Hlala Unesimo Sengqondo SikaKristu
‘Yibani nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.’—ROMA 15:5.
1. Kutheni sifanele sixelise isimo sengqondo sikaKristu?
UYESU KRISTU wathi: “Yizani kum . . . nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” (Mat. 11:28, 29) Esi simemo sibonisa indlela uYesu anothando ngayo. Akukho mzekelo wumbi sinokuwuxelisa. Nangona wayenguNyana kaThixo yaye enamandla amakhulu, uYesu wayenovelwano nobubele ingakumbi kwabo babandezelekileyo.
2. Ziziphi iimpawu zikaYesu esiza kuzihlolisisa?
2 Kweli nqaku nakwamabini alandelayo, siza kuxubusha indlela esinokuxelisa ngayo isimo sengqondo sikaYesu size sibe ‘nengqondo kaKristu.’ (1 Kor. 2:16) Ngokuyintloko, siza kuhlolisisa ezi nkalo zintlanu: Ubulali nentobeko kaYesu, ububele bakhe, ukuthobela kwakhe uThixo, inkalipho nothando lwakhe olunyanisekileyo.
Xelisa Umzekelo KaKristu Wokuba Nobulali
3. (a) Sisiphi isifundo sokuthobeka uYesu awasifundisa abafundi bakhe? (b) Yintoni eyenziwa nguYesu xa abafundi bakhe bebonisa ubuthathaka?
3 UYesu, uNyana kaThixo ofezekileyo, weza emhlabeni ngokuzithandela ukuze akhonze abantu abangafezekanga nabanesono. Abanye babo bagqibela ngokumbulala. Sekunjalo, uYesu akazange aphelelwe luvuyo yaye waqhubeka ezeyisa. (1 Pet. 2:21-23) ‘Ukukhangela ngenyameko’ kumzekelo kaYesu kuya kusinceda sibe nesimo sengqondo esifanayo nesakhe xa sikhutyekiswa ziimpazamo nokungafezeki kwabanye. (Heb. 12:2) UYesu wamema abafundi bakhe ukuba bangene phantsi kwedyokhwe yakhe baze bafunde kuye. (Mat. 11:29) Yintoni ababeza kuyifunda? Enye yezinto ababeza kuzifunda kukuba, uYesu wayenobulali yaye wayenomonde kubafundi bakhe nangona babesenza iimpazamo. Ngobusuku obungaphambi kokuba afe, uYesu wahlamba iinyawo zabo, ebafundisa isifundo ababengasokuze basilibale ‘sokuthobeka.’ (Funda uYohane 13:14-17.) Kamva, xa uPetros, uYakobi noYohane boyisakalayo ‘kukuhlala belindile,’ uYesu wavelana nobuthathaka babo. Wabuza: “Simon, ulele na? . . . Madoda, hlalani nilindile yaye nithandaza, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya, kambe ke, unentumekelelo, kodwa inyama ibuthathaka.”—Marko 14:32-38.
4, 5. Umzekelo kaYesu unokusinceda njani sikwazi ukunyamezela ubuthathaka babanye?
4 Yintoni esiyenzayo xa umzalwana okanye udade enomoya wokhuphiswano, ekhubeka msinya okanye engasamkeli ngokukhawuleza isiluleko sabadala okanye ‘sekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’? (Mat. 24:45-47) Sikulindele ukukhutyekiswa ngabantu behlabathi likaSathana yaye sinokubaxolela, kodwa sinokukufumanisa kunzima ukuxolela abazalwana bethu. Ukuba sikhubeka msinya zizinto ezenziwa ngabanye, sifanele sizibuze, ‘Ndinokuba nayo njani “ingqondo kaKristu”?’ Khumbula ukuba uYesu akazange acaphuke xa abafundi bakhe bebonakalisa ukuba buthathaka ngokomoya.
5 Cinga ngento eyenzeka kumpostile uPetros. Xa uYesu wathi kuPetros makaphume ephenyaneni ahambe phezu kwamanzi eze kuye, uPetros wahamba emanzini okwexeshana. Emva koko uPetros wabona isaqhwithi somoya waza waqalisa ukutshona. Ngaba uYesu wacaphuka waza wathi kuye: “Tshotsho! Uza kufunda isifundo”? Akunjalo! “Ngoko nangoko wolula isandla sakhe uYesu wambamba waza wathi kuye: ‘Wena ulukholo luncinane, kutheni uthandabuza nje?’” (Mat. 14:28-31) Xa umzalwana ebonakala engenalukholo, ngaba nathi sinokumnceda ukuze abe nokholo olomeleleyo? Ngokuqinisekileyo, sinokufunda kwindlela uYesu awabonakalisa ngayo ubulali kuPetros.
6. UYesu wabafundisa ntoni abapostile bakhe ngokufuna ukubalasela?
6 UPetros wayesibakho xa abanye abapostile bephikisana ngoyena mkhulu phakathi kwabo. UYakobi noYohane babefuna ukuhlala ngasekunene nangasekhohlo kukaYesu eBukumkanini bakhe. UPetros nabanye abapostile bacaphuka xa besiva oku. UYesu wayesazi ukuba oku kwakubangelwa yindawo ababekhulele kuyo. Wababiza waza wathi: “Niyazi ukuba abalawuli beentlanga baba ziinkosi phezu kwazo yaye abo bazizikhulu basebenzisa igunya phezu kwazo. Makungabi njalo phakathi kwenu; kodwa nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu, yaye nabani na ofuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu makabe likhoboka lenu.” Emva koko uYesu wenza umzekelo ngaye: “Kanye njengokuba uNyana womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.”—Mat. 20:20-28.
7. Yintoni esinokuyenza ukuze kubekho umanyano ebandleni?
7 Ukucinga ngokuthobeka kukaYesu kunokusinceda ‘siziphathe njengabancinane’ xa siphakathi kwabazalwana bethu. (Luka 9:46-48) Loo nto inokubangela ukuba simanyane. UYehova, ufana nobawo onentsapho enkulu, ufuna abantwana bakhe “bahlale ndawonye ngomanyano.” (INdu. 133:1) UYesu wathandaza kuYise ukuba onke amaKristu enyaniso amanyane, ukuze “ihlabathi libe nolwazi lokuba undithumile nokuba ubathandile kanye njengoko wandithandayo mna.” (Yoh. 17:23) Ngenxa yoko, ukumanyana kwethu kusenza sibonwe ukuba singabalandeli bakaKristu. Ukuze simanyane, sifanele sijonge ukungafezeki kwabanye ngendlela uKristu awayekujonga ngayo. UYesu wayexolela, yaye wafundisa ukuba siya kuxolelwa kuphela xa nathi sibaxolela abanye.—Funda uMateyu 6:14, 15.
8. Yintoni esinokuyifunda kwabo kudala bekhonza uThixo?
8 Sinokufunda lukhulu nakwabo baneminyaka emininzi bexelisa uKristu. Nabo bayafana noYesu ngokuziqonda iintsilelo zabanye. Baye bafunda ukuba, ukuba nemfesane njengoKristu kusinceda “sithwale ubuthathaka babo bangomelelanga” kuze kusenze simanyane. Ngaphezulu, kukhuthaza onke amalungu ebandla abe nesimo sengqondo esifana nesikaKristu. Banqwenela ukuba abazalwana babo bafumane oko umpostile uPawulos wayefuna kufunyanwe ngamaKristu aseRoma: “Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganenza nibe nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu, ukuze ngamxhelo mnye nimzukise ngamlomo mnye uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu.” (Roma 15:1, 5, 6) Xa sinqula uYehova ngomanyano sizisa udumo egameni lakhe.
9. Kutheni sifanele sicele umoya oyingcwele ukuze sikwazi ukuxelisa umzekelo kaYesu?
9 UYesu wanxulumanisa ‘ukuthobeka ngentliziyo’ nobulali, obuyinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele kaThixo. Ngoko ke, ukuze siwuxelise kakuhle umzekelo kaYesu, sifanele sifunde ngaye size sicele nomoya oyingcwele kaYehova. Sifanele sithandazele umoya oyingcwele kaThixo size sihlakulele ukuba nesiqhamo sawo—‘uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.’ (Gal. 5:22, 23) Ukuba silandela umzekelo kaYesu wokuthobeka nobulali siya kumkholisa uBawo wethu wasezulwini, uYehova.
UYesu Wabaphatha Ngobubele Abanye
10. UYesu wabonisa njani ukuba unobubele?
10 Nobubele buyinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele. UYesu wayesoloko ebaphatha ngobubele abanye. UYesu ‘wayebamkela ngobubele’ bonke abo babemfuna ngokunyanisekileyo. (Funda uLuka 9:11.) Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYesu awabonakalisa ngayo ububele? Umntu onobubele unobuhlobo, uyathantamisa, unovelwano nenceba. UYesu wayenazo zonke ezi mpawu. Wayenovelwano ngabantu ‘ngenxa yokuba babehlinzekile, belahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’—Mat. 9:35, 36.
11, 12. (a) Chaza indlela uYesu awabonakalisa ngayo uvelwano. (b) Yintoni onokuyifunda kulo mzekelo?
11 Ngenxa yovelwano nosizi awayenalo uYesu, wayebanceda abantu. Cinga nje ngalo mzekelo. Ibhinqa elithile lalinethombo legazi kangangeminyaka eli-12. Lalisazi ukuba ngokoMthetho kaMoses, lalingahlambulukanga yaye nabani na elalinokumchukumisa wayeya kuba ngongahlambulukanga. (Lev. 15:25-27) Sekunjalo, ngenxa yendlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu, laliqinisekile ukuba unokuliphilisa. Lalimana lisithi: “Ukuba ndichukumisa nje izambatho zakhe zangaphezulu ndiya kuphila.” Laqweba isibindi, lamchukumisa laza laphiliswa ngoko nangoko.
12 UYesu waqonda ukuba ukho umntu omchukumisileyo waza wabhekabheka ukuze ambone. Lisoyika ukukhalinyelwa ngenxa yokwaphula uMthetho, eli bhinqa lawa phantsi lingcangcazela laza lamxelela yonke inyaniso. Ngaba uYesu walukhalimela kabukhali olu sizana lwebhinqa? Akunjalo! Waliqinisekisa wathi: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo.” (Marko 5:25-34) Limele ukuba lathuthuzeleka ngokwenene lakuva loo mazwi ovelwano!
13. (a) Isimo sengqondo sikaYesu sasahluke njani kwesabaFarisi? (b) UYesu wayebaphatha njani abantwana?
13 Ngokungafaniyo nabaFarisi ababekhohlakele, uKristu akazange abacinezele abanye esebenzisa igunya awayenalo. (Mat. 23:4) Kunoko, wabafundisa iindlela zikaYehova ebonakalisa ububele nomonde. UYesu wayebathanda abalandeli bakhe, enobubele yaye engumhlobo wabo wenene. (IMize. 17:17; Yoh. 15:11-15) Nabantwana babekhululekile xa bekunye noYesu, yaye ngokuqinisekileyo naye wayekhululeka xa ekunye nabo. Wayezinika ixesha lokuba kunye nabantwana. Ngesinye isihlandlo, abafundi bakhe ababesenemvo yobukhulu njengeenkokeli zonqulo ezazikho ngelo xesha, bazama ukubanqanda abantu ababesizisa abantwana kuYesu ukuze abachukumise. UYesu akazange ayithande loo nto. Wathi kubo: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo.” Emva koko, wasebenzisa abantwana ukuze afundise abafundi bakhe isifundo esibalulekileyo, wathi: “Inene ndithi kuni, Nabani na ongabamkeliyo ubukumkani bukaThixo njengomntwana oselula akasayi kuze angene kubo.”—Marko 10:13-15.
14. Bangenelwa njani abantwana xa bephathwa ngenyameko?
14 Khawucinge ngendlela ababeya kuvakalelwa ngayo abanye babo bantwana xa sele bengamadoda namabhinqa, bekhumbula ukuba uYesu Kristu ‘wabawola waza wabasikelela.’ (Marko 10:16) Nanamhlanje abantwana abaye banyanyekelwa ngabadala nangabanye, bayavuya xa besele bekhulile becinga loo ndlela babephethwe ngayo. Okubaluleke nangakumbi kukuba, abantwana abanyanyekelwayo ebandleni baye babone ukuba umoya kaYehova uyasebenza ebantwini bakhe.
Yiba Nobubele Kweli Hlabathi Lingenabubele
15. Kutheni singamele sothuke xa sidibana nabantu abangenabubele?
15 Abantu abaninzi namhlanje abanaxesha lokwenzela abanye ububele. Ngoko ke, mihla le esikolweni, emsebenzini, endleleni nasentsimini, abantu bakaYehova badibana nabantu behlabathi. Sisenokudana xa sidibana nabantu abangenabubele, kodwa asifanelanga sothuke. UYehova waphefumlela uPawulos ukuba alumkise amaKristu enyaniso ngabantu ‘abazithandayo nabangenawo umsa wemvelo’ awayeya kudibana nabo “ngemihla yokugqibela.”—2 Tim. 3:1-3.
16. Yintoni esinokuyenza ebandleni ukuze sibonakalise ububele njengoKristu?
16 Kwelinye icala, ngokwahlukileyo kwihlabathi elinabantu abangenabubele, ukuba kwibandla lamaKristu enyaniso kuyahlaziya. Xa sixelisa uYesu, nathi sinokufak’ isandla ekubeni ubekho loo moya mhle. Sinokukwenza njani oku? Okokuqala, amalungu amaninzi ebandla afuna uncedo nokhuthazo lwethu kuba egula okanye ejamelene nezinye iingxaki. Kule ‘mihla yokugqibela,’ zinokuba ninzi iingxaki ezinjalo, kodwa azikho ntsha. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, amaKristu ayeneengxaki ezifanayo. Ngoko ke, nanamhlanje kubalulekile ukuba amaKristu ancedane njengoko kwakunjalo mandulo. Ngokomzekelo, uPawulos wabongoza amaKristu ukuba ‘athuthuzele imiphefumlo edandathekileyo, axhase ababuthathaka, azeke kade umsindo kubo bonke.’ (1 Tes. 5:14) Loo nto ithetha ukuba sifanele sibe nobubele njengoKristu.
17, 18. Sinokubuxelisa njani ububele bukaYesu?
17 NjengamaKristu sinembopheleleko ‘yokwamkela abazalwana bethu ngobubele,’ sibaphathe ngendlela uYesu ebeya kubaphatha ngayo, sibanyamekele abo kudala sibazi nabo sisandul’ ukubazi. (3 Yoh. 5-8) Nathi sifanele sibe nemfesane kwabanye njengoYesu, ukuze bahlale behlaziyekile.—Isa. 32:2; Mat. 11:28-30.
18 Sonke singaba nobubele kwabanye ngokuba nomdla kubo. Khangela indlela onokukwenza ngayo oku. Lisebenzise ithuba elivelayo! UPawulos wathi: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Oku kuthetha ukulandela umzekelo kaKristu, siphathe abanye ngobubele, sibonise ‘uthando olungenaluhanahaniso.’ (2 Kor. 6:6) UPawulos waluchaza ngolu hlobo uthando lukaKristu: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. Uthando alunakhwele, alugwagwisi, alukhukhumali.” (1 Kor. 13:4) Kunokuba sibe nenzondo kubazalwana noodadewethu, masithobele esi siluleko: “Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.”—Efe. 4:32.
19. Yintoni esiya kuyifumana xa sibonisa ububele njengoKristu?
19 Xa sizabalazela ukubonisa ububele njengoKristu maxa onke siya kusikelelwa. Umoya kaYehova uya kusebenza ngokukhululekileyo ebandleni, size sonke sibe nesiqhamo somoya. Ukongezelela, xa sixelisa umzekelo kaYesu size sincede nabanye ukuba benjenjalo, siya kunqula uThixo ngovuyo nomanyano size simvuyise. Ngoko ke njengoYesu, masiqhubeke sibonisa ubulali nobubele kwabanye.
Ngaba Ungachaza?
• UYesu wabonisa njani ukuba ‘unomoya wobulali yaye uthobekile ngentliziyo’?
• UYesu wabubonisa njani ububele?
• Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ubulali nobubele njengoKristu kweli hlabathi linabantu abangafezekanga?
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Xa umzalwana ebonakala engenalukholo njengoPetros, ngaba siya kumnceda?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Yintoni onokuyenza ukuze onke amalungu ebandla ahlale ephathana ngobubele?