Ukunxiba Nokuzilungisa Ngendlela Endilisekileyo
1 “Onke amadoda, kwanamakhwenkwe aselula, anxiba amaqhina. Onke amabhinqa namantombazana, afikisayo naselula, anxiba ilokhwe okanye isketi. Akakho umntu onxiba ijean okanye onxibe into evulekileyo esifubeni. Wonke umntu ukhangeleka onwabile.” Yatsho njalo enye ingxelo yoonondaba. Yayichaza luphi uhlobo lwabantu? Ingqungquthela yezobupolitika? Abantu abaze emdlalweni? Abantu abaze kwiqela lomculo? Akunjalo konke konke! Yayichaza iqela labazalwana noodade kwindibano enkulu yesithili.
2 Kwenye indawo ayayinendibano, intatheli yephephandaba yalichaza iqela lamaNgqina ngokuthi: “Onke amadoda acocekile yaye anxibe isuti neqhina. Abafazi banxibe ngokundilisekileyo kodwa kakuhle.” Omnye owayewabonile, umantshingilane wathi: “Niziphethe kakuhle, ninembeko, nicocekile yaye nikhangeleka kakuhle. Intle le nto ndiyibonayo. Kweli hlabathi lingcolileyo, niyakwazi ukuhlala nicocekile!” Hayi indlela amahle ngayo loo mazwi athethwa ngathi. Ngaba asinambulelo ngale ndlela intle ekuthethwa ngayo ngobuzalwana bethu? Kakade ke, bonke abantu ababelapho banegalelo kwingxelo entle ephathelele indlela abakhangeleka ngayo.
3 Saziwa ehlabathini lonke ngenkangeleko yethu eyahlukileyo. (Mal. 3:18) Kutheni sahlukile? Kungenxa yokuba silandela umyalelo weZibhalo othi sifanele ‘sizihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo, ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo.’—1 Tim. 2:9, 10.
4 Ubonisa Ntoni Ngendlela Onxiba Nozilungisa Ngayo? Impahla esiyinxibayo nendlela esiyinxiba ngayo ichaza oko sikuko—iinkolelo zethu, isimo sethu sengqondo notyekelo lwethu. Izimbo zokunxiba esizikhethayo zichaza abantu esingabo noko sikumelayo. Asimele nanini na sikhuthaze indlela yokucinga ethoba isidima nendlela yokuziphatha ekhuthazwa lihlabathi. Undoqo asikukuba isimbo esithile sisexesheni kangakanani na kodwa enoba sifanelekile kwabo bathi bangabalungiseleli bakaThixo. (Roma 12:2) Kunokuba sikhethe indlela yokunxiba nokuzilungisa ebonisa umoya wokuzimela-geqe okanye ubomi bokuziphatha okubi, sifuna ukubonisa ukuba ngokwenene ‘sizukisa uThixo.’—1 Pet. 2:12.
5 Maxa wambi, umntu osemtsha, ongenamava, okanye obuthathaka ngokomoya usenokwamkela nayiphi na indlela yokunxiba nokuzilungisa ekhuthazwa lihlabathi ngaphandle kokuqala acinge ngendlela uYehova aya kujongwa ngayo nentlangano yakhe. Kusenokufuneka ukuba sonke sizihlolisise ukuze sibone enoba asiphenjelelwanga lihlabathi kusini na. Sisenokuthetha nomzalwana okanye udade esimhlonelayo noqolileyo ngokomoya size sicele uluvo lwakhe olunyanisekileyo ngendlela esinxiba nesizilungisa ngayo size emva koko sicingisise nzulu ngoko akucebisayo.
6 Bambi bayavuma ukuba bafanele bayilumkele indlela abanxiba ngayo xa besiya endibanweni. Noko ke, bathob’ umgangatho ngexesha labo lokuphumla emva kocwangciso. Nxibani nize nizilungise ngendlela endilisekileyo efanele abalungiseleli abangamaKristu. (2 Kor. 6:3, 4) Naphi na siphakathi kwabantu, iibheji zethu zendibano nendlela yethu efanelekileyo yokunxiba nokuzilungisa isenza saziwe ukuba singamaNgqina kaYehova. Ngenxa yoko, sifanele sisoloko sinxibe ngendlela efanelekileyo nenesidima, sibonakalisa ukuba ‘asiyonxalenye yehlabathi.’—Yoh. 15:19.
7 Masenze konke okusemandleni ethu kwiNdibano YeSithili yalo nyaka ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo’ size sibonise ukuba ‘sisisizwana esingcwele kuYehova uThixo wethu.’ Indlela entle esijongwa ngayo iya kongeza ‘ekudunyisweni, nakwindili’ kaYehova.—Dut. 26:19.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Indlela Yokuzukisa UYehova:
■ Nxiba ngendlela efanele umlungiseleli kaThixo.
■ Yiphephe indlela yokunxiba ebonakalisa umoya wehlabathi.
■ Bonakalisa ukuthozama, nto leyo ebonakalisa ukuhluzeka kwengqondo.