Ukuxabisa Esona Sipho SikaThixo Sibalaseleyo
1. Kutheni ngokukhethekileyo sinombulelo kuYehova?
1 ‘Kwizipho ezininzi ezilungileyo’ zikaYehova, intlawulelo eyanikelwa nguNyana wakhe sesona sipho sibalaseleyo. (Yak. 1:17) Yenza sifumane iintsikelelo ezininzi, kuquka nokuxolelwa kwezono zethu. (Efe. 1:7) Siya kuhlala sinombulelo ngayo. Ebudeni bexesha leSikhumbuzo, ngokukhethekileyo sizipha ixesha lokucamngca ngesi sipho sixabisekileyo.
2. Sinokulwakha njani uxabiso ngentlawulelo njengabantu ngabanye nanjengentsapho?
2 Yakha Uxabiso: Ukuze nakhe uxabiso lwentsapho yenu, kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo ngoMatshi 30, kutheni ningasebenzi ixesha loNqulo Lwentsapho ukuze nihlole inkcazelo ephathelele intlawulelo? Kwakhona fundani njengentsapho ufundo lweBhayibhile lweveki yeSikhumbuzo suku ngalunye. Cingani ngendlela eniye nazuza ngayo kwintlawulelo nendlela eye yayichaphazela ngayo imbono yakho ngoYehova, ngawe, ngabanye nangekamva. Niya kukufumanisa kuyingenelo ukuqhelisela iingoma ezimbini eziza kusetyenziswa eSikhumbuzweni, ingoma yama-87 neye-105.—INdu. 77:12.
3. Sinokubulela njani?
3 Indlela Esibulela Ngayo: Uxabiso ngentlawulelo lusishukumisela ukuba sichazele abanye ngoYehova nothando lwakhe ngokuthumela uNyana wakhe. (INdu. 145:2-7) Ebudeni bukaMatshi, uAprili noMeyi, ezinye iintsapho zibonisa uxabiso lwazo ngokulungiselela ukuba ilungu elinye libe nguvulindlela ongumncedani. Ukuba aninakukwazi, ngaba ‘aninakuzongela ixesha’ lokuba nenxaxheba engakumbi entsimini? (Efe. 5:16) Njengentsapho, cebani ukuba nenxaxheba ngokupheleleyo kuSuku Lwamaphephancwadi olukhethekileyo ngoMgqibelo, Aprili 17. Ukuba nombulelo kuya kusishukumisela ukuba sincede nabanye abantu ukuba baye eSikhumbuzweni. (ISityhi. 22:17) Qala ngokubhala uluhlu lwamabuyelo, izifundo zeBhayibhile, izalamane, abantu osebenza nabo nabamelwane, uze wenze kangangoko unako kweli phulo likhethekileyo lokuhambisa izimemo zeSikhumbuzo.
4. Kungaziphi iindlela esinokusebenzisa ngazo ixesha leSikhumbuzo ngobulumko?
4 Ixesha leSikhumbuzo lisinika ithuba lokubonisa uYehova indlela esisixabisa ngayo esi sipho asenzele uluntu. Ngamana singasebenzisa eli xesha ukuze sakhe size sibonise uxabiso lwethu ngentlawulelo nazo zonke izinto “ezingobutyebi obungenakuqondwa bukaKristu.”—Efe. 3:8.