Ngaba Ndimele Ndiyeke Ukuqhuba?
SEKUYIMINYAKA uqhuba. Uvuyiswa kukukwazi ukuziqhubela imoto yakho, uye naphi na apho ufuna ukuya khona. Kodwa yona intsapho nabahlobo bakho banexhala, bangathanda ucingisise ukuba umele uyeke na ukuqhuba. Kodwa wena awusiqondi isizathu sokuba babe nexhala.
Ngaba nakuwe kwenzeka into efanayo? Ukuba kwenzeka loo nto, yintoni enokukunceda ugqibe ekubeni uyeke ukuqhuba?
Kwamanye amazwe, xa befuna ukuhlaziya ilayisensi, abaqhubi abangaphezu kweminyaka ethile kuye kufuneke bayokuhlolwa ngugqirha. AmaKristu ahlala kula mazwe ayayithobela le mithetho nezigqibo ezenziwe ngaba gqirha bamiselwe ngurhulumente. (Roma 13:1) Kodwa nokuba uhlala phi, zikhona iindlela onokuzibona ngazo ukuba usafanele uqhube na.
HLOLA INDLELA OQHUBA NGAYO
Njengokuba iwebhsayithi yeNational Institute on Aging (NIA) yaseUnited States icebisa, unokuqala ngokuzibuza le mibuzo:
Ngaba kunzima kum ukufunda iibhodi ezisendleleni okanye ndibona nzima ebusuku?
Ngaba kuya kusiba nzima kum ukujika intloko ukuze ndijonge izipili neendawo ezingabonakaliyo ezipilini?
Ngaba kunzima ukukhawuleza ndenze into efunekayo xa kuvela ingxaki endleleni, njengokususa unyawo emafutheni ndinyathele iziqhoboshi?
Ngaba ndicotha kakhulu endleleni de ndilibazise nezinye iimoto?
Ngaba kaninzi ndikhe ndaphantse ukwenza ingozi, okanye imoto yam inemikrwelo neendawo eziboqokileyo kuba nditshayise izinto?
Ngaba ndikhe ndamiswa ngamapolisa ngenxa yendlela endiqhuba ngayo?
Ndakha ndabiwa bubuthongo ndiqhuba?
Ngaba kukho amayeza endiwasebenzisayo anokundiphazamisa xa ndiqhuba?
Ngaba intsapho yam okanye abahlobo, bakhe bandixelela indlela ebaxhalabisa ngayo indlela endiqhuba ngayo?
Ukuba mnye okanye mibini imibuzo oyiphendula ngokuthi ewe kule, kusenokufuneka kubekho izinto ozitshintshayo. Ngokomzekelo, usenokugqiba ekubeni ungaqhubi kakhulu, ngokukodwa ebusuku. Hlala uyijonga indlela oqhuba ngayo. Usenokucela omnye umntu kwintsapho yakho okanye umhlobo ukuba akuxelele ukuba ucinga ukuba uqhuba njani? Usenokuya nakwisikolo esifundisa ukuqhuba ngendlela ekhuselekileyo. Kodwa ukuba uthe ewe kwimibuzo emininzi, kusenokuba bhetele ukuba uyeke ukuqhuba.a
KHOKELWA YIMIGAQO YEBHAYIBHILE
Sisenokungaziboni thina ukuba asisaqhubi kakuhle. Sisenokuba asicingi nokucinga ngokuyeka ukuqhuba futhi asikuthandi nokuthetha ngaloo nto. Ngoko yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda uyibone kakuhle imeko yakho uze wenze isigqibo esifanelekileyo? Makhe sithethe ngemibini.
Hlala uthobekile. (IMize. 11:2) Njengoko sisiya sikhula, siya singaboni kakuhle, singeva kakuhle, izihlunu namanye amalungu omzimba aya eyeka ukomelela. Ngokomzekelo, xa besiya bekhula abantu abaninzi bayayiyeka eminye imidlalo kuba bayaqonda ukuba baza kwenzakala lula. Kwenzeka loo nto ke nasekuqhubeni imoto. Kusenokufika ixesha apho umntu othobekileyo esenokugqiba ukuba ayeke ukuqhuba ukuze angazenzakalisi. (IMize. 22:3) Kanti ukuba abantu bamxelela ukuba indlela aqhuba ngayo ibenza ixhala, umntu othobekileyo uza kubamamela.—Thelekisa u-2 Samuweli 21:15-17.
Lumkela ukuba netyala legazi. (Dut. 22:8) Imoto sisixhobo esiyingozi xa ingasetyenziswa kakuhle. Umntu ongayekiyo ukuqhuba ngoxa engasakwazi kakuhle, unokuzibulala okanye abulale abanye abantu. Unokude abe netyala legazi xa eye wenza ingozi kwaza kwasweleka umntu.
Ukuba kunzima ukwenza isigqibo sokuba uyeke na ukuqhuba, sukucinga ukuba abantu baza kuyeka ukukuhlonipha xa ungasaqhubi. UYehova uyakuthanda ngenxa yeempawu onazo, ezinjengokuthobeka nokucingela impilo yabanye. Uthembisa nokuba uza kukunceda aze akuthuthuzele. (Isa. 46:4) Akasoze akushiye. Mcele akuncede usebenzise ubulumko nemigaqo yeBhayibhile ukuze ukwazi ukwenza isigqibo sokuba uyeke na ukuqhuba.
a Ukuze ufunde nezinye izinto jonga inqaku elithi “Iingozi Zeenqwelo-mafutha—Ngaba Ukhuselekile Kuzo?” kuVukani! kaSeptemba 8, 2002.