Ukufundiswa NguYehova
1 Umprofeti uIsaya wavakalisa esithi: “INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi.” (Isa. 50:4) Enye indlela uYehova akwenza ngayo oku kungoqeqesho olunikelwa siSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Noko ke, kusafuneka ukuba umntu ngamnye enze umgudu. Incwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiphepha 39 ithi: “Kungakhathaliseki kuthi usisingathe kangaphi na isabelo esiluhlobo oluthile, ulungiselelo lusoloko lulolwexabiso.” Oku kunjalo kuthi sonke, enoba besikwesi sikolo iinyanga nje ezimbalwa okanye okokoko saqaliswa ngowe-1943.
2 Bonke abafundi bafanele balungiselele kakuhle. Oku kuquka ukuphaphela nexesha. Imiyalelo kuCwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ithi: “Akukho ntetho ifanele igqithe exesheni.” Xa umzalwana osingatha iSabelo Soku-1 egqitha exesheni ngokuphindaphindiweyo, ufanele alulekwe ngasese. Nomveleli wesikolo ufanele ayiqalise le ntlanganiso ngexesha aze alandele imiyalelo ephathelele ixesha elinikelweyo lokunikela isiluleko namagqabaza. Ncedani niphawule ukuba kuza kusetyenziswa incwadi entsha ethi “Sonke ISibhalo.”
3 Bonke bangangenelwa kakhulu kwiimbalasane zeBhayibhile. Siyakhunjuzwa ukuba oku akufanele kube nje yimpinda yombandela owabelweyo. Isithethi sifanele sibancede abaphulaphuli baqonde isizathu nendlela inkcazelo leyo exabiseke ngayo kuthi.
4 Intetho Yesi-3 iye yanikelwa ngeendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo yaye oku kuye kwanemiphumo eyahlukahlukeneyo. Kodwa ekubeni sikhumbula injongo eyintloko yesikolo, ekukusinceda sinikele inyaniso ngendlela echanileyo necacileyo, kunconyelwa ukuba indlela enikelwa ngayo ibandakanye inkonzo yasentsimini okanye ukunikelwa kobungqina obungacwangciswanga.
5 Intetho Yesi-4, xa ithatyathwe kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, iya kwabelwa abafundi abatsha okanye abaselula. Kambe ke, umfundi owabelweyo ufanele akwazi ukufunda. Ezi ntetho ziya kubakho ngayo yonke iveki yesibini zibolekisana nezo ziphuma kwincwadi Ukuqiqa. KwiNtetho Yesi-3 neyesi-4, umfundi ufanele asebenzise umxholo obonisiweyo.
6 Kumele kusetyenziswe ubulumko xa kufakelwa umbandela owongezelelekileyo. Wumbi umbandela owabelweyo usenokuquka kuphela isiqendu esinye okanye ezibini. Kodwa lo mbandela usenokunikelwa wonke ngendlela eyingenelo ngexesha elabelweyo ngokufunda nokucacisa iZibhalo, kusetyenziswa imizekeliso, njalo njalo. Ngokuqhelekileyo, akuye kufuneke ukuba sinikele umbandela ongaphandle kwalowo wabelweyo. Abaphulaphuli bafanele bakwazi ukuhambisana nawe kwimpapasho othatyathwe kuyo umbandela.
7 UThixo esimnqulayo usilungiselele umthombo wobulumko nowolwazi olungapheliyo. (Roma 11:33) Nangemva kweminyaka eliwaka, siya kube sinento eninzi ekufuneka siyifundile. Amandla ethu okudumisa uBawo wethu wasezulwini nawokusingatha iingxaki zobomi ndawonye nolwaneliseko novuyo lwethu zonke ezo zinto ziya kwanda ngokomlinganiselo womgudu esiwenzayo ukuzuza ubulumko bukaThixo. Ngoko, zimisele ukungenelwa ngokuzeleyo kumalungiselelo uMyaleli wethu Omkhulu asenzele wona ngokuya rhoqo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ngamana inzondelelo yakho ekulungiseleleni nokuba nenxaxheba kwakho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ebudeni bowe-1991 inganceda ukuba ukuphumeze oku.