NgoLwesithathu, Oktobha 15
NdinguAlfa no-Omega.—ISityhi. 1:8.
UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngowokugqibela. Xa uYehova esithi unguAlfa no-Omega, uthetha ukuthi xa eyiqalile into, uyayigqiba. Emva kokuba uYehova edale uAdam noEva, wathi kubo: “Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba niwoyise.” (Gen. 1:28) Xa wayechaza into awayefuna yenzeke waba ngathi uthi “Alfa.” Kwakuza kufika ixesha apho abantwana baka-Adam noEva abathobelayo nabangenasono babeza kugcwalisa umhlaba, baze bawenze ube yiparadesi. Xa seyenzekile loo nto uza kuba ngathi uthi “Omega.” Akugqiba uYehova ukudala “amazulu nomhlaba nayo yonke into ekuwo,” wathetha amazwi asenza siqiniseke ukuba iza kwenzeka into awayefuna yenzeke. Wasenza saqiniseka ukuba ekupheleni kosuku lwe-7 iza kwenzeka yonke into afuna yenzeke ebantwini nasemhlabeni.—Gen. 2:1-3. w23.11 5 ¶13-14
NgoLwesine, Oktobha 16
Vulelani uYehova indlela! Yenzelani uThixo wethu uhola wendlela othe tye, onqumla entlango.—Isa. 40:3.
Uhambo olwalunzima olwalusuka eBhabhiloni lusiya kwaSirayeli lwalunokuwathatha iinyanga ezimalunga neziyi-4 amaYuda, kodwa uYehova wawathembisa ukuba wayeza kususa nantoni na endleleni eyayinokwenza kubonakale kunzima ukubuyela kwilizwe lawo. AmaYuda athembekileyo ayesazi ukuba ukubuyela kwaSirayeli kwakuza kuwanceda ngaphezu kwayo nantoni na ekwakuza kufuneka ayincame. Eyona nto awayeza kuncedakala kakhulu kuyo yayikukukhonza uYehova. Kaloku yayingekho itempile kaYehova eBhabhiloni. UMthetho owabhalwa nguMoses wawufuna benze imibingelelo, kodwa kwakungekho sibingelelo, bengekho nababingeleli. Enye into, abantu abaninzi ababehlala kweso sixeko babekhonza oothixo bobuxoki bengenaxesha likaYehova nemithetho yakhe. Ngoko amaYuda amaninzi awayesoyika uThixo ayefuna nyhani ukubuyela kwilizwe lawo ukuze aphinde akhonze uYehova ngendlela ayifunayo. w23.05 14-15 ¶3-4
NgoLwesihlanu, Oktobha 17
Qhubekani nihamba njengabantwana bokukhanya.—Efe. 5:8.
Ukuze siqhubeke sihamba njengabantwana bokukhanya, siyawudinga umoya kaThixo. Kutheni sisitsho? Kaloku kunzima nyhani ukuhlala uziphethe kakuhle kweli hlabathi liziphethe kakubi kangaka. (1 Tes. 4:3-5, 7, 8) Umoya oyingcwele unokusinceda silwe nendlela elicinga ngayo eli hlabathi. Kaloku lona alijongi izinto ngendlela uThixo azijonga ngayo. Enye into onokusinceda kuyo kukuba sibe ngabantu ‘abalungileyo kuyo yonke into, senze ubulungisa.’ (Efe. 5:9) Enye indlela esinokuwufumana ngayo umoya oyingcwele kukuthandaza, siwucele. UYesu wathi uYehova uza ‘kubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Naxa sikunye kwiintlanganiso, sidumisa uYehova, siyawufumana umoya oyingcwele. (Efe. 5:19, 20) Lo moya kaThixo unefuthe lokusinceda siphile ngendlela emvuyisayo. w24.03 23-24 ¶13-15