Iintshumayelo
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KuMeyi
“Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba uThixo avumele ubungendawo nokubandezeleka?” [Mlinde aphendule.] Ndinento ebangela umdla endinqwenela ukukubonisa yona ngalo mbandela.” Funda kunye naye umxholwana wokuqala kwiphepha 16 leMboniselo kaMeyi 1 nesinye kwizibhalo ezicatshulweyo. Mnike amaphephancwadi, uze ulungiselele ukubuyela ukuze uphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Meyi 1
Funda INdumiso 37:10, 11, wandule ke uthi: “Ucinga ukuba esi sithembiso sesiza kuzaliseka? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha iziprofeto zeBhayibhile ezithandathu ezahlukahlukeneyo esizibona zizaliseka ngoku, ziprofeto ezo ezibonisa ukuba esi sithembiso sele siza kuzaliseka.”
Vukani! Meyi
“Abanye abantu bathi sizizilwanyana ezikumgangatho ophezulu ezazivelelayo. Ucinga ntoni? [Mlinde aphendule, uze ke ufunde iNdumiso 139:14.] Lo mdumisi wayengenalwazi lungako ngendlela umzimba womntu odalwe ngokumangalisa ngayo. Eli phephancwadi lixubusha ngezinto esisele sizazi, kwakunye nezo zisahlulayo kwizilwanyana.”