IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb15 iphe. 170
  • Ndandifuna Ukuyeka Ukukhonza UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndandifuna Ukuyeka Ukukhonza UThixo
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithemba Kumahlwempu Nabangenamakhaya
    Vukani!—2015
  • Isizathu Sokuba Umfundisi Ashiye Icawa Yakhe
    Vukani!—2015
  • UYehova Undinike Okungaphezu Koko Bekundifanele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • “Ndandifuna Ukukhonza UThixo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
yb15 iphe. 170
Umfanekiso okwiphepha 171

EDOMINICAN REPUBLIC

Ndandifuna Ukuyeka Ukukhonza UThixo

UMartín Paredes

  • WAZALWA Ngo-1976

  • WABHAPTIZWA Ngo-1991

  • IBALI LOBOMI UMartín wafumana inyaniso ngoxa wayefundela ukuba ngumfundisi. Ukususela ngoko, uye wanceda abantu abaninzi baba ngabanquli bokwenyaniso.

Umfanekiso okwiphepha 170

NDAKHULISWA yintsapho engamaKatolika eyayiluthanda ngokwenene unqulo neyayifuna ukuba ndibe ngumfundisi. Ngoko xa ndandineminyaka eyi-12, ndenza izifundo ezintathu ndifundiswa ngabefundisi abahlukahlukeneyo. Ngo-1990, xa ndandineminyaka eyi-14, ndabizwa kwesinye sezona zikolo zabefundisi ziphum’ izandla.

Ndakhawuleza ndenza inkqubela kangangokuba ndaxelelwa ukuba, ukuba ndiyazimisela kwizifundo zam, ndisenokuba ngubhishophu. Noko ke, ndatyhafiswa kukuba endaweni yokufundiswa iBhayibhile, sasifundiswa iingcamango zabantu. Enye into, abefundisi babeziphethe kakubi ngeyona ndlela. Xa baqalisa imikhuba yokundincwasa, ndafuna ukuyeka ukukhonza uThixo.

Kanye ngelo xesha, kwafika esinye isibini esingabathunywa bevangeli sathetha nomntu owayesebenza kwicandelo lezimali kwesi sikolo, saza samnika incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. Ndayiboleka ndaza ndayifunda yonke. Ndathi, ‘Nantsi eyona nto ndiyifunayo.’ Ndemka kweso sikolo, ndaqalisa ukufunda namaNgqina, ndaza ndaya nakwiintlanganiso. Kwiinyanga ezisibhozo emva koko, ngoJulayi 1991, ndabhaptizwa. Ndaba nguvulindlela othe ngxi ndaza ndatshata nomnye udade owayenguvulindlela, uMaría. Siye saba ngoovulindlela abakhethekileyo ukususela ngo-2006. Kunokuba ndiyeke ukukhonza uThixo, ngoku ndiyakuthanda ukunceda abantu abalambele inyaniso babe ngabanquli bakhe bokwenyaniso.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share