INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Indlela Echanileyo Yokugqabaza
Iimpendulo ezichanileyo ziyalikhuthaza ibandla. (Rom 14:19) Ziyabanceda nabo baphendulayo. (IMi 15:23, 28) Ngoko sifanele sizame ukuphendula nokuba kukanye xa sikwiintlanganiso. Asimele silindele ukuba siza kukhonjwa qho xa siphakamisa. Ngenxa yoko, senza kakuhle xa silungiselela iimpendulo ezininzi.
Impendulo echanileyo . . .
ilula, icacile kwaye imfutshane. Inokude ithathe imizuzwana eyi-30 nangaphantsi
umntu uyitsho ngamazwi akhe
ayikokuphinda into eseyithethiwe ngokungeyomfuneko
Ukuba ukhonjwe kuqala . . .
mayibe yimpendulo elula nephendula ngqo umbuzo
Ukuba sele uphendulwe umbuzo, unoku . . .
bonisa indlela isibhalo esicatshulweyo esiyicacisa ngayo loo nto kuthethwa ngayo
chaza indlela loo nto enokusinceda ngayo ebomini
chaza indlela esinokuyisebenzisa ngayo loo nkcazelo ukuze sincede abanye
balisa amava amafutshane abalaselisa eyona nto kuthethwa ngayo