Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Zentsapho Ezinentsingiselo
1 Eminye yeyona misebenzi ibalulekileyo abazali abayenzayo kukufundisa abantwana babo inyaniso. Kuyimbopheleleko yabo abayabelwe nguYehova. (Dut. 6:6, 7) Abantwana bafuna ulwalathiso nokhokelo ukuze bahambe ngokufanelekileyo kweli hlabathi lingahloneli Thixo. Bafanele bafunde ukumthanda uYehova nenyaniso baze bazimisele ukunamathela kuyo. IMboniselo ka-Agasti 1, 1988, iphepha 11, yathi: “Phezu kwazo nje naziphi na ezinye iimbopheleleko onazo okanye iingxaki ojamelene nazo, ukuchitha ixesha nabantwana bakho kufuneka kube kwindawo yokuqala. Ixesha enilichitha kunye liya kukwenza ukwazi ukubethelela imilinganiselo yokomoya eya kugcina iintliziyo zabantwana bakho ize ibahambise kwikhondo elilungileyo.”
2 Ukuba abazali baza kulandela ukhokelo olunikelwe kwiLizwi likaThixo, kumele ngokuthe rhoqo kubekelwe bucala ixesha lesifundo sentsapho. Iintloko-ntsapho zifanele zikubeke kwindawo yokuqala ukunyamekela iintsapho zazo ngokomoya. Ukuba ngoku akunikelwa ngqalelo ifanelekileyo kwiintswelo zokomoya zentsapho, kunokwenzeka ukuba kwixesha elizayo abazali baya kujamelana neengxaki ezinzulu.
UMBANDELA NEENDLELA ZOKUFUNDISISA
3 Yintoni efanele ifundisiswe? Intloko-ntsapho ikwimeko entle yokuzazi iintswelo zentsapho. Inokubuza ngoko abanye bacinga ukuba kuya kuba yingenelo ize iqwalasele amacebiso abo. Ukuba bhetyebhetye kuya kusenza isifundo sentsapho sibe yingenelo kwaye sibangele umdla. Iintsapho ezininzi zikhetha ukulungiselela isifundo seeveki ngeeveki kwiMboniselo. Noko ke, kunokuba yimfuneko ngamaxesha athile ukuxubusha ngemibandela ethile ekhethekileyo egubungela iingxaki zabaselula esikolweni. Imibandela epapashiweyo ethetha ngokwenza amadinga, imisebenzi yasemva kweeyure zesikolo, imidlalo notyekelo lokuziphatha okubi ngokwesini zizinto ezinokuxutyushwa ngendlela eyakhayo nekhuthazayo. Kubalulekile ukuba intloko-ntsapho isoloko iyihlolisisa inkcazelo efunwa yintsapho neyona ndlela yokufikelela iintliziyo zayo ngayo.—Bona IMboniselo, ka-Agasti 15, 1971 iphepha 364-5.
4 Sifanele siqhutywe njani isifundo? Hlakulela imekobume ebenza bakhululeke ukanti babe nentlonelo ngesifundo. Yiphephe inkqubo engumsina ndozele nebonakalisa ucwangco olugqithiseleyo. Buza imibuzo eyongezelelekileyo, uze usebenzise imizekelo eshukumisa ukucinga uze ubagcine bonke bebandakanyekile. Kunokwenziwa izabelo zokufumana umbandela othile kwi-Index okanye kwimiqulu yeInsight, ngokobudala namandla okucinga abantwana. Babandakanye abantwana abancinane kwingxubusho bakuba nje bekwazi ukusabela. Banokubuzwa imibuzo efuna iimpendulo ezilula zamagama nje ambalwa. Musa ukusebenzisa ixesha lesifundo njengexesha lokungxolisa abantwana. Kunoko, bancome, bonisa uxabiso ngemigudu yabo, uze wabelane nabo ngehlombe ngeengcamango ezingokomoya.
5 Unokuqiniseka njani ukuba ufikelela intliziyo? Bakhuthaze bonke ukuba baphendula ngamazwi abo. Ngobuchule sebenzisa imibuzo ebenza bavakalise iimbono zabo ukuze ufumane oko kusentliziyweni. Usenokubuza uthi: “Abantwana esikolweni bavakalelwa njani ngalo mbandela? Ngaba uyawuthandabuza lo mbandela?” Kulumkele ukubhabhazeliswa ziimpendulo ezinokunikelwa ngabantwana kuloo mibuzo njengeembono zabo, okanye ezo abantwana bakho basenokungakhululeki ukuvakalisa iimbono zabo ezinyanisekileyo. Banike ixesha lokuthetha. Ukwazi kwabo ukuba unomdla kubo nakwiingxaki zabo kuya kuyenza imigudu yakho yokufundisa ibe lula gqitha.—Bona IMboniselo kaNovemba 1, 1986, iphepha 23-5.
6 Khumbula ukuba injongo eyintloko yesifundo sakho sentsapho kukubethelela iingcinga zikaYehova ingekuko nje ukufumana iimpendulo zokucengcelezwa kwiintlanganiso zebandla. (Efe. 3:17-19) Oku kuthetha ukusebenzela ukungenisa le nkcazelo entliziyweni. Yinike intsapho izizathu zokuba ifanele ifune ukwenza ukuthanda kukaThixo nesizathu sokuba oko kulelona khondo elifanelekileyo ebomini.
7 Isifundo seBhayibhile sentsapho esiqhutywa rhoqo sibalulekile ukuze kwakhiwe ubumoya bentsapho. Siyabaqeqesha abantwana kwaye sibaxhobisela ukujamelana neengxaki zobomi. Nina bazali nikweyona meko intle yokunceda abantwana benu. Yamkeleni le mbopheleleko niyinikwe nguThixo. Ngokuqinisekileyo uYehova uya kunisikelela ukuba nenza wonke umgudu wokusiqhuba rhoqo isifundo seBhayibhile sentsapho esinentsingiselo.