IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/99 iphe. 1
  • Bameme Beze

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bameme Beze
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuya Kwethu Kwiintlanganiso Kubonisa Ukuba Singabantu Abanjani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Kutheni Simele Sihlanganisane Ukuze Sinqule?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Zingakunceda Njani Iintlanganiso ZamaNgqina KaYehova?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • “Masiye Endlwini KaYehova”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
km 3/99 iphe. 1

Bameme Beze

1 Sithethanje isimemo esakhutshwa kwiinkulungwane ezadlulayo sihlokonyiswa kumazwe angaphezu kwama-233 ehlabathini jikelele: “Yizani sinyuke siye entabeni kaYehova, . . . asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.” (Isa. 2:3) Ukwalathisa abantu kwintlangano kaYehova yenye yeendlela ezisemagqabini esingabanceda ngazo benze inkqubela yokomoya ekhokelela kubomi obungunaphakade.

2 Bambi abavakalisi basenokuba mathidala ukumemela abantu kwiHolo yoBukumkani zede babonise inkqubela ephawulekayo kwisifundo seBhayibhile sekhaya. Noko ke, maxa wambi abantu baqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla kwanangaphambi kokuba kuqaliswe isifundo seBhayibhile kunye nabo. Asimele kuphozisa maseko ukubamema ngokufudumeleyo nokubakhuthaza abantu ukuba beze kwiintlanganiso.

3 Oko Umele Ukwenze: Zisebenzise kakuhle izimemo ukuze wazise abantu ngeentlanganiso zethu zasekuhlaleni. Yikhankanye into yokuba ezintlanganisweni akungenwa ngamali yaye akukho nkongozelo. Chaza indlela eziqhutywa ngayo ezi ntlanganiso. Mazise ukuba ezi zizifundo zeBhayibhile yaye umbandela ofundwayo uyafumaneka ukuba bonke balandele. Chaza nokuba abo beza kwezi ntlanganiso baneemvelaphi neendlela zokuphila ezahlukahlukeneyo. Khankanya ukuba aba ngabantu basekuhlaleni yaye abantwana abakubudala obahlukahlukeneyo bamkelekile ukuba beze. Sifanele sibameme abo sifunda nabo, sibathembisa ngokubanceda ngayo nayiphi na indlela ukuze babekho.

4 Enye yezinto zokugqibela ezibhalwe eBhayibhileni sisimemo esifudumeleyo sokuba nenxaxheba kumalungiselelo kaYehova obomi: “Yaye umoya nomtshakazi bahlala besithi: ‘Yiza!’ . . . Ibe nabani na onxaniweyo makeze; nabani na onqwenelayo makathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhi. 22:17) Akunakuthatyathelw’ indawo ukumema abanye ukuba beze kwiintlanganiso zethu.

5 UIsaya 60:8 ngokuprofetayo uchaza ngamakhulu amawaka abadumisi abatsha ngoku abathontelana kumabandla abantu bakaThixo njengamavukuthu ‘eza ebaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo.’ Sonke singabamemela ezintlanganisweni zethu abasebatsha size sibenze bazive besekhaya. Ngale ndlela, siya kuba sisebenzisana noYehova njengokuba ekhawulezisa umsebenzi wokuhlanganisa.—Isa. 60:22.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share