IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwex inqa. 24
  • Bakhonza UYehova Nangona Kunzima EVenezuela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bakhonza UYehova Nangona Kunzima EVenezuela
  • Amava
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Baye Basikelelwa Abo Bashumayelayo
  • Bebeqhutywa Lukholo Nothando
  • Wonke umntu anganceda
  • Amehlo KaJairo Amnceda Akhonze UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ndakhetha Ukwenza Umsebenzi Ofanelekileyo
    Vukani!—2007
  • Wavuya Kakhulu Xa Wayebona Imiphumo Yokushumayela
    Amava
  • Hlaziya Izalamane Zakho Ngamanzi Enyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
Amava
ijwex inqa. 24
Umzalwana nomfazi wakhe banxibe imask, baphathele udade osele ekhulile ukutya.

Bakhonza UYehova Nangona Kunzima EVenezuela

Kule mihla, eVenezuela kuye kwakho iingxaki ezininzi zemali nendlela abantu abaphila ngayo. Omnye umzalwana ekuthiwa nguEdgar uthi, “Kule minyaka imbalwa idlulileyo, indlela yokuphila iye yatshintsha kakhulu. Kangangokuba siye saziva ngathi sikwelinye ilizwe, kodwa siselapha eVenezuela!”

Yintoni eye yanceda uEdgar waqhelana nolu tshintsho? Uthi: “Mna nomfazi wam uCarmen siye sacinga ngomzekelo omhle wabavangeli abaye bayokuhlala kwamanye amazwe apho kungekho zinto zininzi baza bafunda ukuphila ngezinto ezimbalwa. Loo nto iye yasinceda sazama ukuphila ubomi obulula, saza senza izinto ezintsha, njengokuzilimela ukutya kwethu.”

UCarmen noEdgar bonwabile bebonisa izinto abazityale egadini yabo.

UCarmen noEdgar

Kodwa uEdgar noCarmen baye benza nezinye izinto. Baye bathuthuzela abanye abazalwana noodade, kunye nabo bakhathazeke kakhulu. (1 Tesalonika 5:11) UEdgar uthi, “Ngaphezu nje kokubathuthuzela, siye sabakhuthaza ukuba nabo bancede abanye, kuba loo nto iza kubenza bavuye.”—IZenzo 20:35.

Baye Basikelelwa Abo Bashumayelayo

Xa bekuqala ikhorona, umzalwana uArgenis uye washumayela kubantu azalana nabo. Abanye babo baye bavuma ukufunda iBhayibhile ngefowuni.

UArgenis uhleli phambi kwetafile enefowuni, iBhayibhile nencwadi ethi “Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!”

UArgenis

Umzalwana uArgenis ebefuna abantu azalana nabo abangena-intanethi bakwazi ukubukela indibano yengqingqi ka-2020. Ngoko, umzalwana okwidolophu ekufutshane nabo uye wabanika ucwangciso olurekhodiweyo. Ibe aba bantu azalana nabo baye baboleka iTV enkulu nezipikha. UArgenis uye wabafowunela ngaphambi kocwangciso ukuze athandaze nabo. Ngenxa yendlela umzalwana uArgenis aye wakhuthala ngayo, abantu abayi-4 azalana nabo kunye nabanye abayi-15 baye bakwazi ukubukela indibano.

Bebeqhutywa Lukholo Nothando

Umzalwana uJairo nenkosikazi yakhe uJohana ngabo kuphela abanemoto ebandleni labo. Ngoko bayisebenzisela ukuze bancede abanye kuba benobubele. Kodwa eyona ngxaki banayo kukuba kunzima ukufumana ipetrol eVenezuela. UJairo uthi, “Silinda iiyure ezininzi, ngamanye amaxesha ubusuku bonke, silinde ukugalela ipetrol.”

UJohana noJairo basemotweni yabo.

UJohana noJairo

UJairo uthi abazisoli tu ngayo yonke le nto bayenzayo kuba bAnceda abazalwana. Uthi: “Xa siphathela abazalwana izinto abazidingayo, sivuya kakhulu xa sibabona bebulela uYehova, onika abantu bakhe zonke izinto abazidingayo.”—2 Korinte 9:11, 14.

Wonke umntu anganceda

Omnye udade ona-28, uNorianni ucinga ukuba umncinci kakhulu ukuba anganceda abanye. Kodwa uye wafunda u-1 Timoti 4:12 othi: “Makungabikho mntu ukujongela phantsi kuba umncinci. Kunoko, yiba ngumzekelo kwabo bathembekileyo.”

UNorianni unceda odade okhulileyo ekubhaleni ileta.

UNorianni

Esi sibhalo siye sakhuthaza uNorianni ukuba achithe ixesha elininzi ekunye nabantu abakhulileyo abasebandleni lakhe, abancedise xa beshumayela ngeeleta, aze abameme naxa eqhuba izifundo zakhe zeBhayibhile. Uyabafowunela aze abathumelele nemiyalezo ekhuthazayo. Uthi, “UYehova undibonisile ukuba ininzi nyhani into endinokuyenza.”

Abazalwana noodade abaseVenezuela baneengxaki ezininzi kule mihla yokugqibela. Nangona kunjalo, bakukhuthalele ukushumayela ibe ‘bayathuthuzelana.’—Kolose 4:11; 2 Timoti 4:2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share