Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokubajonga Xa Uthetha Nabo
1 Xa sishumayela esidlangalaleni nakwindlu ngendlu, sidla ngokubajonga emehlweni abantu ngaphambi kokuba siqalise ukuthetha nabo. Ngaloo mizuzwana sibajonge ngayo sinokukwazi ukuyibona ebusweni indlela abavakalelwa ngayo ngobukho bethu kwaye sinokubona nokuba baziva njani na ngelo xesha. Kwelinye icala nabo banokuqonda lukhulu ngathi. Ibhinqa elithile lathetha lenjenje ngotyelelo lwelinye iNgqina: “Into endiyikhumbulayo kukuba uncumo lwakhe lwaluntama indlela aseluxolweni ngayo. Yanditsala loo nto.” Kwatsho kwavuleka ithuba lokuba eli bhinqa liphulaphule iindaba ezilungileyo.
2 Ukubajonga abantu kuyindlela ephumelelayo yokuqalisa intshumayelo xa ukumsebenzi wasesitratweni okanye ushumayela kwezinye iindawo zikawonke wonke. Omnye umzalwana uye abajonge emehlweni abantu abeza ngakuye. Xa naloo mntu emjonga, uye ancume aze amhambisele iphephancwadi. Le ndlela iyamnceda ukuba ahambise uncwadi oluninzi yaye abe neengxubusho ezimnandi.
3 Qonda Iimvakalelo Zabantu: Ukubajonga emehlweni abantu kuya kukunceda uqonde indlela abavakalelwa ngayo. Ngokomzekelo, ukuba umntu akayiqondi kakuhle loo nto uyithethayo okanye akaboni ngasonye nawe kwinkalo ethile, ngokuqhelekileyo uyibona ebusweni bakhe loo nto. Ukuba uxakekile okanye uya ephelelwa ngumonde, umbona ebusweni. Kwakuba njalo sinokulungisa intshumayelo yethu okanye siyenze mfutshane. Ukukhawuleza ukuyibona indlela abanye abavakalelwa ngayo yindlela entle yokubonisa ukuba sinomdla kubo.
4 Ukunyaniseka Nokweyiseka: Kwiintlanga ezininzi, ukujonga umntu emehlweni kugqalwa njengembonakaliso yokunyaniseka. Phawula indlela uYesu awasabela ngayo xa abafundi bakhe bambuza lo mbuzo: “Ngubani na ke onokusindiswa?” IBhayibhile ithi: “Ebakhangela ebusweni, uYesu wathi kubo: ‘Ebantwini le yinto engenakwenzeka, kodwa kuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.’” (Mat. 19:25, 26) Alithandabuzeki elokuba ukweyiseka kukaYesu okwakubonakala emehlweni akhe kwayenza ayathandabuzeka into awayeyithetha. Ngendlel’ efanayo, ukubajonga emehlweni abantu kuya kusinceda sisidlulisele ngokunyaniseka nangolweyiseko isigidimi soBukumkani.—2 Kor. 2:17; 1 Tes. 1:5.