IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 126
  • Wayenjani UYesu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wayenjani UYesu?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Wayenjani Kanye Kanye UYesu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Wayekhangeleka Njani UYesu?
    Vukani!—1998
  • Ngubani UYesu Kristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Khawuqwalasele Iinwele Zakho
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 126
Umfanekiso kaYesu

Wayenjani UYesu?

Oko kuthethwa yiBhayibhile

Akakho umntu owaziyo ukuba uYesu wayekhangeleka njani kuba neBhayibhile ayimchazi. Le nto isenza sibone ukuba inkangeleko yakhe ayibalulekanga. Kodwa iBhayibhile isenza sibe nawo umbono wokuba wayenjani.

  • Iimpawu zakhe: UYesu wayengumYuda ibe kusenokwenzeka ukuba wayeneempawu awayemfuze ngazo unina owayengumYuda. (Hebhere 7:14) Akunakwenzeka ukuba wayehlukile kwabanye abantu. Wakha wasuka eGalili waya eYerusalem engakhange aqatshelwe mntu. (Yohane 7:10, 11) Kuyabonakala ukuba wayengahlukanga kubalandeli bakhe. Kwanomkhosi owawuze kumbamba awuzange umqaphele de kwafuneka uYudas Skariyoti enze indlela yokuba umbone.​—Mateyu 26:47-49.

  • Iinwele zakhe: Kusenokwenzeka ukuba iinwele zikaYesu zazingekho nde kuba iBhayibhile ithi, ‘indoda eneenwele ezinde kulihlazo oko kuyo.’​—1 Korinte 11:14.

  • Intshebe: UYesu wayenentshebe. Wayethobela umthetho wamaYuda owawusithi amadoda afanele ‘angalususi udini lweendevu zawo.’ (Levitikus 19:27; Galati 4:4) Kwakhona xa yayiprofeta ngeentlungu awayeza kuzifumana iBhayibhile yathetha ngentshebe yakhe.​—Isaya 50:6.

  • Umzimba: Zonke izinto awayezenza uYesu zibonisa ukuba wayomelele. Ngexesha awayelapha emhlabeni wahamba imigama emide kakhulu eshumayela. (Mateyu 9:35) Wacoca itempile yamaYuda kabini, wabhukuqa iitafile zabatshintshi bemali, ibe wakha wakhupha nemihlambi eyayisetempileni ngoswazi. (Luka 19:45, 46; Yohane 2:14, 15) Kumqulu wesine, iphepha 884 wencwadi ethi McClintock and Strong’s Cyclopedia kuthiwa: “Iincwadi zevangeli zibonisa ukuba uYesu wayomelele kwaye esempilweni.”

  • Ubuso: UYesu wayenobubele kwaye loo nto yayibonakala ebusweni. (Mateyu 11:28, 29) Zonke iintlobo zabantu zazifuna yena xa zifuna ukuthuthuzelwa nokuncedwa. (Luka 5:​12, 13; 7:​37, 38) Nabantwana babevuya xa behleli naye.​—Mateyu 19:13-​15; Marko 9:​35-​37.

Ubuxoki ngendlela awayekhangeleka ngayo

Ubuxoki: Abanye abantu bathi kusenokwenzeka ukuba uYesu wayengumAfrika kuba incwadi yeSityhilelo ifanisa iinwele zakhe noboya, ize iinyawo zakhe izifanise ‘nobhedu olusulungekileyo.’​—ISityhilelo 1:14, 15.

Inyaniso: Incwadi yeSityhilelo ithetha “ngemiqondiso.” (ISityhilelo 1:1) Indlela ezichazwa ngayo iinwele neenyawo zikaYesu ibonisa iimpawu zakhe emva kokuba evusiwe, kungekhona indlela awayekhangeleka ngayo ngoxa wayesaphila emhlabeni. Xa iSityhilelo 1:14 sisithi “intloko yakhe neenwele zakhe zazimhlophe njengoboya obumhlophe, njengekhephu,” sifanisa ibala kungekhona indlela ezaziqine okanye ezazithambe ngayo. Le nto ibonisa ubulumko awayenabo ngenxa yokuba kwakukudala ephila. (ISityhilelo 3:14) Le vesi ayifanisi iinwele zikaYesu noboya kodwa izifanisa nekhephu.

Iinyawo zikaYesu zazibonakala “zinjengobhedu olusulungekileyo xa lugqatsekile eziko.” (ISityhilelo 1:15) Ubuso bakhe “babunjengelanga xa likhanya ngamandla alo.” (ISityhilelo 1:16) Ekubeni kungekho hlanga lunolusu olunjengolu, lo mbono wawufuzisela uYesu ovusiweyo “ohlala ekukhanyeni okungenakufikeleleka.”​—1 Timoti 6:16.

Ubuxoki: UYesu wayecekeceke.

Inyaniso: UYesu wayeyindoda. Ngokomzekelo, waba nesibindi sokuzibonakalisa kwisihlwele esasixhobile nesasize kumbamba. (Yohane 18:4-8) Kubonakala ukuba uYesu wayomelele kuba wayengumchweli owayesebenzisa izixhobo ezazifuna amandla.​—Marko 6:3.

Kwakutheni ke ukuze uYesu afune ukuphathiswa isibonda sakhe sentuthumbo? Ibe kwakutheni ukuze afe kuqala kunabantu awayexhonywe nabo? (Luka 23:26; Yohane 19:31-33) Wathi exhonywa wabe sele engasenamandla. Zange alale ubusuku bonke. Enye yezinto eyayibangela loo nto yintlungu awayenayo. (Luka 22:42-44) Ebusuku wayephethwe kakubi ngamaYuda, ngentsasa elandelayo wangcungcuthekiswa ngamaRoma. (Mateyu 26:67, 68; Yohane 19:1-3) Kusenokwenzeka ukuba zezo zinto ezabangela ukuba akhawuleze afe.

Ubuxoki: UYesu wayesoloko elusizi.

Inyaniso: UYesu wayefana noYise osezulwini, uYehova, ethi iBhayibhile xa ithetha ngaye ‘nguThixo onoyolo.’ (1 Timoti 1:​11; Yohane 14:9) Phofu, wayefundisa abantu indlela abanokonwaba ngayo. (Mateyu 5:​3-9; Luka 11:28) Ezi zinto zibonisa ukuba uYesu wayesoloko onwabile.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share