IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/08 iphe. 4
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
  • Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
Khangela Okunye
Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
km 5/08 iphe. 4

Iintshayelelo Zamaphephancwadi

IMboniselo Meyi 1

“Ukwanda kweentlekele zemvelo kumhla wethu kuye kwabangela abanye abantu bazibuze enoba uThixo uyasohlwaya kusini na. Uthini wena? [Mvumele aphendule. Emva koko funda eyoku-1 kaYohane 4:8.] Eli nqaku lichaza isizathu sokuba uThixo engabekek’ ityala ngokubandezeleka okubangelwa ziintlekele zemvelo.” Mbonise inqaku elikwiphepha lama-30.

Vukani! Meyi

Funda uMateyu 6:10. Emva koko mbuze: “Ngaba wakha wazibuza ukuba kuyintoni ukuthanda kukaThixo ngomhlaba? [Mvumele aphendule.] IBhayibhile ithi ukususela ekuqaleni uThixo wayenenjongo ngomhlaba, ibe loo njongo ayikatshintshi. Eli nqaku licacisa oko.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha le-10.

IMboniselo Juni 1

“Elinye lawona mabali eBhayibhile aziwayo libali likaNowa noMkhukula. Ngaba wabakho ngokwenene loo Mkhukula? [Mvumele aphendule.] Into ebangel’ umdla kukuba, uYesu wathetha ngawo njengento eyenzeka ngokwenene. [Funda uLuka 17:26, 27.] Eli phephancwadi lisinika izizathu zokukholelwa ingxelo yoMkhukula lize lichaze oko sinokukufunda kuyo.”

Vukani! Juni

“Ukukhulisa abantwana akuyondlwan’ iyanetha, ingakumbi xa umntwana esithi dlundlu yaye kusenzeka inguqulelo ezithile kuye. Khawutsho ke, abazali banokulufumana phi icebiso elinokuthenjwa? [Mvumele aphendule. Emva koko funda uIsaya 48:17, 18.] Eli phephancwadi linamacebiso asexesheni aya kunceda abazali benze izinto ngobulumko nangokuqonda.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share