Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukuphendula Amazwi Anokuthintela Incoko
Isizathu Sokuba Kubalulekile: Masithi uyazi ukuba kuza intlekele. Ukuba abantu ababalekeli kwindawo ekhuselekileyo, nakanjani baza kufa. Uya kummelwane ukuze umlumkise, kodwa ukubetha emlonyeni esithi uxakekile. Ngokuqinisekileyo akunakukhawuleza umncame. Abantu abaninzi kwintsimi yethu bayasigxotha bengakuqondi ukubaluleka kwesigidimi sethu esisindisa ubomi. Xa sibatyelela, mhlawumbi sinokufika bexakekile. (Mat. 24:37-39) Okanye beve izinto ezingeyonyani ngathi. (Mat. 11:18, 19) Basenokucinga ukuba siyafana nezinye iicawa eziye zavelisa isiqhamo esibi. (2 Pet. 2:1, 2) Ukuba umninimzi akanamdla kutyelelo lokuqala, asifanele simncame ngokukhawuleza.
Khawulizame Kwakule Nyanga:
Xa udibana namazwi anokuthintela incoko, emva kokuba niphumile kuloo mzi, thetha naloo mntu uhamba naye ngendlela ebhetele obunokuphendula ngayo.