UVIRGILIJUS PUDŽIUVYS | IBALI LOBOMI
UYehova Usoloko Esinika Indlela Yokuphuma Kwisilingo
Mna nentsapho yam asoze siyeke ukuba nombulelo kumalume nomakazi abaye bazokusibona ngo-1976. Umalume owayefundelwa ngamaNgqina kaYehova, waxelela abazali bam ukuba ufunde into entsha ngeBhayibhile. Okokuqala wabalisa ngento uYesu owayeyithetha kuMateyu isahluko 23 ngeenkokheli zeenkonzo ezaziphila kwimihla yakhe. Emva koko wababonisa indlela iinkokheli zenkonzo zemihla kaYesu ezifana ngayo neenkokheli zenkonzo zale mihla. Umama owayezinikele kwinkonzo yamaKatolika wayengakholelwa ukuba uYesu wazichazela ngokungqalileyo iinkokheli zenkonzo ukuba zazingazenzi kakuhle izinto. Ngoko wazigqibela ukuba azibonele ngokwakhe into ethethwa yiBhayibhile.
Sasihlala eLithuania ibe ngelo xesha yayiphantsi kolawulo leSoviet Union. Ngenxa yokuba urhulumente wayebeke imithetho emininzi ngendlela abantu ababenokukhonza ngayo, babembalwa kakhulu abantu ababeneBhayibhile. Ngoko umama waboleka iBhayibhile ecaweni, wazifundela ngokwakhe ibe wabona ukuba uYesu wazichazela ngokugqalileyo nyhani iinkokheli zeenkonzo ukuba zazizenza abantu ezingengabo. Umama wayenomdla ezibuza ukuba yintoni enye efundiswa yiBhayibhile, ngoko wafumana iimpapasho kwiNgqina umalume awayefunda nalo iBhayibhile.
Kungabanga xesha lide, ekhaya saqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Kodwa kuba umsebenzi wamaNgqina wawuvaliwe, iintlanganiso zaziqhutyelwa kwiindawo ezahlukeneyo, ngamanye amaxesha nasehlathini. Mna, umama nodadewethu uDanguolė sabhaptizwa ngo-1978. Sasina-15 ngelo xesha. Utata yena wabhaptizwa kwiminyaka embalwa emva koko.
Mna nodadewethu uDanguolė xa sasineminyaka emine
UYehova Wandinika Indlela Yokuphuma Kwisilingo Xa Ndandisakhula
Emva kwenyanga enye sibhaptiziwe, mna noDanguolė saqalisa ukutshutshiswa esikolweni. Xa kwakukho intlanganiso esikolweni, ootitshala babona ukuba zange siphakame sicule umhobe wesizwe weSoviet Union, ngenxa yokuba sasingathathi cala. Ootitshala banika umphathi wesikolo amagama ethu. Waxelela amapolisa asebenza emfihlekweni abizwa ngokuba yiKGB, kwaze kwathi kungagqithanga xesha lide, afika ekhaya aze asihlohla imibuzo.
Mna noDanguolė kwafuneka simelane nabantu ababezama ukusenza singakholelwa ukuba uThixo ukhona. Ngokomzekelo xa sasina-16 eklasini sanikwa umsebenzi wokubhala “Izizathu Zokuba Kutheni Singakholelwa kuThixo.” Ngenxa yokuba ndandingavumelani nento ekwakuthiwa masiyibhale, mna ndabhala “Ndiyakholelwa kuThixo” kwiphepha elincinci ndaza ndalibeka edesikeni yam. Xa utitshala walibona eli phepha wabanomsindo waza wathi, “Bhala izizathu zokuba kutheni ukholelwa kuThixo ke!” Ndakuvuyela ukufumana imvume yokubhala ngeenkolelo zam ibe nodadewethu naye wabhala ngezakhe. Xa amanye amantombazana amabini abona izinto esasizibhala nawo abhala izizathu zokuba kutheni ekholelwa kuThixo. Lo ngomnye wemizekelo kwemininzi endiye ndabona indlela uYehova angayenza ngayo ‘indlela yophuma’ kwizilingo.—1 Korinte 10:13.
Kangangenyanga enye, abazalwana abakhokelayo basiboleka ikopi yencwadi ethi Ukusuka kwiParadesi Ilahlekile Kuye KwiParadesi Ibe Yazuzeka, epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Ndandisazi ukuba, ngela xesha kwakukho iikopi eziyi-5 eLithuania. Mna noDanguolė sasisithi “ukuba nje besingakwazi ukuyigcina le ncwadi!” Kodwa kuba sasingakwazi ukuyigcina, senza eyona nto sasinokuyenza sazikhuphelela. Izandla zethu zazibuhlungu kona, kodwa sasivuya kuba sasiza kukwazi ukuyifunda ukuze siqinise ukholo lwethu.
Emva kokuba ndiye ndaneminyaka eyi-19 ngo-1982, ndaye ndafumana isigwebo seminyaka emibini kuba ndingafuni ukuya emkhosini. Kwakunzima kakhulu ukuba setrongweni ndikunye nootsotsi. Kodwa ndandivuya kakhulu kuba ndandikhe ndidibane nelinye iNgqina elalikwitrongo efanayo. Ndasigqiba isigwebo sam etrongweni kodwa ndandingagqibelisi ukuya.
Ndasikelelwa Ngomfazi Othembekileyo
Mna noLidija ngaphambi kokuba sitshate
Emva kokuba ndiphumile etrongweni ngo-1984, ndaye ndadibana nomnye udade uLidija, omhle nomthandayo uYehova owayehlala eUkraine. Satshata. Emva komtshato wethu uLidija wazokuhlala eLithuania nam. Ngenxa yokuba yena nentsapho yakhe babe ngamaNgqina kaYehova, naye wayekhe waphathwa kakubi kakhulu esikolweni. Ngelo xesha wakhuthazwa ngamava abazalwana noodade abanyamezela kwiinkampi zoxinaniso zamaNazi nawabo babesiwe eSiberia.
Ngo-1980’s, umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawusavaliwe eLithuania. Ngoko xa kwakukho umtshato wamaNgqina, elo yayiba lithuba lokuba neNdibano yeentsuku ezimbini ngokufihlakeleyo. Kwenzeka loo nto ngomtshato wethu. Indwendwe zethu zavuyisana nathi kodwa emva koko samamela intetho eziliqela, sacula iingoma zobukumkani saze sabukela needrama zeBhayibhile ezine. Into endiyikhumbulayo kukuba kwakuze abantu abayi-450 kuquka nabantu esizalana nabo ababesuka eSoviet Union. Kwakukho nabantu ababe sebenzela umbutho weKGB ababengamenywanga ababesaziwa ngabanye babazalwana!
Umtshato wethu wawuqhutywa ngexesha lendibano yeentsuku ezimbini. Kukho abantu abayi-4 eqongeni abatshatayo, kuba umzala wam nomyeni wakhe babetshata nabo
Ndabuyela ENkundleni
Ukuba iNgqina lalingade lilandele imithetho yeSoviet okokuqala, ngamanye amaxesha urhulumente wayeye aphinde alinike esinye isigwebo. Ngoko kungekapheli nonyaka emva komtshato wethu, ndabuyela enkundleni. Ndachitha usuku lwam lonke ndisenkundleni, ngeloxesha uLidija wayekhulelwe ibe wayesesibhedlele. Ndandingavumelekanga ukuba ndiyokumbona ngexesha ekwakuxoxwa ityala lam ngalo. Kodwa xa sasithathe ikhefu enkundleni ndakwazi ukuya esibhedlele ndaze ndama ngaphandle kwefestile yakhe. Wavula ifestile sancokola kamnandi sikhuthazana. Ngaloo mini ndagwetywa iminyaka emithathu etrongweni.
Okubuhlungu kukuba kwiintsuku ezimbini emva kwaloo mini usana lwethu olwalungekazalwa lwasweleka. ULidija uthi wayebuhlungu kakhulu, kwakungathi intliziyo yakhe yayahlulwe phakathi. Ngaphezu kwentlungu awayejongene nayo yokuswelekelwa, wayesazama ukuqhelana nokuphila kwelinye ilizwe ibe nabazali bam babengazazi kakuhle iilwimi yena awayekwazi ukuzithetha, ulwimi lwaseUkraine nolwaseRashiya. Kodwa uLidija waqhubeka ethembela ngoYehova ibe abazali bam bamhoya baze baqiniseka ukuba wonwabile ngelo xesha elalinzima.
UYehova Waqhubeka Eyenza Indlela Yokuphuma Esilingweni
Izinto endazifundayo xa ndandivalelwe okokuqala zandinceda xa ndandivalelwe okwesibini. Into eyandinceda ndakwazi ukunyamezela yayikukushumayela kwabanye. Ngokomzekelo xa sasisiya etrongweni amabanjwa ayegcwele ezimotweni nakwiitreyini. Ngamanye amaxesha kwindawo ekwakungena abantu abayi-5 okanye 6 kwakudla ngokunyanzelwa amadoda ayi-15 ukuya kwayi-20 ukuba angene. Ndandiye ndisebenzise elithuba ukuze ndincokole namanye amabanjwa ngomyalezo osuka eBhayibhileni. Ndandiye ndibacacisele ukuba kutheni ndandingathathi icala kwiimfazwe nakwezepolitiki ibe le nto yabangela ukuba ndibanjwe ndize ndivalelwe etrongweni. Ndabaxelela nangesizathu sokuba ndikholelwe ukuba uThixo ukhona nyhani.
Ndandivalelwe eMarijampolė.a Ngokokwazi kwam, yayindim ndedwa iNgqina kumabanjwa ayi-2 000. Nangona mna ndaye ndabethwa kakhulu kayi-1, kwakuqhelekile ukuba amabanjwa oyikiswe, abethwe ade abulawe. Nangona kwakunzima nyhani ndazama ukukhuthaza ababetyhafile ndaze ndababonisa uvelwano, nto leyo eyayinqabile etrongweni.
Amapolisa eKGB ayezama ukusoyikisa aze asenze sizithandabuze izinto eziyinyani. Babezazi izinto ezazithethwa yintsapho yam endlini ibe babedla ngokundixelela ngezinto ababencokola ngazo. Kodwa babezitshintsha ukuze benze kubonakale ingathi babexabana ibe babengamanyenanga. Nangona ndandingawakholelwa amapolisa, eyona nyani ndayiqonda kakuhle xa ndandiphumile etrongweni, xa intsapho yam yandixelela ezona zinto eyayizithetha ndize ndizithelekise nezinto ezazithethwa ngaloo mapolisa.—Mateyu 10:16.
Ngenye imini omnye udade wacela ummelwane wakhe owayengunogada awayemazi kakuhle ukuba andinike iBhayibhile yesiRashiya. Ebusuku, ndandiye ndikhuphele iivesi ezimbalwa zentshumayelo kaYesu yaseNtabeni kwiphepha elincinci, ukuze ndikwazi ukuzifunda ngosuku olulandelayo xa ndisebenza kwifektri yasetrongweni ndingabonwa. Intshumayelo kaYesu yaseNtabeni ndayinkqaya ngolohlobo ngesiRashiya nangona isiRashiya ingelolwimi lwam. Ekuhambeni kwexesha oonogada bayibhaqa iBhayibhile yam baze bayithatha. Kodwa ngelo xesha ndandisele ndiwazi kakuhle amazwi kaYesu engqondweni nasentliziyiweni yam.
NoLidija wayendixhasa kakhulu ngoba wayendibhalela iileta ezikhuthazayo phantse yonke imihla. Kodwa kwelam icala ndandivumeleke ukuba ndimbhalele kabini qha ngenyanga. Nangona kwakunjalo, wathi iileta endandimbhalela zona zamqinisekisa ngezinto ezintathu: Ndandisaphila, ndandithembekile kuYehova ibe ndandisamthanda.
UYehova Wayenza Indlela Yokuphuma Ngokuphendula Imithandazo Yam
Kwakukho iqela lamabanjwa elathi kwabasemagunyeni mayitshintshwe indlela elalisetyenziswa nzima ngayo. Ayengafuni ukusebenza de aphendulwe. Loo mabanjwa ohlwaywa kabuhlungu kuba ayengafuni ukuthobela. Emva koko abasemagunyeni bandixelela ukuba mna nabanye abasebenzi sasifakwe kwelinye iqela elaliza kuthatha umsebenzi wabo bangafuni ukusebenza.
Ukuba ndandingawuthathi lomsebenzi ndandiza kohlwaywa. Kodwa ukuba ndandiwuthathile amabanjwa ayeza kundijonga njengomntu owajikeleyo aze afune ukuziphindezela, nto leyo eyayithetha ukubethwa okanye ukuhlatywa ndide ndife. Ndandisengxakini, ndingazazi nokuba mandikhethe ukuthini. (2 Kronike 20:12) Ngoko ndaqhubeka ndimcenga uYehova ukuba andincede.
Ndingalidelanga, kwabakho elinye ibanjwa elasidibanisayo ukuze siyokuthetha nomntu osinika imisebenzi. Eli banjwa lalingengomhlobo wam, sasisebenza kunye qha. Nangona kunjalo landicelela ukuba ndingalitshintshi iqela endandisebenza kulo. Lona nomntu owayesinika umsebenzi baqalisa ukuxabana ngale nto. Waphendulwa umthandazo wam, kuba umntu osinika umsebenzi nangona engavumi nantoni na ethethwa ngabanye abantu wavuma ukuba ndingalitshintshi iqela lam, waza wasigxotha eofisini yakhe. (2 Petros 2:9) Oko ndabasetrongweni, zange ndalibona elinye ibanjwa linceda elinye ibanjwa ngokuzimisela kangaka. Kuyo yonke lento ndifunde ukuba uYehova angasebenzisa nabani na ukuze aphendule imithandazo yethu.
UYehova Wenzela ULidija Indlela Yokuphuma Esilingweni
Makhe ndinibalisele ngezinto owayejongene nazo uLidija xa ndandisetrongweni. Kwakufuneka akhangele umsebenzi. Kodwa ngenxa yokuba ndandisetrongweni, abaqeshi abaninzi babengavumi ukumqesha kuba besoyika amapolisa eKGB. Ekugqibeleni wade wawufumana umsebenzi, kwakufuneka asebenze iiyure eziyi-12 ngosuku egcina abantwana abayi-30. Wayedinwa kakhulu kodwa uYehova wayemnika amandla okwazi ukuya emsebenzini yonke imihla. Enye into abazalwana noodade babeye bahamba ngemoto iikhilomitha ezininzi besuka kwiindawo ngeendawo eLithuania bezokumthuthuzela, bancokole naye bamphathele neempapasho zesiRashiya. Wayengaziva eyedwa.
Ukukhonza UYehova Njengentsapho
Emva kokuba ndikhululiwe etrongweni, ndancedisa ukulungiselela ukuguqulela iimpapasho ngesiLithuania emfihlekweni. Emva kweminyaka embalwa sayeka uba phantsi kolawulo lweSoviet Union waza umsebenzi wethu wabhaliswa ngokwasemthethweni eLithuania. Ekugqibeleni kwaye kwamiselwa iofisi yokuguqulela yesiLithuania. Nangona indawo esasihlala kuyo yayingaphezu kweyure enehafu ukuba kude kule ofisi, ndandikuvuyela ukuya kuncedisa ekuguquleleni ibe loo nto ndandiyenza qho ngeveki iminyaka eyi-5.
NgoAgasti 1997 mna noLidija samenywa ukuba siyokusebenza kwiofisi yeSebe yamaNgqina kaYehova yaseLithuania ebizwa ngokuba yiBheteli. Sakuvuyela kakhulu ukufumana esi simemo. Sasineentombi ezimbini uOksana owayena-9 noSvajūnė owayena-5. Sanikwa iintsuku ezintathu zokuba sithuthe size siyokuhlala kufutshane neBheteli nokuba sifunele uOksana esinye isikolo.
Sasifuna unqulo lwentsapho lufundise luze lube mnandi, njengoko ubona ukuba sasizenza uAhaswerosi, uEstere, noMordekayi
Sazama ukubahoya abantwana bethu nangona sasisebenza eBheteli. Qho kusasa ndandisiya eBheteli yena uLidija wayeqala ase abantwana esikolweni emva koko aze eBheteli. Emva koko uLidija wayegoduka kuqala ukuze abantwana bethu bafike ekhona baze bahlale naye.
Sasinxibe iimpahla zaseLithuania xa kwakunikezelwa isebe laseLithuania elalandisiwe ngo-2003
Sonke siyintsapho sasisoloko sijonge phambili koLwezihlanu. Sasipheka, sikline, senze unqulo lwentsapho size sonwabe kunye. Sasihamba sonke siyokubuka iintaba, ulwandle kunye neeBheteli eziseYurophu, ukuze abantwana bethu babone indalo kaYehova, bazi nabazalwana noodade abakwamanye amazwe. Siyithanda kakhulu into eyenziwa zintombi zethu ngoba zombini zaqalisa ukuba ngoovulindlela abathe ngxi xa zazina-15. Ngoku uOksana nomyeni wakhe uJean-Benoit, basebenza kwiofisi yokuguqulela yesiLithuania yena uSvajūnė nomyeni wakhe uNicolas basebenza kwiBheteli yaseFransi.
Mna noLidija ‘sinyama-nye.’ Eyona nto isincedileyo kukuba ukhonza uYehova ibisoloko iyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. (Efese 5:31; INtshumayeli 4:12) Nangona “sicinezelwe” saze satshutshiswa iminyaka emininzi zange silahlwe ibe “asixinekanga ukuba side singakwazi ukushukuma.” (2 Korinte 4:8, 9) Siye sambona kaninzi uYehova esenza indlela yokuphuma esilingweni ibe siqinisekile ukuba uzokuhlala eyenza.
Mna nomfazi wam endimthandayo uLidija
a Yayibizwa ngokuba yiKapsukas ukususela ngo-1955 ukuya kutsho ngo-1990.