Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Matshi 1
“Abantu bathetha izinto ezahlukahlukeneyo ngoYesu. Ngaba wena umgqala njengonyana kaThixo okanye indoda nje elungileyo?” Mlinde aphendule. Yandula ke umfundele omnye kwimibandela ephantsi kwemibuzo engqindilili ekwiphepha 16-17 nesinye kwizibhalo eziboniswe apho. Mnike iphephancwadi, uze ulungiselele ukubuyela kuye ukuze nixubushe impendulo yombuzo olandelayo.
Vukani! Matshi
Xa udibana nomntu oselula, mbonise inqaku eliqala kwiphepha 26. Malathise umxholwana wokuqala uze umbuze oku, “Ngaba ucinga ukuba yinyaniso okanye bubuxoki obu buthethwa apha? [Mlinde aphendule. Emva koko mfundele eyesi-2 kwabaseKorinte 7:1.] Eli nqaku lixubusha ngezinto ofanele uzazi ngokutshaya kuquka indlela onokuyeka ngayo.”
IMboniselo Aprili 1
“Abantu abaninzi bakholelwa izinto ezahlukahlukeneyo ngoYesu. Ngaba ucinga ukuba kubalulekile ukwazi inyaniso ngaye? [Mlinde aphendule. Emva koko mfundele uYohane 17:3.] Eli phephancwadi lichaza eyona nto ethethwa yiBhayibhile ngoYesu—indawo awayevela kuyo, indlela awayephila ngayo, nesizathu sokuba afe.”
Vukani! Aprili
“Ngaba akuvumi ukuba ukufelwa sisalamane sakho yenye yezinto ezibuhlungu ebantwini? [Mlinde aphendule.] Abantu abaninzi baye bancedwa leli cebiso. [Funda INdumiso 55:22.] Eli phephancwadi lichaza iindlela ezinokusinceda sijamelane nale ntlungu, nokuze sikwazi ukulahlela umthwalo wethu kuThixo.”