INGOMA 5
Imisebenzi KaThixo Emangalisayo
Printed Edition
	- 1. Thixo uyandigocagoca, - Xa ndilala kwanaxa ndivuka. - Iingcinga zam ziphambi kwakho zonke, - Uyawazi amazwi, - kwaneendlela zam. - Ndibunjwe ekusithekeni, - Ndiyimveku engazi nento le. - Kodwa Thixo, wena ubundibona. - Ndiyayithanda - imisebenzi yakho. - Unolwazi olungenasiphelo, - Nobulumko obukhulu gqitha. - Andoyiki kwanasebumnyameni, - Kuba wena uyandisindisa. - Andinakuzifihla kuwe, - Thixo wethu ubona yonk’ into. - Amehl’ akho abona engcwabeni, - Abona kwanasenzulwini - yolwandle. 
(Funda nezi: INdu. 66:3; 94:19; Yer. 17:10.)