Vakalisa Iindaba Ezilungileyo ZoBukumkani Ngeencwadana Ezinemifanekiso
1 Olunjani lona uvuyo okululo ukwazi inyaniso nokuba phakathi kwabo bavakalisa iindaba ezilungileyo ngenzondelelo! Abantu abangaphandle kwentlangano kaThixo bazifuna ngokwenene iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Inyaniso engoBukumkani icaciswa ngokulula kwincwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi nethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha.” Zinemifanekiso eqaqambileyo yobomi emhlabeni phantsi koBukumkani bukaThixo, yaye zalathisela umfundi kwiinyaniso zoBukumkani ezicaciswe kwiLizwi likaThixo. Kambe ke, ukuhambisa incwadana enemifanekiso kumntu onomdla kusisiqalo nje somsebenzi wethu. (1 Kor. 9:23) Masibuyele ngokukhawuleza kubo bonke esibahambisele zona, ngenjongo yokuqalisa isifundo kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Singakwenza njani oku ngoAgasti?
2 Incwadana enemifanekiso ethi “Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!” isenokuhanjiswa ngentshumayelo nje emfutshane. Njengoko ubalaselisa umphandle wayo, usenokuthi:
◼ “Bendingathanda ukukubonisa into equlethe isigidimi esihle.” Tyhila kwincwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe, ufunde isiqendu sokuqala sentshayelelo. Ungatyatyadula uthi: “Kwakhona iphendula nalo mbuzo uthi [tyhila kumxholo ongentla kumfanekiso 8]: ‘Kutheni Umntu Esifa?’ Uya kukufumanisa kubangel’ umdla ukuhlolisisa imifanekiso nokufunda izibhalo ezikule ncwadana inemifanekiso. Ukuba ufuna ukwenjenjalo, ungayifumana le ngomnikelo we-R1,00.”
3 Ubuya kuthini xa ubuyela apho ubushiye khona incwadana enemifanekiso ethi “Bunandiphe”? Usenokuzama le ntshayelelo:
◼ Mbonise umfanekiso 49 kwincwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe uze umbuze oku, “Ngaba awumhlanga lo mfanekiso? [Vumela impendulo.] Ukho kulaa ncwadana inemifanekiso bendikushiyele yona ukugqibela kwam ukuza apha. Bendingathanda ukukubuza umbuzo okwiphepha elilandelayo.” Tyhila kumfanekiso 50 uze ufunde lo mbuzo: “‘Uyakufuna na ukuphila ngonaphakade kuloo paradisi entle?’ [Vumela impendulo.] Ukuba uyakufuna, phawula oko ithi ufanele ukwenze: ‘Ngoko funda okungakumbi ngoko kuthethwa nguThixo.’ [Funda uYohane 17:3.] Ndingakuvuyela ukufundisisa iBhayibhile kunye nawe ngesisa. Ubungekuthandi wena oko?” Yenza amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela.
4 Xa uhambisa incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” usenokuqala ngokumbonisa wonke umfanekiso ongaphandle uze ubuze oku:
◼ “Ucinga ukuba bekuya kufuneka ntoni ekwenzeni umhlaba wonke ubonakale ngolu hlobo?” Vumela impendulo. Chaza ezinye zeenkalo zalo mfanekiso, ekubhekiselwe kuzo kwiphepha 3. Yandula ke uthi: “Inkoliso yabantu ivakalelwa kukuba kuyinto engenakwenzeka ukwenza ihlabathi libenje. Kodwa kuThixo akuyonto ingenakwenzeka oku. [Mchazele ngeengongoma ezikwisiqendu 43; uze ufunde uIsaya 9:6, 7.] UThixo uye wathembisa ukuzisa ihlabathi elitsha apho abantu beentlanga zonke beya kunandipha iparadisi entle. Bendingathanda ukuba uyifunde le ncwadana inemifanekiso. Iya kukubonisa indlela wena nentsapho yakho eninokulinandipha ngayo eli kamva limangalisayo lithenjiswe nguThixo.”
5 Xa ubuyela, usenokusebenzisa incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona” ukuze ucacise isizathu sokuba kufuneka efunde okungakumbi ngeBhayibhile. Mhlawumbi unokuphinda umbonise umphandle wayo uze uthi:
◼ “Ukuqala kwam ukukubonisa lo mfanekiso, siye savumelana kwelokuba besiya kukuthanda ukuphila kweli hlabathi lihle. Ukuze senjenjalo, kukho into ekufuneka siyenze xa sisonke.” Tyhila kwincwadana enemifanekiso ethi “Uyabona” kwisiqendu 52; funda esi siqendu kunye nombhalo kaYohane 17:3. Dibanisa le nkcazelo nomzekelo okwisiqendu 53 ongemfundo efanelekileyo yeBhayibhile, uze ucacise ukuba amaNgqina kaYehova ayinikela ngesisa loo mfundiso ekhaya. Cela ukumbonisa indlela esifundisisa ngayo, usebenzisa incwadi ethi Ulwazi.
6 Xa uhambisa incwadana enemifanekiso ethi “Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi,” usenokuzama ukuthetha oku:
◼ “Ndiye ndeva uninzi lwabantu lusithi belungathanda ukuphila phantsi korhulumente onokuzicombulula ngokwenene iingxaki ezinkulu esijamelene nazo namhlanje. [Khankanya iingxaki zasekuhlaleni ezinjengokungaqeshwa, ukwanda kolwaphulo-mthetho, okanye ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi.] Ezi zinto zisenza singaqiniseki tu ngekamva lethu nelabo sibathandayo. Ngaba ucinga ukuba uya kuze abekho urhulumente oya kuzicombulula ezi ngxaki? [Vumela impendulo.] Mhlawumbi ukhe wawenza uMthandazo weNkosi. Ukuba kunjalo, ngaba uyazi ukuba eneneni uthandazela urhulumente wobulungisa?” Tyhila kwiphepha 3 kwincwadana enemifanekiso ethi Urhulumente, uze ufunde iziqendu ezibini zokuqala. Hambisa le ncwadana inemifanekiso ngomnikelo we-R1,00.
7 Ukuba ubuhambise incwadana enemifanekiso ethi “Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi,” usenokuyiqalisa ngolu hlobo ingxubusho kwibuyelo:
◼ “Kwixa elidluleyo sixubushe ngendlela esimfuna ngayo urhulumente wobulungisa onokucombulula iingxaki zomntu. Incwadana enemifanekiso ebendikushiyele yona yalatha kuBukumkani bukaThixo njengekuphela kwethemba lethu. Abanye abantu bayazibuza ngoko kuya kwenziwa nguloo rhulumente ekuphuculeni iingxaki zethu ebomini. IBhayibhile ibonisa ukuba uKristu sele ezibonakalisile ukuba uya kwenza oko iinkokeli zabantu ziye zasilela ukukwenza.” Tyhila kwincwadana enemifanekiso ethi Urhulumente kwiphepha 29, uze ufunde iziqendu ezine zokugqibela. Yandula ke uthi: “Ngaba eli asilokamva lihle? Ngaba ubungethandi ukulibona?” Vumela impendulo. Funda uYohane 17:3. Mkhuthaze afunde okungakumbi ngesifundo seBhayibhile sekhaya.
8 Ukuba usebenzisa ezinye iincwadana ezinemifanekiso, usenokuzilungiselelela ezakho iintshumayelo, usebenzisa ezi zingasentla njengemizekelo. Gcina ingxelo echanileyo yabo bonke ababonise umdla obafumeneyo uze uqiniseke ukuba ubuyela ngokukhawuleza. Lungiselela kakuhle uze ufune intsikelelo kaYehova njengoko uvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani.