwenzile amalungiselelo okuba nesabelo kweli phulo? Ngaba sele ulwenzile uludwe lwabantu obaqhelileyo oza kubamema waza waqalisa ukuthetha nabo? Ceba ukufika ngaphambi kwexesha ngosuku lweSikhumbuzo ukuze wamkele abo ubamemileyo kunye nabanye abanomdla. Hlala nabo, uqiniseke ukuba baneBhayibhile neculo. Bazise kwabanye ebandleni. Emva kocwangciso ziphe ixesha lokuphendula imibuzo yabo. Bameme ukuba beze kwintetho ekhethekileyo eza kunikelwa ngoAprili 15. Abadala baya kuba nomdla okhethekileyo ekuqinisekeni ukuba abo banxulumana nebandla, kodwa abapholileyo, bayazifumana izimemo zeSikhumbuzo nezentetho ekhethekileyo.
4. Sinokubanceda njani abantu ukuba baqhubeke besenza inkqubela yokomoya emva kokuba beze kwiSikhumbuzo?
4 Nceda Abanomdla Nabapholileyo Benze Inkqubela: Isithethi seSikhumbuzo siza kuthi gqaba gqaba ngelungiselelo lethu lesifundo seBhayibhile size sikhuthaze abanomdla ukuba baqhubeke befunda ngoYehova. Unokusebenzisa amagqabaza aso njengesiseko sokunikela uncedo lokomoya olungakumbi kwabo ubamemileyo. Ukuba abaqhutyelwa sifundo ngoku, qiniseka ukuba uyabatyelela ngokukhawuleza emva kweSikhumbuzo uze ubabonise ukuba lisebenza njani ilungiselelo lesifundo seBhayibhile sesisa. Ukuze benze inkqubela yokomoya, kuza kufuneka baye kwiintlanganiso zebandla. (Heb. 10:24, 25) Ngenxa yoko, bakhuthaze ukuba baqalise ukuza rhoqo kuzo. Abadala bafanele batyelele amaKristu apholileyo aye eza kwiSikhumbuzo baze bakhele phezu kwesiseko esiye sabekwa yintetho. Loo nto inokuwakhuthaza ukuba aphinde abuyele ebandleni.
5. Sinokungenelwa njani ngokubakho kwiSikhumbuzo?
5 Ukuza eSikhumbuzweni kusinika ithuba lokucingisisa ngoko uYehova noYesu basenzele kona. Ukucamngca okunjalo kusenza sibathande nangakumbi kwaye kuchaphazela nendlela esiziphatha ngayo. (2 Kor. 5:14, 15; 1 Yoh. 4:11) Ngoku lixesha lokuqalisa ukulungisa iintliziyo zethu nokunceda abanomdla ukuba balungele esi sihlandlo sibalulekileyo esimele ‘sibhengeze ukufa kweNkosi’ ngaso.—1 Kor. 11:26.