Uthetha Ntoni Umnatha Neentlanzi Kuwe?
“Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu.”—MATEYU 13:11.
1, 2. Kutheni sisenokuba nomdla kwimizekeliso kaYesu?
NGABA uyakuvuyela ukwazi imfihlelo okanye ukucombulula okuthile okuyinkohla? Kuthekani ukuba ukwenjenjalo bekuya kukunceda uyibone ngokucace ngakumbi indima yakho kwinjongo kaThixo? Okuvuyisayo kukuba, ungazuza ukuqonda okunjalo okulilungelo ngokuqwalasela umzekeliso owenziwa nguYesu. Wabadida abaninzi abawuvayo kwaye ubuyinkohla kwabaninzi ngakumbi ukususela ngoko, kodwa wena unako ukuwuqonda.
2 Phawula oko uYesu wakuthethayo kuMateyu isahluko 13 ngokusebenzisa kwakhe imizekeliso. Abafundi bakhe babuza oku: “Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?” (Mateyu 13:10) Kakade, kwakutheni ukuze uYesu asebenzise imizekeliso eyayingenakuqondwa yinkoliso yabantu? Kwindinyana 11 ukusa kweye-13 waphendula: “Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga. . . . Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda.”
3. Ukuqonda imizekeliso kaYesu kunokusizisela njani iingenelo?
3 Wandula ke uYesu wasebenzisa uIsaya 6:9, 10, owayechaza abantu abazizithulu nabaziimfama ngokomoya. Noko ke, thina asifanele sibe njalo. Ukuba siyayiqonda size senze ngokuvisisana nemizekeliso yakhe, sinokonwaba gqitha—ngoku nakwikamva elingapheliyo. UYesu usinika esi siqinisekiso sothando: “Anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.” (Mateyu 13:16) Eso siqinisekiso siquka yonke imizekeliso kaYesu, kodwa makhe siqwalasele umzekeliso omfutshane womnatha, obhalwe kuMateyu 13:47-50.
Umzekeliso Onentsingiselo Enzulu
4. Nguwuphi umzekeliso uYesu awawubalisayo, njengoko kubhaliwe kuMateyu 13:47-50?
4 “Ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke; abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.”
5. Yiyiphi imibuzo ephakamayo ngokuphathelele intsingiselo yomzekeliso womnatha?
5 Kusenokwenzeka ukuba ukhe wababona abantu bebambisa iintlanzi ngomnatha, mhlawumbi kumfanekiso-bhanyabhanya okanye kumabonwakude, ngoko akunto inzima ukuzakhela umfanekiso-ngqondweni womzekeliso kaYesu. Kodwa kuthekani ngeenkcukacha nentsingiselo yawo? Ngokomzekelo, uYesu wathi lo mzekeliso ‘ungobukumkani bamazulu.’ Kodwa, ngokuqinisekileyo wayengathethi ukuba “iintlobo zonke” zabantu, abalungileyo nabangalunganga, okanye abangendawo, ziya kubuthelwa eBukumkanini. Kwakhona, ngoobani ababambisayo? Ngaba oku kubambisa nokwahlula kwenzeka ngomhla kaYesu, okanye ngaba kupheleliselwe kumhla wethu, “ekuphelisweni kwephakade eli”? Ngaba uyayibona indlela okuchaphazela ngayo lo mzekeliso? Ungakuphepha njani ukuwela phakathi kwabo balilayo nabatshixiza amazinyo?
6. (a) Kutheni sifanele sibe nomdla onyanisekileyo wokuqonda umzekeliso womnatha? (b) Siyintoni isikhokelo sokuwuqonda?
6 Imibuzo enjalo ibonisa ukuba lo mzekeliso awulula kangako noko. Noko ke, ungalibali ukuba: “Anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.” Makhe sibone ukuba singanako na ukungena nzulu kwintsingiselo yawo ukuze iindlebe zethu zingabi buthuntu namehlo ethu angavingceki ukuze singakuqondi ukubaluleka kwawo. Enyanisweni, sele sinaso isikhokelo esibalulekileyo sokutyhila intsingiselo yawo. Inqaku elandulelayo lisixelele ngokumema kukaYesu ababambisi beentlanzi baseGalili ukuba bashiye loo msebenzi wokuziphilisa baze bangenele umsebenzi wokomoya wokuba “ngababambisi babantu.” (Marko 1:17) Wabaxelela oku: “[Niya] kuthabathela kweli xesha [nibambisa] abantu.”—Luka 5:10.
7. UYesu wayebonisa ntoni xa wathetha ngeentlanzi?
7 Ngokuvisisana noko, kulo mzekeliso iintlanzi zimela abantu. Ngenxa yoko, xa Mt 13 indinyana 49 ithetha ngokwahlula abangendawo kumalungisa, ayibhekiseli kwizidalwa zaselwandle ezingamalungisa okanye ezingendawo, kodwa ibhekisela kubantu abangamalungisa okanye abangendawo. Ngokufanayo, Mt 13 indinyana 50 ayimele isenze sicinge ngezilwanyana zaselwandle ezililayo okanye ezitshixiza amazinyo. Nakanye. Lo mzekeliso ungokuhlanganiswa kwabantu nokwahlulwa kwabo kamva, okuyinto enzulu ngokwenene, njengoko umphumo ubonisa.
8. (a) Sinokufunda ntoni koko kwehlela iintlanzi ezingafanelekanga? (b) Ngenxa yoko kwathethwayo ngeentlanzi ezingafanelekanga, sinokugqiba kweliphi ngokuphathelele uBukumkani?
8 Phawula ukuba iintlanzi ezimbi, oko kukuthi, abangendawo, ziya kulahlelwa ezikweni lomlilo, apho ziya kulila khona zize zitshixize amazinyo. Kwenye indawo uYesu wanxulumanisa ukulila nokutshixiza amazinyo okunjalo nokuba ngaphandle koBukumkani. (Mateyu 8:12; 13:41, 42) KuMateyu 5:22 (NW) nese-18:9 (NW), wada wakhankanya ‘umlilo weGehena,’ ebhekisela kwintshabalalo kanaphakade. Ngaba oko akubonisi indlela okubaluleke ngayo ukufumana intsingiselo yalo mzekeliso nokwenza ngokuvisisana nayo? Sonke siyazi ukuba abangeni yaye abasayi kungena abangendawo eBukumkanini bukaThixo. Ngenxa yoko, xa uYesu wathi “ubukumkani bamazulu bufana nomnatha,” umele ukuba wayethetha ukuba ngokubhekisele kuBukumkani bukaThixo, kukho inkalo efana nomnatha ohliswayo ukuze ubuthe iindidi ngeendidi zeentlanzi.
9. Izithunywa zezulu zibandakanyeke njani kumzekeliso womnatha?
9 Emva kokuba umnatha uhlisiwe neentlanzi zibuthiwe, kwakuya kubakho umsebenzi wokwahlula. Ngoobani uYesu awathi babebandakanyekile? UMateyu 13:49 uthi aba babambisi abenza umsebenzi wokwahlula zizithunywa zezulu. Ngoko uYesu wayesixelela ngesixhobo esisemhlabeni esalathiswa zizithunywa zezulu nesisetyenziselwa ukwahlula abantu—abanye balungile yaye bayabufanelekela uBukumkani bamazulu, abanye bazingqina bengalufanelekeli olo bizo.
Ukubambisa—Nini?
10. Singaqiqa njani ukuze siqonde ukuba ukubambisa kuye kwaqhubeka ixesha elide?
10 Umongo uyasinceda sifumanise ixesha okwenzeka ngalo oku. Ngaphambilana nje koku, uYesu wenza umzekeliso wokuhlwayelwa kwembewu entle, kwandula ke kwahlwayelwa umdiza kuloo ntsimi, efanekisela ihlabathi. KuMateyu 13:38 wacacisa ukuba imbewu entle “ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo.” Ezi zakhula kunye kangangeenkulungwane ezininzi, de kwalixesha lokuvuna ekuqoshelisweni kwale nkqubo yezinto. Ngelo xesha ke umdiza wahlulwa waza kamva watshiswa. Xa sinxulumanisa oku nomzekeliso womnatha, sibona ukuba ukubuthelwa kwezidalwa emnatheni kwakuza kuthabatha ithuba elide.—Mateyu 13:36-43.
11. Umsebenzi wokubambisa wazwenibanzi waqhubeka njani ngenkulungwane yokuqala?
11 Ngokomzekeliso kaYesu, kwakungayi kukhethwa xa kubuthwa iintlanzi, oko kukuthi, umnatha wabutha iintlanzi ezintle nezimbi. Ngoxa abapostile babesaphila, izithunywa zezulu zisalathisa umsebenzi wokubambisa zazisebenzisa intlangano kaThixo yamaKristu ukubambisa “iintlanzi” ezaba ngamaKristu athanjisiweyo. Usenokuthi ngaphambi kwePentekoste yowama-33 C.E., umsebenzi kaYesu wokubambisa abantu wabambisa abafundi abamalunga ne-120. (IZenzo 1:15) Kodwa lathi lakumiselwa ibandla lamaKristu athanjisiweyo, umsebenzi wokubambisa ngomnatha waqalisa, kwaza kwabanjiswa amawaka eentlanzi ezintle. Ukususela ngowama-36 C.E., umsebenzi wokubambisa wanwenwela kumanzi omhlaba wonke, njengoko kwakutsalelwa abeeNtlanga kubuKristu baze babe ngamalungu ebandla likaKristu labathanjiswa.—IZenzo 10:1, 2, 23-48.
12. Yintoni eyaqalisayo emva kokufa kwabapostile?
12 Kwiinkulungwane ezalandelayo emva kokuba bengasekho abapostile, kwaqhubeka kukho amaKristu athile awayezabalazela ukufumana nokubambelela kwinyaniso kaThixo. Ubuncinane abathile baba uThixo wayekholiswa ngabo, ibe wabathambisa ngomoya oyingcwele. Sekunjalo, ukufa kwabapostile kwasusa okuthile okwakubambezele, nto leyo eyavulela ukwanda kowexuko. (2 Tesalonika 2:7, 8) Kwavela intlangano eyathi ngokungafanelekanga yazibanga ilibandla likaThixo. Ixoka yayisithi iluhlanga olungcwele oluthanjiswe ngomoya kaThixo ukuba lulawule noYesu.
13. Kutheni kunokuthiwa iNgqobhoko iye yanendima kumsebenzi womnatha?
13 Ngaba ucinga ukuba abo bantu bangathembekanga nababezibanga bengamaKristu babenenxaxheba kumzekeliso womnatha? Kaloku, sinesizathu sokuphendula sithi, ewe, kwakunjalo. Umnatha wokomfuziselo wawuquka iNgqobhoko. Kuyinyaniso ukuba, kangangeenkulungwane iCawa yamaKatolika yazama ukuyithintela iBhayibhile ukuba ingafikeleli kubantu abaqhelekileyo. Sekunjalo, ukutyhubela iinkulungwane, amalungu eNgqobhoko aye anendima ebalulekileyo ekuguquleleni, ekukhupheleni nasekusasazeni iLizwi likaThixo. Kamva iiCawa zaseka okanye zaxhasa imibutho yeBhayibhile, eyaguqulela iBhayibhile kwiilwimi zamazwe akude. Zathumela kwanabefundisi abanolwazi lwezamayeza nabafundisi-ntsapho, ababeguqula abantu bebenza amaKristu awayeguquka kuba ejonge ukufumana iingenelo zokuphathekayo. Oku kwabangela ukuhlanganiswa kwenkitha yeentlanzi ezingafanelekanga, awayengakholiswa zizo uThixo. Kodwa ubuncinane oko kwabangela ukuba izigidi zabantu ababengengomaKristu ziyifumane iBhayibhile zize zibe nenxaxheba kuhlobo oluthile lobuKristu, nangona lwalonakele.
14. Umsebenzi wokubambisa iintlanzi ezintle uye wancediswa njani ngumsebenzi othile owenziwe ziicawa zeNgqobhoko?
14 Ngalo lonke elo xesha, abathembekileyo ababebambelela kwiLizwi likaThixo nababesasazekile bazibhokoxa kangangoko babenako. Ngalo lonke ixesha, babebumba ibandla likaThixo lokwenyaniso labathanjiswa elisemhlabeni. Yaye sinokuqiniseka ukuba nabo babebambisa iintlanzi, okanye abantu, uninzi lwabo uThixo awayeya kubagqala njengabafanelekileyo aze abathambise ngomoya wakhe. (Roma 8:14-17) Aba bameli bobuKristu bafanelekileyo bakwazi ukutyhila inyaniso yeBhayibhile nokuqonda kwabaninzi ababengamaKristu ngenxa yeengenelo zokuphathekayo okanye ababezuze ulwazi olulinganiselweyo lweBhayibhile kwiZibhalo eziguqulelwe kwiilwimi zabo yimibutho yeBhayibhile yeNgqobhoko. Kuyinyaniso ukuba, ukuhlanganiswa kweentlanzi ezintle kwakuqhubeka, nakubeni ezininzi ezazihlanganiswa yiNgqobhoko zazingafanelekanga phambi koThixo.
15. Kanye kanye, umnatha womzekeliso ufanekisela ntoni?
15 Ngoko umnatha umela isixhobo sasemhlabeni esizibanga silibandla likaThixo nesihlanganisa iintlanzi. Oku kuquka iNgqobhoko nebandla lamaKristu athanjisiweyo, ibandla eliye laqhubeka lihlanganisa iintlanzi ezintle, phantsi kokhokelo olungabonakaliyo lwezithunywa zezulu, ngokuvisisana noMateyu 13:49.
Ixesha Lethu Likhethekile
16, 17. Kutheni ixesha esiphila kulo libaluleke kangaka ekuzalisekeni komzekeliso kaYesu womnatha?
16 Ngoku makhe siqwalasele isibakala sexesha. Kangangeenkulungwane isixhobo esingumnatha besiqokelela iintlanzi ezintle ndawonye nezininzi ezingafanelekanga, okanye ezingendawo. Lafika lona ixesha lokuba izithunywa zezulu zenze umsebenzi obalulekileyo wokwahlula. Nini? Kaloku, Mt 13 indinyana 49 ngokucacileyo ithi oku kwenzeka “ekuphelisweni kwephakade eli.” Oku kuyafana noko uYesu wakuthethayo kumzekeliso wezimvu neebhokhwe: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni.”—Mateyu 25:31, 32.
17 Ngenxa yoko, ngokuvisisana noMateyu 13:47-50, umsebenzi obalulekileyo wokwahlula owenziwa ngaphantsi kolwalathiso lwezithunya zezulu ubuqhubeka ukususela ngowe-1914 ekuqaliseni ‘kokupheliswa kwephakade eli.’ Oku kwabonakala ngokukhethekileyo emva kowe-1919, xa intsalela yabathanjiswa yakhululwayo kubukhoboka bokomoya bokwexeshana, okanye ekuthinjweni, yaza yaba sisixhobo esisebenziseka ngakumbi sokuphumeza umsebenzi wokubambisa.
18. Iintlanzi ezintle ziye zahlanganiselwa njani ezityeni?
18 Kwakuza kwenzeka ntoni kwiintlanzi ezintle ezahluliweyo? Mt 13 Indinyana 48 ithi ababambisi abazizithunywa zezulu nabakumsebenzi wokwahlula “bazibuthela [iintlanzi] ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi.” Ezi zizitya zokukhongozela nezikhuselekileyo ekufakwa kuzo iintlanzi ezintle. Ngaba oku kwenzekile kwixesha lethu? Ngokuqinisekileyo kwenzekile. Njengoko iintlanzi ezintle zokomfuziselo bezibanjiswa ziphila, ziye zahlanganiselwa kumabandla amaKristu okwenyaniso. La mabandla anjengezitya aye anceda ukuzikhusela nokuzilondolozela inkonzo kaThixo, ngaba akuvumelani noko? Kodwa, omnye umntu usenokucinga oku, ‘Konke oku kulungile, kodwa kunakuthanani nobomi bam bangoku nekamva lam?’
19, 20. (a) Kutheni kubalulekile nje namhlanje ukuwuqonda lo mzekeliso? (b) Nguwuphi umsebenzi obalulekileyo wokubambisa oye wenziwa ukususela ngowe-1919?
19 Ukuzaliseka koko kwakuzekeliswe apha kwakungapheleliselwanga kwiinkulungwane ezaziphakathi kwexesha labapostile nowe-1914. Ebudeni belo xesha, isixhobo esingumnatha saqalisa ukuhlanganisa amaKristu obuxoki nalawo okwenyaniso. Ewe, sasihlanganisa iintlanzi ezingafanelekanga neentlanzi ezifanelekileyo. Ngokubhekele phaya, umsebenzi wokwahlula owenziwa zizithunywa zezulu awuzange uphele ngowe-1919. Akunjalo, konke konke. Kwiinkalo ezithile lo mzekeliso womnatha uyasebenza kanye kwixesha lethu. Sibandakanyekile yaye kunjalo nangekamva lethu. Kubalulekile ngathi ukuba siqonde indlela nesizathu sokuba kube njalo ukuba sifuna la mazwi abe yinyaniso ngathi: “Anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva” zinokuqonda.—Mateyu 13:16.
20 Ngokunokwenzeka uyazi ukuba emva kowe-1919 intsalela ethanjisiweyo yaxakeka kumsebenzi wokushumayela isebenzisana nezithunywa zezulu, ebeziqhubeka zisebenzisa umnatha wokomfuziselo ukukhuphela iintlanzi elunxwemeni, zisahlula ezimbi kwezintle. Amanani ukususela ngelo xesha abonisa ukuba ukubanjiswa kweentlanzi ezintle ezaziza kuthanjiswa ngomoya kaThixo kwaqhubekela phambili njengokuba kwakuhlanganiswa abokugqibela be-144 000 ngomnatha wokomfuziselo. (ISityhilelo 7:1-4) Kodwa phakathi kwiminyaka yee-1930, ngokusisiseko ukuhlanganiswa kweentlanzi ezintle ezaziza kuthanjiswa ngomoya oyingcwele kwaphela. Ngaba ibandla lentsalela ethanjisiweyo, ngokungathi kunjalo, laliza kuwulahla umnatha lize lisong’ izandla, lilinde umvuzo walo wasezulwini? Nakanye!
Ukubandakanyeka Kwakho Kumsebenzi Wokubambisa
21. Kokuphi okunye ukubambisa okuye kwabonakala kwixesha lethu? (Luka 23:43)
21 Umzekeliso kaYesu womnatha wawujoliswe kwiintlanzi ezintle ezaziya kuvuzwa ngendawo kuBukumkani bamazulu. Kanti, ngaphandle kwaloo mzekeliso, kukho okunye ukubambisa kokomfuziselo okuqhubeka ngomlinganiselo ophakamileyo, njengokuba kubonisiwe kwinqaku elandulelayo. Oku asikokubambisa iintlanzi ezintle ezithanjisiweyo ezikhankanywe kumzekeliso kaYesu, kodwa kukubambisa iintlanzi zokomfuziselo ezimele zibanjiswe ziphila zize zifumane ithemba elimangalisayo lobomi kumhlaba oyiparadisi.—ISityhilelo 7:9, 10; thelekisa uMateyu 25:31-46.
22. Nguwuphi umphumo owonwabisayo esinokuwunandipha, yaye ngaphandle kwawo nguwuphi omnye umphumo okhoyo?
22 Ukuba unelo themba, ngoko ke unokuvuya kuba uYehova eye wavumela umsebenzi wokubambisa osindis’ ubomi uqhubeke kude kube ngoku. Oku kubangele kwaba nokwenzeka ngawe ukufumana ithemba elimangalisayo. Ithemba? Ewe, elo ligama elifanelekileyo, ukuba lisetyenziswe ekubeni umphumo uya kuxhomekeka ekuqhubekeni kwethu sithembekile kuLowo walathisa umsebenzi wokubambisa oqhubekayo. (Zefaniya 2:3) Khumbula ukuba kulo mzekeliso asizizo zonke iintlanzi ezibanjiswa ngumnatha eziba nesiphelo esihle. UYesu wathi ezimbi, okanye ezingendawo, ziya kwahlulwa kwezilungileyo. Siya kuba njani isiphelo sazo? KuMateyu 13:50, uYesu wawuchaza umphumo obuhlungu weentlanzi ezimbi, okanye ezingendawo. Ezi ntlanzi ziya kulahlelwa ezikweni lomlilo, okuthetha intshabalalo kanaphakade.—ISityhilelo 21:8.
23. Yintoni eyenza umsebenzi wokubambisa ube ngobaluleke kangaka namhlanje?
23 Iintlanzi ezintle nezithanjisiweyo, kwaneentlanzi zokomfuziselo ezisenokuphila ngonaphakade emhlabeni, zinekamva elizukileyo. Ngoko ke, kukho isizathu esihle sokuba izithunywa zezulu ziqinisekise ukuba kanye ngoku wenziwa ngokunempumelelo umsebenzi wokubambisa emhlabeni wonke. Yaye hayi indlela ezininzi ngayo iintlanzi ezibanjiswayo! Ubuya kuba uchanile xa usithi ngendlela owenziwa ngayo lo msebenzi, unjengokubambisa okungummangaliso okufana nokubanjiswa kweentlanzi zokoqobo okwenziwa ngabapostile xa bahlisa iminatha yabo ngokuyalelwa nguYesu.
24. Yintoni esifanele sifune ukuyenza ngokuphathelele ukubambisa kokomoya?
24 Ngaba ukukhuthalele kangangoko kunokwenzeka ukuba nesabelo kulo msebenzi usindis’ ubomi wokubambisa kokomoya? Kungakhathaliseki ukuba liye lalikhulu kangakanani na igalelo lethu njengabantu ngabanye ukuza kuthi ga ngoku, ngamnye wethu unokukhangela koko kufezwayo emhlabeni wonke kumsebenzi omkhulu wokubambisa nosindis’ ubomi oqhubekayo ngoku. Ukwenjenjalo kufanele kusishukumisele kwinzondelelo engakumbi ekuhliseni iminatha ukuze sibambise kwiintsuku ezisengaphambili!—Thelekisa uMateyu 13:23; 1 Tesalonika 4:1.
Ngaba Uyazikhumbula Ezi Ngongoma?
◻ Zifanekisela ntoni iindidi ezimbini zeentlanzi ezikumzekeliso kaYesu womnatha?
◻ Iicawa zeNgqobhoko ziye zabandakanyeka ngayiphi ingqiqo ekusebenzeni komnatha?
◻ Kutheni ukubambisa okwenzeka kumhla wethu kungxamiseke kangaka?
◻ Umzekeliso womnatha ufanele ukhokelele ngamnye wethu ekwenzeni luphi uhlolisiso lobuqu?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Imisebenzi yokubambisa iye yaqhubeka kuLwandle lwaseGalili kangangeenkulungwane
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.