Iintshayelelo Zamaphephancwadi
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala NgoJulayi
“Abantu abaninzi baye baphindaphinda la mazwi xa besenza uMthandazo weNkosi: ‘Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho, nasemhlabeni njengasezulwini.’ Ucinga ukuba buyintoni obo Bukumkani? [Mlinde aphendule.] Le ndinyana yeBhayibhile isinceda sifumane impendulo.” Funda uDaniyeli 2:44. Emva koko nika umninimzi iMboniselo kaJulayi 1 nifunde nize nixubushe umbandela okumxholwana wokuqala kwiphepha 16. Mnike amaphephancwadi, uze ulungiselele ukubuyela ukuze niphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Julayi 1
“Ekubeni ubomi bubufutshane yaye buzaliswe ziingxaki, abaninzi bazibuza ngeyona siyiphilelayo. Wakha wacinga wena ngaloo nto? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile ithembisa ukuba ubomi abuyi kuhlala bunje. [Funda iSityhilelo 21:4.] Eli phephancwadi lixubusha ngenjongo anayo uThixo ngomhlaba lize lichaze ezinye zezinto esinokuzenza ukuze siphile ubomi obunenjongo ngokwenene kanye ngoku.”
Vukani! Julayi
Chaza intlekele esezindabeni. Emva koko uthi: “Ucinga ukuba kutheni uThixo evumela izinto ezinjalo ukuba zenzeke? [Mlinde aphendule.] Ngokutsho kweBhayibhile, uThixo unovelwano ngabantu ababandezelekayo. [Funda iEksodus 3:7.] IBhayibhile iphinda isixelele ukuba uThixo uyakuvumela ukubandezeleka yaye uza kukuphelisa kungekudala ngonaphakade. Eli phephancwadi licacisa oko.”