IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rs iphe. 422-iphe. 426
  • UkuZilawula

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UkuZilawula
  • Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Amanqaku Afanayo
  • IsoNo
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Amathemba EParadisi Aqinisekile Phezu Kwako Nje Ukungathobeli Komntu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Abasindi Mabangabi “Ngabo Abehlabathi”
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
Ukuqiqa NgeZibhalo
rs iphe. 422-iphe. 426

UkuZilawula

Ingcaciso: Yimeko apho umntu angaxhomekekanga kwabanye, okanye apho athi akaxhomekekanga kubo, ukungathobeli ulwalathiso lwabo okanye impembelelo yabo. Ekubeni bethiwe jize ngelungelo lokuzikhethela, abantu banomnqweno ongokwemvelo womlinganiselo othile wokuzilawula. Noko ke, ukuba lo mnqweno uvunyelwa ngokuthe kratya, ubangela ukukhula kokungathobeli, kwanemvukelo.

Xa abantu beyiphosela kude imilinganiselo yeBhayibhile, ngaba ngokwenene bayayizuza inkululeko?

Roma 6:16, 23: “Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni? . . . Umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.”

Gal. 6:7-9: “Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni. Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla.”

Ukuziphatha okuhle ngokwesini: “Lowo wenza umbulo [uhenyuzo, NW], wona owakhe umzimba.” (1 Kor. 6:18) “Okrexeza umfazi . . . ngumonakalisi womphefumlo wakhe.” (IMize. 6:32) (Ngokubhekisele kubufanasini, bona amaRoma 1:24-27.) (Iintlobano zesini ezingemthetho, okwangoku, zisenokubonakala ziyolisa. Kodwa zikhokelela kwizifo ezenyanyekayo, ukumitha okungafunekiyo, ukuqhomfa, ikhwele, isazela esiphazamisekileyo, ukunxunguphala ngokweemvakalelo, yaye ngokuqinisekileyo ingqumbo kaThixo, lowo ithemba lethu lobomi bexesha elizayo lixhomekeke kuye.)

Usukelo lwezinto eziphathekayo: “Abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi; abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.” (1 Tim. 6:9, 10) “Ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.” (Luka 12:19-21) (Izinto eziphathekayo aziluzisi ulonwabo oluhlala luhleli. Imigudu yokuzuza ubutyebi idla ngokukhokelela kwiintsapho ezingonwabanga, kwimpilo enkenenkene, ekonakaleni okungokomoya.)

Ukuzifica ngokugqith’ emgceni ngotywala: “Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi? Anabo balibala ewayinini, abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo. Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, iluma njengerhamba.” (IMize. 23:29, 30, 32) (Ekuqaleni ukusela kunokubonakala kumnceda umntu alibale iingxaki zakhe, kodwa akuzicombululi. Xa eqabuka, iingxaki zisekho, ngokuqhelekileyo kongezeleleka nezinye. Xa busetyenziswa ngokugqithiseleyo, utywala buyakonakalisa ukuzihlonela komntu, impilo yakhe, ubomi bakhe bentsapho, ulwalamano lwakhe noThixo.)

Ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi: Bona iphepha 406-412, phantsi kothi “IziYobisi.”

Izinxulumani ezibi: Ukuba iqela belikuxelela ukuba beliyazi indlela yokufumana intywenka yemali ngaphandle kokusebenza gqitha, ngaba ubuya kuhamba nalo? “Musa ukuhamba ngendlela nabo; lunqande unyawo lwakho emendweni wabo. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, zikhawulezela ukuphalaza igazi.” (IMize. 1:10-19) Ukuba umntu akangomnquli kaYehova, kodwa ubonakala engumntu olunge kunene, ngaba ubuya kumjonga njengomhlobo ofanelekileyo? UShekem wayengunyana wesikhulu sakwaKanan, ibe iBhayibhile ithi “ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise,” kodwa ‘wamthabatha [uDina], walala naye, wamona.’ (Gen. 34:1, 2, 19) Ngaba isibakala sokuba abanye abantu besenokungayikholelwa inyaniso oyifundileyo kwiLizwi likaThixo simele sibangele umahluko kuwe? “Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.” (1 Kor. 15:33) Ebeya kuvakalelwa njani uYehova ukuba ubuzikhethele njengabahlobo bakho abo bangamthandiyo? Kukumkani wakwaYuda owenza oko, isithethi sikaYehova sathi: “Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.”—2 Kron. 19:1, 2.

Ngoobani ababongoza abantu ukuba bazive bekhululekile ukuba bazenzele izigqibo ezizezabo bengayikhathalelanga imithetho kaThixo?

Gen. 3:1-5: “Ke kaloku inyoka [eyayisetyenziswa njengesithethi nguSathana; bona ISityhilelo 12:9] . . . yathi kumfazi, Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla; ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa: kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.”

Nguwuphi umoya oshukumisa umntu xa etyeshela ukuthanda kukaThixo ukuze anelise iinkanuko zobuqu?

Efe. 2:1-3: “Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso nazizono; enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi [uSathana angumlawuli walo], ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.”

Sisiphi isimo sengqondo sokuzilawula ekubalulekileyo kwabo bathi bakhonza uThixo ukuba basiphephe?

IMize. 16:18: “Ikratshi likhokela intshabalalo; ukuzidla kukhokela ukukhubeka.”

IMize. 5:12: “Uthi, Bendiluthiyeleni na uqeqesho, yasigiba isohlwayo intliziyo yam?” (Isimo sengqondo esinjalo sinokukhokelela umntu kwiingxaki ezinzulu, njengoko umongo ubonisa.)

Num. 16:3: “Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron [uYehova awayebasebenzisa njengabaveleli babantu bakhe], bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?”

Yuda 16: “Aba ngabakrokri abasolayo, behamba ngokweenkanuko zabo, umlomo wabo uthetha iindumbisa zamazwi, bencoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo.”

3 Yoh. 9: “Ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli.”

IMize. 18:1: “Ozahlulayo ufuna umnqweno wakhe; into yonke ezimasayo uyayivungamela.”

Yak. 4:13-15: “Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze; kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka. Endaweni yokuba nithi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le nto, nalaa nto.”

Xa umnqweno womntu wokuzilawula umkhokelela ekuxeliseni ihlabathi elingaphandle kwebandla lamaKristu, uba phantsi kolawulo lukabani? Ibe uThixo ukujonga njani oku?

1 Yoh. 2:15; 5:19: “Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye.” “Ihlabathi liphela lilele kongendawo.”

Yak. 4:4: “Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share