IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/09 iphe. 4
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
km 5/09 iphe. 4

Iintshayelelo Zamaphephancwadi

IMboniselo Meyi 1

Funda uMateyu 24:3. Emva koko uthi: “Abanye bavakalelwa kukuba lo mbuzo uphathelele ukutshatyalaliswa komhlaba wethu. Ngaba umhlaba uya kutshatyalaliswa? [Mlinde aphendule.] Impendulo kaYesu isenza sikhangele phambili—hayi ekutshatyalalisweni komhlaba kodwa ekutshatyalalisweni kwenye into. Inqaku elikwiphepha 16 liyacacisa.”

Vukani! Meyi

“Abanye abefundisi bashumayela besithi ukuba siyamkholisa uThixo, uya kusisikelela ngezinto eziphathekayo. Sekunjalo, kusenokwenzeka ukuba kukho abantu abalungileyo abangamahlwempu obaziyo. Ngaba uThixo ufuna sibe zizityebi? [Mlinde aphendule. Emva koko funda eyamaHebhere 13:5.] Eli nqaku lichaza indlela uThixo asisikelela ngayo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 12.

IMboniselo Juni 1

“Iincwadi ezinceda ekukhuliseni abantwana, ezothando, nezichaza indlela yokufumana ulwaneliseko ziyathandwa namhlanje. Ngaba uzifumanisa ziluncedo? [Mlinde aphendule.] Abaninzi abanikeli ngqalelo kweli cebiso lilandelayo eliphuma kumthombo onokuthenjwa. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16.] Eli phephancwadi lichaza isizathu sokuba sinokuyithemba iBhayibhile namacebiso aluncedo ewanikelayo.”

Vukani! Juni

“Njengokuba usazi, kunembambano ngokuphathelele ukuqhomfa, abanye bathi kulungile ngoxa abanye besithi kuphosakele. Ngaba iBhayibhile inokuba luncedo kumntu ongayaziyo into amakayenze? [Mlinde aphendule. Emva koko funda eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17.] Eli nqaku libonisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngalo mbandela.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share