NgoMvulo, Septemba 1
Siza kutsho sibone ukukhanya kuvela ezulwini.—Luka 1:78.
UThixo unike uYesu amandla okulungisa zonke iingxaki abanazo abantu. Xa wayesenza imimangaliso wayebonisa ukuba unawo amandla okulungisa zonke iingxaki ebesingenakukwazi ukuzilungisa ngokwethu. Ngokomzekelo, unamandla okusikhulula kwisono esisenza sibe neengxaki ezifana nokugula nokufa. (Mat. 9:1-6; Roma 5:12, 18, 19) Imimangaliso awayeyenza ibonisa ukuba angakwazi ukuphilisa zonke iintlobo zezigulo nokuvusa abantu abaswelekileyo. (Mat. 4:23; Yoh. 11:43, 44) Unawo namandla okuphelisa isaqhwithi nokukhulula abantu kwiidemon. (Marko 4:37-39; Luka 8:2) Kuyathuthuzela ukwazi ukuba uYehova unike unyana wakhe amandla okwenza zonke ezi zinto! Simele siqiniseke ukuba izinto ekuthenjiswe ukuba ziza kwenzeka kuBukumkani BukaThixo, ziza kwenzeka nyhani. Imimangaliso uYesu awayeyenza xa wayelapha emhlabeni isibonisa into aza kuyenza emhlabeni wonke xa enguKumkani woBukumkani BukaThixo. w23.04 3 ¶5-7
NgoLwesibini, Septemba 2
Umoya uhlolisisa zonke izinto, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.—1 Kor. 2:10.
Ukuba ibandla okulo linabavakalisi abaninzi futhi ubona ngathi awude ukhonjwe, usenokutyhafa. Kodwa umele ungayeki ukuphakamisa. Lungiselela iimpendulo eziliqela ukuze xa ungakhonjwanga ekuqaleni kwesifundo ube nawo namanye amathuba okuphendula. Xa ulungiselela iSifundo SeMboniselo, zama ukujonga ukuba isiqendu ngasinye sidibana njani nomxholo wenqaku. Loo nto iza kwenza kube lula ukufumana iimpendulo ezikhuthazayo. Enye into onokuyenza kukulungiselela iimpendulo zeziqendu ezithetha ngeemfundiso zeBhayibhile ekungekho lula ukuzicacisa. Ngoba? Kaloku basenokuba mbalwa abantu abaphakamisayo kwezo ziqendu. Yintoni onokuyenza ukuba kudlula iintlanganiso ezininzi ungakhonjwa? Ngaphambi kokuba iqale intlanganiso, chazela umqhubi ukuba ngowuphi umbuzo obungathanda ukuwuphendula. w23.04 21-22 ¶9-10
NgoLwesithathu, Septemba 3
UYosefu . . . wenza njengokuba eyalelwe yingelosi kaYehova, wamtshata uMariya.—Mat. 1:24.
UYosefu wayengalibazisi ukuzenza izinto awayezixelelwa nguYehova. Loo nto yamenza wangumyeni othandekayo. Kathathu, uThixo wamnika imiyalelo eyayinento yokwenza nosapho lwakhe. Yonke loo miyalelo wayekhawuleza ayithobele, naxa kwakunzima. (Mat. 1:20; 2:13-15, 19-21) Ngenxa yaloo nto, wakwazi ukumkhusela nokumkhathalela uMariya. Inoba loo nto yenza umfazi wakhe wamthanda futhi wamhlonipha kakhulu! Bayeni, ninokumlinganisa uYosefu ngokuwakhangela eBhayibhileni amacebiso okukhathalela iintsapho zenu. Xa nilisebenzisa eli cebiso, nokuba kunokufuneka kubekho izinto enizitshintshayo, nibonisa ukuba niyabathanda abafazi benu futhi niqinisa umtshato. Omnye udade waseVanuatu, osele eneminyaka engaphezu kweyi-20 etshatile, uthi: “Xa umyeni wam efuna amacebiso kuYehova aze awasebenzise, ndimhlonipha kakhulu. Ndiyamthemba futhi ndiyaqiniseka nangezigqibo azenzayo.” w23.05 21 ¶5