IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
Isaziso
Iilwimi ezintsha ezifumanekayo: Betsimisaraka (Northern), Betsimisaraka (Southern), Konkomba, Matses, Mi'kmaq
  • Namhlanje

NgoLwesibini, Oktobha 14

Abantu bayishiya indlu kaYehova.—2 Kron. 24:18.

Enye into esiyifundayo kwisigqibo esingafanelekanga awasenzayo uKumkani uYehowashe kukuba simele sibe nabahlobo abathanda uYehova, abafuna ukumvuyisa nabaza kusikhuthaza ukuba senze izinto ezilungileyo. Abahlobo bethu bafanele bangabi ngabantu abalingana nathi qha. Kaloku noYehowashe wayemncinci kakhulu kumhlobo wakhe uYehoyada. Nantsi imibuzo omele uzibuze yona ngabahlobo onabo: ‘Ngaba bandinceda ndibe nokholo olomeleleyo? Ngaba bandikhuthaza ukuba ndiphile ngendlela ethandwa nguYehova? Ngaba bayancokola ngoYehova neenyaniso zakhe ezibalulekileyo? Ngaba bayayihlonipha imithetho yakhe? Ngaba basoloko bendixelela le nto ndifuna ukuyiva, okanye baba nesibindi sokundilungisa xa ndiphuma endleleni?’ (IMize. 27:​5, 6, 17) Xa sithetha inyani, awubadingi abahlobo abangamthandiyo uYehova. Kodwa ukuba bayamthanda, yithi nca kubo kuba baza kukunceda.​—IMize. 13:20. w23.09 9-10 ¶6-7

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoLwesithathu, Oktobha 15

NdinguAlfa no-Omega.—ISityhi. 1:8.

UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngowokugqibela. Xa uYehova esithi unguAlfa no-Omega, uthetha ukuthi xa eyiqalile into, uyayigqiba. Emva kokuba uYehova edale uAdam noEva, wathi kubo: “Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba niwoyise.” (Gen. 1:28) Xa wayechaza into awayefuna yenzeke waba ngathi uthi “Alfa.” Kwakuza kufika ixesha apho abantwana baka-Adam noEva abathobelayo nabangenasono babeza kugcwalisa umhlaba, baze bawenze ube yiparadesi. Xa seyenzekile loo nto uza kuba ngathi uthi “Omega.” Akugqiba uYehova ukudala “amazulu nomhlaba nayo yonke into ekuwo,” wathetha amazwi asenza siqiniseke ukuba iza kwenzeka into awayefuna yenzeke. Wasenza saqiniseka ukuba ekupheleni kosuku lwe-7 iza kwenzeka yonke into afuna yenzeke ebantwini nasemhlabeni.​—Gen. 2:​1-3. w23.11 5 ¶13-14

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoLwesine, Oktobha 16

Vulelani uYehova indlela! Yenzelani uThixo wethu uhola wendlela othe tye, onqumla entlango.—Isa. 40:3.

Uhambo olwalunzima olwalusuka eBhabhiloni lusiya kwaSirayeli lwalunokuwathatha iinyanga ezimalunga neziyi-4 amaYuda, kodwa uYehova wawathembisa ukuba wayeza kususa nantoni na endleleni eyayinokwenza kubonakale kunzima ukubuyela kwilizwe lawo. AmaYuda athembekileyo ayesazi ukuba ukubuyela kwaSirayeli kwakuza kuwanceda ngaphezu kwayo nantoni na ekwakuza kufuneka ayincame. Eyona nto awayeza kuncedakala kakhulu kuyo yayikukukhonza uYehova. Kaloku yayingekho itempile kaYehova eBhabhiloni. UMthetho owabhalwa nguMoses wawufuna benze imibingelelo, kodwa kwakungekho sibingelelo, bengekho nababingeleli. Enye into, abantu abaninzi ababehlala kweso sixeko babekhonza oothixo bobuxoki bengenaxesha likaYehova nemithetho yakhe. Ngoko amaYuda amaninzi awayesoyika uThixo ayefuna nyhani ukubuyela kwilizwe lawo ukuze aphinde akhonze uYehova ngendlela ayifunayo. w23.05 14-15 ¶3-4

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share