Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Meyi 1
“Ukwanda kweentlekele zemvelo kumhla wethu kuye kwabangela abanye abantu bazibuze enoba uThixo uyasohlwaya kusini na. Uthini wena? [Mvumele aphendule. Emva koko funda eyoku-1 kaYohane 4:8.] Eli nqaku lichaza isizathu sokuba uThixo engabekek’ ityala ngokubandezeleka okubangelwa ziintlekele zemvelo.” Mbonise inqaku elikwiphepha lama-30.
Vukani! Meyi
Funda uMateyu 6:10. Emva koko mbuze: “Ngaba wakha wazibuza ukuba kuyintoni ukuthanda kukaThixo ngomhlaba? [Mvumele aphendule.] IBhayibhile ithi ukususela ekuqaleni uThixo wayenenjongo ngomhlaba, ibe loo njongo ayikatshintshi. Eli nqaku licacisa oko.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha le-10.
IMboniselo Juni 1
“Elinye lawona mabali eBhayibhile aziwayo libali likaNowa noMkhukula. Ngaba wabakho ngokwenene loo Mkhukula? [Mvumele aphendule.] Into ebangel’ umdla kukuba, uYesu wathetha ngawo njengento eyenzeka ngokwenene. [Funda uLuka 17:26, 27.] Eli phephancwadi lisinika izizathu zokukholelwa ingxelo yoMkhukula lize lichaze oko sinokukufunda kuyo.”
Vukani! Juni
“Ukukhulisa abantwana akuyondlwan’ iyanetha, ingakumbi xa umntwana esithi dlundlu yaye kusenzeka inguqulelo ezithile kuye. Khawutsho ke, abazali banokulufumana phi icebiso elinokuthenjwa? [Mvumele aphendule. Emva koko funda uIsaya 48:17, 18.] Eli phephancwadi linamacebiso asexesheni aya kunceda abazali benze izinto ngobulumko nangokuqonda.”