IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbv inqa. 5
  • Isaya 41:10—“Sukoyika Kuba Ndinawe”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isaya 41:10—“Sukoyika Kuba Ndinawe”
  • Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Into Ethethwa NguIsaya 41:10
  • Into Ekuthethwa Ngayo KuIsaya 41:10
  • “Mna Yehova UThixo Wakho, Ndibamba Isandla Sakho Sasekunene”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Sukuba Nexhala, Kuba NdinguThixo Wakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya Wena
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
  • Ngaba Uya Kuthi, “Ndikho, Thuma Mna”?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
ijwbv inqa. 5

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Isaya 41:10—“Sukoyika Kuba Ndinawe”

“Sukoyika, kuba ndinawe. Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”—Isaya 41:10, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

“Ngoko ke ndinawe, sukoyika, ndinguThixo wakho, sukuphakuzela. Ndiza kukomeleza ndikusize, amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.”—Isaya 41:10, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.

Into Ethethwa NguIsaya 41:10

UYehovaa uThixo ubenza baqiniseke abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuba uza kubanceda nokuba badibana neyiphi ingxaki.

“Ndinawe.” UYehova ubanika isizathu sokuba bangoyiki abakhonzi bakhe kuba uthi ababodwa. Uyayibona into eyenzeka kubo, ayive nemithandazo yabo, ngoko kuba ngathi ukuloo ndawo bakuyo.—INdumiso 34:15; 1 Petros 3:12.

“NdinguThixo wakho.” UYehova ubenza bazole abakhonzi bakhe ngokubakhumbuza ukuba unguThixo wabo, futhi bona bangabakhonzi bakhe. Bamele baqiniseke ukuba akho nto inokwenza uThixo angabancedi.—INdumiso 118:6; Roma 8:32; Hebhere 13:6.

“Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” Uphindaphinda into enye ngeendlela ezintathu ezingafaniyo ukuze abonise ukuba uza kubanceda nyhani abakhonzi bakhe. Wenza babe nombono wendlela aza kubanceda ngayo xa benengxaki. Xa umntu ewile, uThixo unokolula isandla sakhe amtsale avuke.—Isaya 41:13.

UThixo usebenzisa iBhayibhile ukuze aqinise futhi ancede abakhonzi bakhe. (Yoshuwa 1:8; Hebhere 4:12) Ngokomzekelo, iBhayibhile ibanika amacebiso anokubanceda abantu abalambayo, abagulayo okanye abaswelekelwe ngabantu ababathandayo. (IMizekeliso 2:6, 7) UThixo unokusebenzisa nomoya wakhe oyingcwele okanye amandla asebenzayo ukuze ancede abakhonzi bakhe bakwazi ukucinga kakuhle bangaxakwa ziingxaki abanazo.—Isaya 40:29; Luka 11:13.

Into Ekuthethwa Ngayo KuIsaya 41:10

La mazwi athuthuzela amaYuda athembekileyo awaye athinjelwa eBhabhiloni. UYehova wachaza kusengaphambili ukuba xa amaYuda eza kukhululwa ekuthinjweni kwakuza kubakho iindaba zokuba iintshaba zawo, zaziza kutshabalalisa iintlanga ezikufutshane, zoyikise neBhabhiloni. (Isaya 41:2-4; 44:1-4) IBhabhiloni neentlanga ezikufutshane zaziza koyikiswa zezi ndaba, kodwa wona amaYuda ayengena kuba naxhala kuba uYehova wayeza kuwakhusela. Wawaqinisekisa ngamazwi athi, “sukoyika,” kwade kwakathathu.—Isaya 41:5, 6, 10, 13, 14.

Ekuqaleni, uYehova wenza kwabhalwa la mazwi akuIsaya 41:10 ukuze kuncedwe amaYuda awayethinjwe eBhabhiloni. Kodwa waqiniseka ukuba ayagcinwa ukuze abakhuthaze bonke abakhonzi bakhe. (Isaya 40:8; Roma 15:4) Nanamhlanje unceda uyabanceda ngendlela awayesenza ngayo kudala.

Funda uIsaya isahluko 41, imibhalo esemazantsi ecacisayo, kunye neembekiselo.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share