IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/13 iphe. 8
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
km 6/13 iphe. 8

Iintshayelelo Zamaphephancwadi

Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaJulayi

“Phantse wonke umntu angathanda ukuphila ixesha elide onwabile. Singathanda ukuva imbono yakho ngalo mbuzo: Ngaba ucinga ukuba inzululwazi namayeza angasenza siphile ubomi obungunaphakade ngeny’ imini? [Mvumele aphendule.] Khawuve oko kuthethwa leli phephancwadi.” Mbonise ngasemva kwiMboniselo kaJulayi 1, nixubushe inkcazelo engaphantsi kombuzo wokuqala nize nifunde okungenani isibhalo sibe sinye. Mnike amaphephancwadi uze ulungiselele ukumtyelela kwakhona ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.

Phawula: Le ntshumayelo ifanele yenziwe xa kuqhutywa intlanganiso yasentsimini ngoJulayi 6.

IMboniselo Julayi 1

“Abantu abaninzi esithetha nabo baneecawa zabo. Kodwa abanye bathi abaluthembi kwaphela unqulo. Uvakalelwa njani xa kuthethwa ngonqulo? [Mvumele aphendule.] UYesu uyasinceda sibone indlela esimele silujonge ngayo unqulo. [Funda uLuka 6:​44a.] Eli phephancwadi lixubusha ngesiqhamo esibi esiveliswa lunqulo. Kwakhona liphendula umbuzo othi, Ngaba ­naluphi na unqulo lufanele luthenjwe?”

Vukani! Julayi

“Sityelele abamelwane bethu ukuze sithethe nabo ngengxaki yokungabikho kokusesikweni. Abanye abantu balwa nokungabikho kokusesikweni ngokukhalaza. Ngaba ucinga ukuba abantu abakhalazayo benza kubekho utshintsho? [Mvumele aphendule.] Phawula ukuba iBhayibhile ithi yintoni eza kwenza kubekho utshintsho emhlabeni. [Funda uMateyu 6:​9, 10.] Eli phephancwadi liphendula lo mbuzo, Ngaba ukukhalaza sisicombululo?”

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

“Sityelele iintsapho kwesi sitrato senu ukuze sincokole nazo ngamazwi akhuthazayo avela eBhayibhileni. Ezininzi esisele sithethe nazo zibuza isizathu sokuba uThixo onothando avumele ukubandezeleka emhlabeni. Ngaba ucinga ukuba yayiyinjongo kaThixo ukuba abantu babandezeleke?” Mvumele aphendule. Emva koko, tyhila kwiSifundo 5, ufunde uze uxubushe iziqendu ezibini zokuqala nezibhalo ezikekelisiweyo. Mnike incwadana enemifanekiso uze wenze amalungiselelo okubuyela nize niphendule umbuzo olandelayo obhalwe ngamagama angqindilili.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share