Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
1. Siza kuqala nini ukufunda incwadana ethi Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje? yaye kuza kusinceda njani ukuyifunda?
1 Ukususela kwiveki eqala ngo-Oktobha 28, kwiSifundo SeBhayibhile Sebandla siza kufunda incwadana enemifanekiso ethi Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje? Le ncwadana intsha eye yakhululwa kwiNdibano YeSithili ethi “Londoloza Intliziyo Yakho!,” yenzelwe ukunceda izifundo zeBhayibhile zingene entlanganweni. Ukufunda le ncwadana kuza kusinceda sikuxabise ukuba yinxalenye yentlangano kaYehova. Kwakhona, kuza kusinceda sitsho siyazi kakuhle le ncwadana.—INdu. 48:13.
2. Iza kufundwa njani le ncwadana ebandleni?
2 Indlela Eza Kufundwa Ngayo: Umqhubi kuza kufuneka aqiniseke ukuba isifundo ngasinye sifumana ixesha elaneleyo. Uza kuqalisa isifundo ngasinye ngokufunda umbuzo ongumxholo. Emva koko, uya kucela umfundi weziqendu afunde isiqendu esiyintshayelelo. Uyakwandula ke umqhubi abuze umbuzo wentshayelelo awulungiseleleyo. Emva koko, inxalenye nganye eqala ngamagama abhalwe ngqindilili ifanele ifundwe ize ixutyushwe. Emva kokuba inxalenye nganye ifundiwe, umqhubi uya kucela abaphulaphuli bagqabaze ngendlela ewuphendula ngayo umbuzo ongumxholo. Le ncwadana inemifanekiso emininzi esinokugqabaza ngayo. Xa ixesha livuma izibhalo eziyintloko zifanele zifundwe. Ngaphambi kokuba kudlulelwe kwisifundo esilandelayo, umqhubi uya kubuza imibuzo yempinda esemazantsi ephepha. Ukuba kukho ibhokisi ethi “Funda Okungakumbi,” kuza kufuneka ifundwe, aze emva koko umqhubi acele abaphulaphuli bagqabaze ngendlela esiza kuncedakala ngayo isifundo seBhayibhile ngokwenza oko kuthethwa kwibhokisi. Ukuba ixesha lisekho xa kuqukunjelwa, umqhubi unokusebenzisa imixholo yezifundo njengemibuzo yempinda. Sicela nikhumbule ukuba le asiyondlela eziza kuqhutywa ngayo izifundo zeBhayibhile.
3. Sifanele senze ntoni ukuze singenelwe ngokupheleleyo kule ncwadana?
3 Ukuze ungenelwe ngokupheleleyo, yiza uzilungiselele iintlanganiso, uze ugqabaze. Njengoko kuqhutywa isifundo cinga ngendlela loo mbandela oza kuzinceda ngayo izifundo zeBhayibhile. Kwanga ukufunda kwethu le ncwadana kungasixhobisa sikwazi ukunceda abanye basithelele ekwenzeni ukuthanda kukaThixo ukuze nabo babe nethemba lokuphila ngonaphakade.—1 Yoh. 2:17.