Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukubonisa Indlela Yokuqhuba Isifundo SeBhayibhile Usebenzisa Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
Isizathu Sokuba Kubalulekile: Abantu abaninzi basenokungaqondi ukuba sithetha ukuthini xa sisithi siqhuba izifundo zeBhayibhile zasimahla. Basenokucinga ukuba kuza kufuneka bangene kwiklasi ethile okanye bafunde ngembalelwano. Kunokuba ubaxelele nje ngesifundo, kutheni ungababonisi indlela esiqhutywa ngayo? Ngemizuzu nje embalwa, ungakwazi ukubonisa umninimzi indlela ekulula nekuluncedo ngayo ukufunda iBhayibhile. Oku unokukwenza umi nasemnyango.
Khawulizame Kwakule Nyanga:
Cela kuYehova ngomthandazo ukuba akusikelele ngesifundo seBhayibhile esitsha.—Fil. 2:13.
Zama ukubonisa indlela yokuqalisa isifundo seBhayibhile usebenzisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, okanye ubonise umninimzi ividiyo ethi Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile? nokuba kukanye nje xa usentsimini.