Ithuba Elikhethekileyo Lokukhuthazana
1 Suku ngalunye abantu bakaYehova bajamelana novavanyo lokholo lwabo. Esazi ukuba unexesha elincinane, uMtyholi wenza konke okusemandleni akhe ukwaphula ingqibelelo yethu kuYehova. (ISityhi. 12:12) Kubalulekile ukuba ‘siqhubeke sizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo’ ukuze ‘sikwazi ukuxhathisa ngemini embi size, nakuba senze zonke izinto ngokucokisekileyo, sime siqinile.’—Efe. 6:10, 13.
2 Ukuhlanganisana namanye amakholwa kulilungiselelo likaYehova lokusinceda sifumane amandla. Umpostile uPawulos wayekuqonda oku. Wayekulangazelela ukuba kunye nabazalwana bakhe abangamaKristu ukuze ‘bakhuthazane’ baze ‘bomelezane.’ (Roma 1:11, 12, umbhalo osemazantsi weNW.) Ukusomeleza ukuze senze ukuthanda kukaThixo, iQumrhu Elilawulayo liye ngothando lalungiselela ithuba lokuba sikhuthazane kwiNdibano YeSithili ezayo ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo.’
3 Yibakho Ukuze Uzuze: Zibekele usukelo lokubakho kuzo zontathu iintsuku. ‘Siyangenelwa’ ngokufika ngaphambi kokuqala kwengoma yokuvula size sihlale de sithi “Amen” kumthandazo wokuqukumbela. (Isa. 48:17, 18) Kuya kufuneka abaninzi bacele emsebenzini kuselithuba ukuze babekho kuzo zontathu ezo ntsuku. Kuyavunywa ukuba, kusenokungabi lula kumqeshi wakho ukuba akuvumele ukuba ungabikho emsebenzini, kodwa uYehova uqinisekisa ukuba uya kusinceda ukuze senze ukuthanda kwakhe. (1 Yoh. 5:14, 15) Ukuba asikawenzi amalungiselelo aqinisekileyo ento yokuhamba nawendawo yokuhlala, eli lixesha elifanelekileyo ukuze izinto zingenzeki ngamabona-ndenzile. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuyisikelela imigudu yethu yokubakho kuzo zonke ezo ntsuku zintathu.—IMize. 10:22.
4 Khangela Phambili Kukhuthazo: Ngaba wakhe wahamba endibanweni yesithili, usithi: “Le yeyona ibisemagqabini!” Kwakutheni ukuze uvakalelwe ngaloo ndlela? Kwakungenxa yokuba thina bantu bangafezekanga ngokuthe ngcembe siyatyhafa, ngaloo ndlela sifune ukukhuthazwa ngokomoya. (Isa. 40:30) Omnye udade wathi: “Le nkqubo yezinto iyandiqoba, yaye iindibano ziyandihlaziya ngokomoya. Kubonakala ngathi ukhuthazo lufika kanye ngexesha elifanelekileyo xa kanye ndilufuna.” Mhlawumbi nawe uye wavakalelwa ngendlela efanayo.
5 Sifumana ukhuthazo olufunekayo kungekhona nje kuphela ngeentetho nangodliwano-ndlebe kodwa nangezinye izinto ezakhayo kwiindibano zethu. Omnye umzalwana wathi: “Eyona nto ndiyixabisa kakhulu kukusetyenziswa kwemigaqo yeBhayibhile ngokucacileyo nangendlela eluncedo. Kakade ke, imidlalo ixabiseke kakhulu ekuboniseni indlela yokuzuza kwimizekelo yamandulo, emihle nemibi. Ndisoloko ndikhangele phambili ekukhululweni kweencwadi, yaye ndiyathanda ukuzifunda ndakuba ndibuyele ekhaya.”
6 Iindibano zililungiselelo elixabisekileyo elivela kuYehova ebudeni bala “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Tim. 3:1) Zisinceda ukuba sithobele isiluleko esiphefumlelweyo esithi: “Hlalani niphaphile, yimani niqinile elukholweni, yibani ngamadoda, yomelelani.” (1 Kor. 16:13) Ngoko ke, masizimisele ukubakho kucwangciso ngalunye size sikuvuyele ukufumana ukhuthazo kwiNdibano YeSithili ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo!’
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Ceba Ukubakho Kuzo Zontathu Iintsuku
■ Cela emsebenzini.
■ Lungiselela indawo yokuhlala kwisixeko esinendibano.
■ Lungiselela into yokuhamba.