IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Disemba iphe. 26-30
  • Nina Bantu Badala​​—Nibalulekile Ebandleni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nina Bantu Badala​​—Nibalulekile Ebandleni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • YINTONI UYEHOVA AYILINDELEYO KUWE?
  • UNOKUBANCEDA KAKHULU ABANYE
  • UYEHOVA UYAYIXABISA INDLELA OTHEMBEKE NGAYO
  • HLALA UXAKEKILE KANGANGOKO UNAKO
  • Wakufumana Okwakunqwenelwa Yintliziyo Yakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • UYehova Ubanyamekela Ngothando Abakhonzi Bakhe Abakhulileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Vuyiswa Kukukhonza UYehova Ngawo Onke Amandla Onawo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Wathande, Uwahloniphe AmaKristu Akhulileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Disemba iphe. 26-30
Imifanekiso: Abazalwana noodade abakhulileyo bavuyiswa kukukhonza uYehova. 1. Umzalwana uncumile, uqinisekile ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. 2. Udade okwiwheelchair unika unesi iphecana. 3. Udade uyaphendula kwiintlanganiso. 4. Udade ubambelele kwingalo yomzalwana osemtsha, bashumayela kwindlu ngendlu. 5. Umzalwana uncokola nabantwana ababini nomama wabo kwiHolo YoBukumkani.

Nina Bantu Badala​—Nibalulekile Ebandleni

UConnie ona-83 uthi, “Ndiyamangala xa ndicinga ngezinto endiye ndakwazi ukuzenza. Kodwa ngoku ngenxa yeminyaka, andisakwazi ukwenza izinto endandikade ndikwazi ukuzenza.”

Mhlawumbi nawe unezinto ongasakwaziyo ukuzenza ngenxa yeminyaka. Ngoxa sele uneminyaka umkhonza uthembekile uYehova, loo nto isenokukutyhafisa. Ngokomzekelo, unokuthelekisa indlela owawukade uzenza ngayo izinto nendlela ozenza ngayo ngoku. Yintoni enokukunceda uyeke ukucinga ngolu hlobo?

YINTONI UYEHOVA AYILINDELEYO KUWE?

Khawuzibuze, ‘Yintoni uYehova ayilindeleyo kum?’ Unokuthuthuzelwa ngamazwi akwiDuteronomi 6:​5, athi: “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke.”

Ngokutsho kwale vesi, uYehova ulindele ukuba umkhonze ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke. Le nto inokukunceda ungazithelekisi nabanye, okanye uthelekise indlela ozenza ngayo ngoku izinto nendlela owawukade uzenza ngayo.

Cinga ngale nto kaloku: Ngokuya wawusemtsha, ziintoni owawumenzela zona uYehova? Abantu bakaYehova abaninzi bebeza kuthi babemenzela konke okusemandleni abo. Nawe, wawumenzela konke owawunamandla okukwenza ngelo xesha. Ngoku yintoni okwaziyo ukumenzela yona uYehova? Mhlawumbi, umenzela konke okusemandleni akho ngoku. Ukuba izinto uzijonga ngolu hlobo, unokubona ukuba uYehova usamsebenzela ngamandla akho onke njengakuqala. Wawusenza konke owawunokukwazi ukumenzela kona ngelo xesha, usenza loo nto ke nangoku.

Imifanekiso: Udade okhonze uYehova ethembekile iminyaka emininzi. 1. Kwiminyaka emininzi edlulileyo kwindlu ngendlu udade osemtsha ushumayela kwibhinqa. 2. Ngoku lo dade sele emdala, ukunye nodade oselula, bashumayela ngefowuni.

Ukuba umkhonza ngamandla akho onke uYehova ngoku sele ukhulile, wenza la nto wawuyenza ngokuya wawusemtsha

UNOKUBANCEDA KAKHULU ABANYE

Nantsi ke enye into: Kunokuba ucinge ngezinto ongasakwaziyo ukuzenza ngenxa yokuba umdala, cinga ngamathuba amaninzi onawo okunceda abanye abantu. Ekubeni ngoku sele ungumKristu okhulileyo, unokukwazi ukwenza izinto owawungenakukwazi ukuzenza ngokuya wawusemtsha. Ngokomzekelo, nazi ezinye izinto onokukwazi ukuzenza:

Balisela abanye abantu ngezinto ezenzekileyo ebomini bakho. Cinga ngala mazwi aseBhayibhileni:

AkaKumkani uDavide: “Ndakha ndangumfana, ngoku ndimdala, kodwa andikamboni umntu olilungisa elahliwe, okanye abantwana bakhe bedinga isonka.”​—INdu. 37:25.

AkaYoshuwa: “Ngoku jongani! Sele ndiza kufa, ibe niyazi ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo wenu wonke ukuba, akukho nasinye isithembiso esingenzekanga kuzo zonke izithembiso ezilungileyo azithethileyo kuni uYehova uThixo wenu. Ziye zenzeka zonke. Akukho nalinye ilizwi elingenzekanga.”​—Yosh. 23:14.

Mhlawumbi xa wawusemtsha wawuthetha izinto ezifana nezo zathethwa nguDavide noYoshuwa ukuze ukhuthaze abanye. UDavide noYoshuwa bazibona zisenzeka kaninzi kubo ezi zinto kangangeminyaka, izinto abazithethayo zazinamandla kakhulu.

Ukuba nawe sele uneminyaka ukhonza uYehova, unokuthetha ngendlela uYehova aye wakusikelela ngayo okanye aye wabasikelela ngayo abanye abantu abamkhonzayo. Likhona ixesha olikhumbulayo apho wabona indlela uYehova abasikelela ngayo abantu bakhe? Ukuba likhona, balisela abanye ngalo. Loo nto inokubahlaziya ngendlela nawe eyakuhlaziya ngayo. Ngoko, xa abanye besiva izinto ezenzekayo kuwe ngenxa yokuba ukhonza uYehova, banokukhuthazeka kakhulu.​—Roma 1:​11, 12.

Enye indlela onokubakhuthaza ngayo kukuya ngokoqobo kwiintlanganiso qho iimeko zikuvumela. Xa uyile unokubakhuthaza abazalwana noodade, nawe ukhuthazeke. UConnie, ebekuthethwe ngaye ekuqaleni, uthi: “Ukuya kwiintlanganiso kundenza ndingatyhafi. Ndinokutyhafa njani ekubeni ndifumana uthando olungaka eHolweni YoBukumkani? Ndiye ndizame ukubabonisa indlela endibabulela ngayo abazalwana noodade ngokubapha izinto nje ezincinci. Ndiyaqiniseka nokuba ndenza izinto eziqinisa ukholo kunye nabazalwana noodade.”

UYEHOVA UYAYIXABISA INDLELA OTHEMBEKE NGAYO

Baninzi abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ababethandwa nguYehova ngoxa babengasakwazi ukwenza izinto ngendlela ababekade bezenza ngayo. Omnye wabo ngumSirayeli owayesele emdala uSimeyon, nowayesaphila xa kwakuzalwa uYesu. Xa eye etempileni, mhlawumbi wayebona abafana besenza imisebenzi ebalulekileyo apho. Mhlawumbi wayeye acinge ukuba akusekho nto ingako anokumsebenzisa kuyo uYehova, kuba akasenakukwazi ukumsebenzela ngendlela abo bafana abanokumsebenzela ngayo. Kodwa uYehova wayengaboni ngolo hlobo. Kuye uSimeyon ‘wayelilungisa yaye esoyika uThixo,’ ngoko wamsikelela ngokumenza abone usana olunguYesu. Wade wamsebenzisa ukuba aprofete ngolu sana lwaluza kuba nguMesiya. (Luka 2:​25-35) Kucacile ukuba, uYehova zange abone ixhego elinguSimeyon, kodwa wabona indoda eyayinokholo oluqinileyo, “neyayinomoya oyingcwele.”

UYosefu noMariya bayavuya, babonisa uSimeyon usana olunguYesu.

UYehova wasikelela uSimeyon ngokumenza abone usana olunguYesu, nangokumenza aprofete ngalo ukuba lwaluza kuba nguMesiya

Nawe ke qiniseka ukuba uYehova uyayixabisa indlela othembeke ngayo kuye nokuba kukho izinto ongasakwaziyo ukumenzela zona. Kaloku, “uThixo akalindelanga ukuba umntu anikele ngento angenayo, ufuna anikele ngalo nto anayo.”​—2 Kor. 8:12.

Ngenxa yaloo nto yenza ezo zinto ukwaziyo ukuzenza. Ngokomzekelo, zeziphi iindlela onokukwazi ukushumayela ngazo nokuba lixeshana nje elincinci? Unokukwazi ukukhuthaza abanye ngokubafowunela okanye ngokuba bhalela nje ikhadi? Izinto ezincinci ozenzayo ngenxa yokuba ubathanda abazalwana noodade zinokuba khuthaza kakhulu, ngokukodwa xa zisenziwa ngumntu ekudala ekhonza uYehova.

Ngoxa umzimba wakho ungasavumi, ininzi into onokumenzela yona uYehova. Khawujonge into eyenzeka eMpuma Afrika kwibhokisi ethi “Yasindisa Ubomi Bakhe.”

Khumbula ukuba indlela onokholo nothembeke ngayo inokubakhuthaza abanye. Ukunyamezela kwakho kungumzekelo kwabanye, futhi unokuqiniseka ukuba ‘uThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wakho nendlela obonise ngayo ukuba uyalithanda igama lakhe, ngokuthi ubalungiselele abo bangcwele, yaye usaqhubeka ubalungiselela.’​—Heb. 6:10.

HLALA UXAKEKILE KANGANGOKO UNAKO

Uphando lubonisa ukuba amadoda namabhinqa amaninzi asele ekhulile naxakeke kukunceda abanye abantu aba nempilo ebhetele, acinge kakuhle, aze aphile ixesha elide.

Kakade ke, ukwenza izinto ezintle akuziphelisi zonke iingxaki ezibangelwa kukwaluphala. BuBukumkani BukaThixo kuphela obuza kuyenza loo nto, ngokususa isono esenza abantu baluphale baze basweleke.​—Roma 5:12.

Sekunjalo, izinto ozenzela uYehova njengokunceda abantu bamazi, zinokuliqinisa ithemba onalo, futhi zinokude ziyenze bhetele impilo yakho. Bazalwana noodade asebekhulile, yazini ukuba uYehova uyazixabisa izinto enimenzela zona nendlela eninokholo ngayo iyalikhuthaza ibandla.

Udade omdala ushumayela etrolini. Uhleli kunye nebhinqa eliselitsha elikhalayo, ulifundela isibhalo.

Yasindisa Ubomi Bakhe

Enye intombi yayihamba ngakwitroli yethu. Emva kokuba eyibulisile, udade okhulileyo owayelapho wayibuza ukuba angayifundela na isibhalo esikhuthazayo. Wayifundela uYeremiya 29:​11, obonisa ukuba uYehova ucinga ngoxolo kungekhona intlekele. Emva koko wayibuza wathi, “Uyabona ukuba uThixo ufuna ikamva lakho libe njani?”

Le ntombi yavuya xa isiva le nto. Ithe gwantyi inyembezi yathi: “Ufuna ndibe noxolo nethemba. Enkosi kakhulu mama ngokundifundela le vesi. Ndicinga ukuba uThixo uphendula umthandazo wam. Ndisuke ndaneengxaki ezininzi kwezi ntsuku, enye emva kwenye. Kubi kakhulu kangangokuba bendicinga nokuzibulala. Ekuseni bendithandaza ndicela uThixo andibonise ukuba usandikhathalele. Emva koko ndithe gqi ngawe, umama endingamazi nokumazi, wandimisa waza wandifundela ivesi yeBhayibhile ebonisa eyona nto uThixo ayicingayo ngam. Khange isuke izenzekele ke loo nto.”

Lo dade wangena kujw.org waza wabonisa le ntombi amanqaku amaninzi abonisa indlela iBhayibhile enokuyinceda ngayo iyeke ukufuna ukuzibulala. Emva koko wayicacisela indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile waza wayimemela kwiintlanganiso. Kwiveki elandelayo yaya kwiintlanganiso zangempelaveki. Ngoku iqalise isifundo kwincwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!

Nokuba ungakanani, ungakwazi ukushumayela ngetroli?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share