INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Hlala Uthembekile KuYehova Njengoko Isiphelo Sisondela
KUTHENI KUBALULEKILE: Sele kuza kwenzeka izinto ezothusayo, eziza kuvavanya ukuba sinesibindi kangakanani, ibe simthembe nyhani na uYehova. Ixesha lentlungu engathethekiyo liza kuqalisa xa kutshatyalaliswa iicawa zobuxoki. (Mat 24:21; ISi 17:16, 17) Ngelo xesha, mhlawumbi siza kushumayela ngomgwebo. (ISi 16:21) Siza kuhlaselwa nguGogi wakwaMagogi. (Hez 38:10-12, 14-16) Xa kusenzeka le nto, uYehova uza kuqalisa imfazwe “yemini enkulu kaThixo uSomandla.” (ISi 16:14, 16) Ukuze sibe nesibindi sokumelana nezinto eziza kwenzeka, simele sihlale sithembekile kwangoku xa ukholo lwethu luvavanywa.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
Yiba nesibindi, uphile ngemithetho kaYehova.—Isa 5:20
Qhubeka ukhonza nabazalwana noodade.—Heb 10:24, 25
Yithobele ngokukhawuleza imiyalelo esiyinikwa yintlangano kaYehova.—Heb 13:17
Cingisisa ngendlela uYehova awabanceda ngayo abantu bakhe.—2Pe 2:9
Thandaza kuYehova uze umthembe.—Nd 112:7, 8
BUKELA IVIDIYO ETHI IZINTO EZIZA KUFUNA SIBE NESIBINDI—ISICATSHULWA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Yintoni eye yadinga abavakalisi babonise ukuba bathobela nyhani xa ibandla labo beliza kudityaniswa namanye?
Isibindi nokuthobela zidibana njani?
Kutheni kuza kufuneka sibe nesibindi xa kufika iArmagedon?
Zilungiselele kwangoku izinto eziza kufuna ube nesibindi
Yintoni ekuthethwa ngayo eBhayibhile enokusinceda siqiniseke ukuba uYehova uza kusisindisa?—2 Kro 20:1-24